INtshumayeli
11 Phosa isonka sakho emanzini,+ kuba uza kuphinda usifumane ekuhambeni kwexesha.+ 2 Isabelo sakho siphe abasixhenxe noba basibhozo,+ kuba awuyazi intlekele eza kwehla emhlabeni.
3 Ukuba amafu agcwele ngamanzi, aza kunethisa imvula emhlabeni; ukuba umthi uwela ngasemzantsi okanye ngasemntla, uza kuhlala apho uwele khona.
4 Ogadene nomoya soze atyale mbewu, nogadene namafu soze avune.+
5 Kanye njengokuba ungawazi ukuba usebenza njani umoya emathanjeni osana esiswini* somfazi okhulelweyo,+ awuwazi nomsebenzi kaThixo wokwenene, owenza zonke izinto.+
6 Tyala imbewu yakho kwakusasa, ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa;+ kuba awazi ukuba yeyiphi eza kuhluma, enoba yile okanye yileya, okanye ziza kuhluma zombini.
7 Kutsho kamnandi ukukhanya, ibe ukubona ilanga kuyawanceda amehlo. 8 Kuba ukuba umntu uye waphila iminyaka emininzi, makayonwabele yonke.+ Kodwa umele akhumbule ukuba nemihla yobumnyama ingamininzi; suku ngalunye oluzayo lulilize.+
9 Bonwabele ubutsha bakho mfana, uyivumele yonwabe intliziyo yobutsha bakho. Landela iindlela zentliziyo yakho, uye nalapho amehlo akho akusa khona; kodwa wazi ukuba uThixo wokwenene uza kukugweba.*+ 10 Ngoko ke lisuse ixhala entliziyweni yakho, uziphephe nezinto ezinokukwenzakalisa emzimbeni, kuba ubutsha nokuza ngobuso elizweni lilize.+