IiNdumiso
Owu Yehova Thixo wam, umkhulu kakhulu.+
Wambethe uzuko* nobungangamsha.+
3 Ubeka iipali kumagumbi akhe aphezulu emanzini asesibhakabhakeni,*+
Esenza amafu abe yinqwelo yakhe,+
Ehamba ngamaphiko omoya.+
7 Wathi usakuwakhalimela, abaleka;+
Athi akuva isandi sendudumo yakho, abaleka esoyika,
8 Iintaba zenyuka,+ neentlambo zehla,
Zaya kwindawo owawuzibekele yona.
10 Uthumela imithombo ezintlanjeni;
Iqhubeka ihamba phakathi kweentaba.
11 Iseza onke amarhamncwa asendle;
Iidonki zasendle ziqabula unxano lwazo kuyo.
12 Entla kwayo kuhlala iintaka zezulu;
Zintyiloza phakathi kwamahlamvu ashinyeneyo.
13 Unkcenkceshela iintaba esemagumbini akhe aphezulu.+
Umhlaba waneliswa sisiqhamo semisebenzi yakho.+
14 Uhlumisa ingca esenzela iinkomo,
Notyani ukuze lusetyenziswe ngabantu,+
Kuphume ukutya emhlabeni,
15 Iwayini evuyisa intliziyo yomntu,+
Ioli ekhazimlisa ubuso,
Nesonka esixhasa intliziyo yomntu.+
16 Imithi kaYehova yanelisekile,
Imisedare yaseLebhanon ayityalileyo,
17 Apho iintaka zizenzela khona iindlwane.
Indlu yengwamza+ isemithini yejunipha.
22 Lithi lakuphuma ilanga,
Ziye kubuthuma kwiindawo zazo.
23 Umntu uyaphuma aye emsebenzini wakhe,
Aze abile esoma de kuhlwe.
24 Mininzi ngeyona ndlela imisebenzi yakho, Yehova!+
Yonke uyenze ngobulumko.+
Umhlaba ugcwele zizinto ozidalileyo.
28 Ziqokelela loo nto uzinika yona.+
Xa uvula isandla sakho, zifumana intabalala yezinto ezintle.+
29 Ziyaphazamiseka xa ubufihla ubuso bakho.
Ziyafa xa ususa umoya wazo, zibuyele eluthulini.+
31 Uzuko lukaYehova luza kubakho ngonaphakade.
UYehova uza kuvuyiswa yimisebenzi yakhe.+
33 Ndiza kumculela uYehova+ ubomi bam bonke;
Ndiza kuhlala ndimdumisa ngengoma* uThixo wam ndisaphila nje.+
34 Ndifuna iingcinga zam zimvuyise.*
Ndiza kuvuyiswa nguYehova.
Mandimdumise* uYehova. Dumisani uYa!