Ubuhle Bendalo KaYehova
‘Unobungangamsha Ngaphezu Kweentaba’
UKUBUKELA ukuphuma kwelanga encochoyini yeNtaba iFuji ngumbono ongenakulibaleka. Ilanga eligqengegqenge libonakala elundini phaya, likhanyisa ikhephu namatye anodaka lwentaba-mlilo. Njengoko kuqala olunye usuku, isithunzi esicacileyo sentaba ngokukhawuleza sinabela kwiinduli nakwiintlambo kumgama oziikhilomitha ezithile.
NjengeNtaba iFuji—gama elo elalikhe labhalwa ngoonobumba nelithetha ukuthi “ayinakulinganiswa nanto”—iintaba ezinkulu zisoloko zisimangalisa. Eneneni, zisenza sizive sibancinane! Ubukhulu beentaba bubangela abantu abaninzi bakholelwe ukuba kwezona ntaba ziphakamileyo, ezisoloko zigqunywe yinkungu nangamafu, kwakuhlala oothixo.
Okuphela koThixo odunyiswa ngokunyanisekileyo ziincopho zeentaba nguMdali wazo obalaseleyo, uYehova. Nguye kuphela “uMyili weentaba.” (Amosi 4:13) Phantse isahlulo sesine somhlaba sineentaba, yaye xa uThixo wadala isijikelezi-langa sethu, wenza iincopho ezimangalisayo nodederhu lweentaba. (INdumiso 95:4) Ngokomzekelo, kukholelwa ukuba udederhu lweentaba zeeHimalaya neeAndes lwabangelwa lugqabhuko-dubulo olukhulu emathunjini omhlaba nangenxa yokushukuma kweendawo ezithile kuwo.
Thina bantu asiyiqondi ngokupheleleyo indlela ezabakho ngayo iintaba nesizathu sokuba zibekho. Eneneni, asikwazi ukuyiphendula imibuzo eyabuzwa uYobhi olilungisa ethi: “Wawuphi na ekusekeni kwam [mna Yehova] umhlaba? . . . Zitshone entwenini iziseko zawo?”—Yobhi 38:4-6.
Noko ke, siyazi ukuba ubomi bethu buxhomekeke kwiintaba. Bezibizwa ngokuba ngumthombo wamanzi, ekubeni yonke imilambo emikhulu ifumana amanzi avela ezintabeni yaye abantu abasisiqingatha emhlabeni baxhomekeke kwiintaba ukuze bafumane amanzi. (INdumiso 104:13) Ngokutsho kwephephancwadi iNew Scientist, “izityalo eziphambili ezityiwayo ehlabathini ezi-6 kwezingama-20 zivela ezintabeni.” Kwimozulu entle yehlabathi likaThixo elitsha elithenjisiweyo, “kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:16; 2 Petros 3:13.
Kwabaninzi, xa kukhankanywa iintaba kuye kuthi qatha iiAlps zaseYurophu. Ezi ntaba ziphakamileyo, eziquka iNtaba iCivetta eboniswe apha, zibubungqina obumangalisayo bokuba ukho uMdali. (INdumiso 98:8) Zidumisa uYehova, lowo “umisela ngokuqinileyo iintaba ngamandla akhe.”—INdumiso 65:6.a
Zintle ngendlela emangalisa ngokwenene iiAlps, incopho yazo neenduli ezigqunywe ngumkhenkce, amathambeka azo agqunywe likhephu, iintlambo, amachibi namadlelo azo. UKumkani uDavide wachaza uYehova ‘njengaLowo uhlumisa ingca eluhlaza ezintabeni.’—INdumiso 147:8.
Udederhu lweenduli—njengeenduli eziseGuilin, eTshayina—zisenokubonakala zingenamtsalane ungako njengeeAlps, kodwa zintle ngokukhethekileyo. Zenze umkrozo ngakuMlambo iLi, yaye iindwendwe zitsalwa bubuhle bazo. Ukubukela amanzi angcwengileyo equkuqela kwezi nduli zinenkungu kunokwenza ubani acinge ngamazwi omdumisi athi: “[UYehova] uthumela imithombo ezintlanjeni; iqhubeka ihamba phakathi kweentaba.”—INdumiso 104:10.
Sifanele sichukumiseke xa sibona iintaba kuba siyaziqonda ukuba ziyinxalenye ezukileyo yelungiselelo lothando loMdali ukuze abantu bonwabe xa bezibona. Nangona zimangalisa, iintaba azinakulingana nobungangamsha bukaYehova. Ngokwenene “unobungangamsha ngaphezu kweentaba.”—INdumiso 76:4.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2004, kuMatshi nakuAprili.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
Abantu abalishumi ekhulwini ehlabathini bahlala kwiindawo ezineentaba. Kodwa oko asingomqobo kwabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Aba balungiseleli bangamaKristu baxakeke gqitha kwimimandla emininzi ephakamileyo. Yaye “hayi indlela ezibukeka ngayo ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo, lowo uvakalisa uxolo, lowo uzisa iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi, lowo uvakalisa usindiso!”—Isaya 52:7.
Umdumisi wacula esithi: “Iintaba eziphakamileyo zezeebhokhwe zasezintabeni.” (INdumiso 104:18) Iibhokhwe zasezintabeni, njengebhokhwe yasendle ekuthiwa yiNubian ibex neneempondo ezintle, yenye zezilwanyana zasentabeni ezichul’ ukunyathela. Zona ziyakwazi ukuhamba kungqameko lwamawa olubonakala kungenakuhanjwa kulo. Le bhokhwe iyakwazi ukuhlala kwiindawo ekungenakufikelwa kuzo. Oku kubangelwa yindlela ezimile ngayo iimpuphu zayo. Iinyawo zayo zivele zithi nca kuloo mawa, nto leyo ebangela esi silwanyana sibambelele ngokuqinileyo xa simile okanye xa sihamba kungqameko oluncinane. Eneneni, le bhokhwe idalwe ngeyona ndlela ibalaseleyo!
[Umfanekiso okwiphepha 9]
INtaba iFuji, eHonshu, eJapan