INtshumayeli
12 Mkhumbule uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobutsha bakho,+ ngaphambi kokuba ifike imihla yeenkathazo,*+ neminyaka oya kuthi ngayo: “Ayimnandanga”; 2 ngaphambi kokuba ilanga nokukhanya nenyanga neenkwenkwezi zibe mnyama,+ namafu abuye emva kwezantyalantyala* zemvula; 3 mhla lowo abaya kungcangcazela ngawo oonogada* bendlu, agobe amadoda omeleleyo, nabafazi bayeke ukusila kuba bembalwa, kube mnyama nakumanenekazi ajonge ngeefestile;+ 4 xa ziya kube zivaliwe iingcango ngasesitratweni, xa isandi selitye lokuguba sivakala kancinci, xa uvuswa nasisandi esi sentaka, yaye zonke iintombi zengoma zivakala kancinci.+ 5 Kwakhona, umntu uza kuzoyika iindawo eziphakamileyo, ankwantye nasesitratweni. Uyatyatyamba umthi wom-amangile,+ intethe iyazirhuqa, liyagqabhuka iqunube, ngoxa umntu ehamba esiya endlini yakhe ehlala ikho,+ nabo bazilileyo behamba bejikeleza isitrato;+ 6 mkhumbule ngaphambi kokuba ishenxiswe intambo yesilivere, sikrotyozwe isitya segolide, yaphulwe ingqayi emthonjeni, likrotyozwe nevili lamanzi equleni. 7 Ngoko uthuli lubuyela emhlabeni,+ apho lwaluvela khona, nomoya ubuyele* kuThixo wokwenene, njengoko wawuvela kuye.+
8 “Elona lize!” utsho umhlanganisi.+ “Yonke into ililize.”+
9 Umhlanganisi akazange aphelele nje ekubeni sisilumko, kodwa waqhubeka efundisa abantu izinto azaziyo,+ ibe wacingisisa waza waphandisisa ukuze aqokelele* imizekeliso emininzi.+ 10 Umhlanganisi wakhangela amazwi obuciko,+ wabhala amazwi achanileyo enyaniso.
11 Amazwi ezilumko anjengeemviko,+ yaye ingqokelela yamazwi obulumko injengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona; amazwi azo avela kumalusi omnye. 12 Ngaphezu koko, nyana wam, lumka: Ukwenza iincwadi ezininzi akupheli, yaye ukuzinikela kakhulu kuzo kudinisa inyama.+
13 Emva kwayo yonke le nto, ndingashwankathela ngokuthi: Yoyika uThixo wokwenene+ uze uthobele imiyalelo yakhe,+ kuba le yeyona nto ifunekayo emntwini.+ 14 Kuba uThixo wokwenene uza kusiphendulisa ngayo yonke into esiyenzayo, naleyo ifihlakeleyo, nokuba ilungile okanye imbi.+