INtshumayeli
10 Kanye njengokuba iimpukane ezifileyo ziyenza inuke kakubi ize ibile ioli yomenzi weziqholo, nobudenge obuncinci buyabogquma ubulumko nozuko.+
2 Intliziyo yesilumko isisa kwindlela elungileyo,* kodwa intliziyo yesidenge isisa kwindlela ephosakeleyo.*+ 3 Nokuba isidenge sihamba phi, asiyisebenzisi ingqondo,*+ senza wonke umntu abone ukuba sisidenge.+
4 Ukuba umlawuli uyakungxolisa, ungemki endaweni yakho,+ kuba ukuzola kuthintela izono ezinzulu.+
5 Nantsi into ebuhlungu endiyibonileyo phantsi kwelanga, impazamo eyenziwa ngabo basemagunyeni:+ 6 Ubudenge bubekwa kwizikhundla ezininzi eziphakamileyo, kodwa izityebi zihlala* kwizikhundla eziphantsi.
7 Ndibone izicaka zikhwele amahashe kodwa iinkosana zihamba ngeenyawo okwezicaka.+
8 Owemba umngxuma usenokuwela kuwo;+ oqhekeza udonga lwamatye usenokulunywa yinyoka.
9 Owemba amatye usenokwenzakaliswa ngawo, nocanda iinkuni usenokwenzakaliswa zizo.*
10 Ukuba izembe libuthuntu aze umntu angaliloli, kuza kufuneka asebenze nzima. Kodwa ubulumko bumnceda aphumelele.
11 Ukuba umntu onobuchule bokulawula inyoka ulunywa yiyo engekayenzi izole, abumncedi nganto ubuchule bakhe.*
12 Amazwi omlomo wesilumko asenza silungelwe,+ kodwa imilebe yesidenge iyasitshabalalisa.+ 13 Amazwi okuqala omlomo waso bubudenge,+ nawokugqibela yimpambano ebangela intlekele. 14 Kodwa isidenge sithetha singayeki.+
Umntu akazi ukuba kuza kwenzeka ntoni; ngubani onokumxelela into eza kwenzeka xa engasekho?+
15 Ukusebenza nzima kwesidenge kuyasidinisa, kuba asazi nendlela le eya esixekweni.
16 Akukubi nje elizweni xa ukumkani eyinkwenkwe+ neenkosana ziqalisa kwakusasa ukwenza amatheko! 17 Akumnandi nje elizweni xa ukumkani engunyana wasebukhosini, neenkosana zisitya ngexesha elifanelekileyo ukuze zizuze amandla, hayi kuba zifuna ukunxila!+
18 Ngenxa yobuvila ayawa amaplanga ophahla, nangenxa yokuyekelela izandla indlu iyavuza.+
19 Isonka sibangela* ukuba kuhlekwe, newayini ibenza mnandi ubomi;+ kodwa kuzo zonke izinto yimali ethethayo.+
20 Ungamqalekisi nakwiingcinga zakho* ukumkani,+ ungaziqalekisi nezityebi xa usegumbini lakho lokulala; kuba eso sandi sinokudluliselwa* yintaka,* okanye isidalwa esinamaphiko sisenokuyiphinda loo nto uyithethileyo.