Eyokuqala YooKumkani
1 UKumkani uDavide wayesele aluphele,+ iminyaka* yakhe ihambile, ibe wayengafudumali nokuba sele esombathiswa. 2 Ngoko izicaka zakhe zathi kuye: “Inkosi yam ukumkani mayifunelwe intombazana engazange yalala nandoda, eza kuyonga. Iza kulala esifubeni sakho, ukuze ifudumale inkosi yam ukumkani.” 3 Bakhangela intombazana entle kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi+ umShunem,+ bamzisa kukumkani. 4 Le ntombazana yayintle ngeyona ndlela, ibe yamonga ukumkani, kodwa ukumkani akazange abelane nayo ngesondo.
5 Ngelo xesha, uAdoniya+ unyana kaHagiti wayeziphakamisa, esithi: “Ndiza kuba ngukumkani!” Wafumana inqwelo nabakhweli-mahashe namadoda ayi-50 ukuze abaleke phambi kwakhe.+ 6 Kodwa utata wakhe akazange amngxolise* athi: “Uyenzele ntoni le nto?” Wayekwayiyo nenzwana, ibe umama wakhe wayemzele emva koAbhisalom. 7 UAdoniya wathetha noYowabhi unyana kaTseruya nombingeleli uAbhiyatare,+ bamnceda baza bamxhasa.+ 8 Kodwa umbingeleli uTsadoki,+ uBhenaya+ unyana kaYehoyada, umprofeti uNatan,+ uShimeyi,+ uReyi namagorha kaDavide+ abazange bamxhase uAdoniya.
9 Ekugqibeleni uAdoniya wenza umbingelelo+ weegusha, iinkomo nezilwanyana ezityebileyo kufuphi nelitye laseZohelete, elikufuphi nase-En-rogele, wamema bonke abantakwabo oonyana bakakumkani, nawo onke amadoda akwaYuda angabakhonzi bakakumkani. 10 Kodwa akazange ammeme umprofeti uNatan, uBhenaya, amadoda kaDavide angamakroti nomntakwabo uSolomon. 11 Wathi uNatan+ kuBhatshebha,+ umama kaSolomon:+ “Awuvanga na ukuba uAdoniya+ unyana kaHagiti ngukumkani, ibe inkosi yethu uDavide ayazi kwanto ngaloo nto? 12 Yiza ndikucebise, ukuze ukwazi ukusindisa ubomi bakho nobonyana* wakho uSolomon.+ 13 Yiya kuKumkani uDavide, uthi kuye, ‘Awuzange ufunge na nkosi yam kumkani, uthi kwisicaka sakho: “Unyana wakho uSolomon uza kuba ngukumkani emva kwam, ibe nguye oza kuhlala etroneni yam”?+ Ngoku kutheni inguAdoniya ukumkani?’ 14 Uza kuthi usathetha nokumkani, mna ndingene ndikungqinele.”
15 Ngoko uBhatshebha waya kukumkani egumbini lakhe. Ukumkani wayesele elixhego, ibe wayenyanyekelwa nguAbhishagi+ umShunem. 16 UBhatshebha waqubuda kukumkani, waza ukumkani wathi: “Uze kucela ntoni?” 17 Wathi: “Nkosi yam, wena wafunga kwisicaka sakho ngoYehova uThixo wakho usithi, ‘Unyana wakho uSolomon uza kuba ngukumkani emva kwam, nguye oza kuhlala etroneni yam.’+ 18 Kodwa jonga! uAdoniya uye wangukumkani, ibe inkosi yam ukumkani ayazi nto ngaloo nto.+ 19 UAdoniya uye wabingelela ngeenkunzi zeenkomo, izilwanyana ezityebileyo neegusha ezininzi, wamema bonke oonyana bakakumkani nombingeleli uAbhiyatare noYowabhi intloko yomkhosi;+ kodwa akammema uSolomon umkhonzi wakho.+ 20 Ngoku nkosi yam kumkani, amaSirayeli onke alindele ukuba uwaxelele ukuba ngubani oza kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emva kwayo. 21 Ukuba inkosi yam ukumkani ayiyenzi loo nto, iza kuthi yakulala kookhokho bayo, kuthiwe mna nonyana wam uSolomon siziintshaba.”
22 Wathi esathetha nokumkani, kwangena umprofeti uNatan.+ 23 Ngoko nangoko, kwathiwa kukumkani: “Nanku umprofeti uNatan!” Wangena waza waqubuda phambi kokumkani. 24 Wathi uNatan: “Nkosi yam kumkani, utshilo na ukuthi, ‘NguAdoniya oza kuba ngukumkani emva kwam, yaye nguye oza kuhlala etroneni yam’?+ 25 Kuba namhlanje wehlile waya kubingelela+ ngeenkunzi zeenkomo, izilwanyana ezityebileyo neegusha ezininzi, wamema bonke oonyana bakakumkani neentloko zomkhosi noAbhiyatare umbingeleli.+ Balapho kunye naye ngoku, bayatya futhi basela kunye naye, bemana besithi, ‘Phila ngonaphakade Kumkani uAdoniya!’ 26 Kodwa akandimemanga mna sicaka sakho, umbingeleli uTsadoki, uBhenaya+ unyana kaYehoyada noSolomon isicaka sakho. 27 Nguwe na nkosi yam kumkani othe makwenziwe le nto, ungasixelelanga isicaka sakho ukuba ngubani ofanele ahlale etroneni yenkosi yam ukumkani emva kwayo?”
28 Waphendula ke uKumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni uBhatshebha.” Ngoko nangoko wangena waza wema phambi kokumkani. 29 Ukumkani wafunga wathi: “Ephila nje uYehova, lowo wandihlangula* kuzo zonke iingxaki zam,+ 30 kanye njengoko ndafunga kuwe ngoYehova uThixo kaSirayeli ndisithi, ‘Ngunyana wakho uSolomon oza kuba ngukumkani emva kwam, kwaye nguye oza kuhlala etroneni yam endaweni yam!’ yiloo nto endiza kuyenza namhlanje.” 31 Waza uBhatshebha waqubuda kukumkani, wathi: “Mayiphile ngonaphakade inkosi yam uKumkani uDavide!”
32 Ngoko nangoko uKumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni umbingeleli uTsadoki, umprofeti uNatan noBhenaya+ unyana kaYehoyada.”+ Ngoko beza phambi kokumkani. 33 Ukumkani wathi kubo: “Hambani nezicaka zenkosi yenu, nikhwelise unyana wam uSolomon kwimeyile yam*+ nize nehle naye niye eGihon.+ 34 Umbingeleli uTsadoki nomprofeti uNatan baza kumthambisela+ apho ukuze abe ngukumkani kaSirayeli; emva koko vuthelani uphondo nize nithi, ‘Phila ngonaphakade Kumkani uSolomon!’+ 35 Xa ebuya mlandeleni de angene, ahlale etroneni yam. Uza kuba ngukumkani endaweni yam, ndimenze inkokheli kwaSirayeli nakwaYuda.” 36 Ngoko nangoko, uBhenaya unyana kaYehoyada wamphendula ukumkani wathi: “Amen! Kwanga uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani angayingqina loo nto. 37 Kanye njengokuba uYehova wayekunye nenkosi yam ukumkani, makabe noSolomon.+ Kwanga uThixo angayenza itrone yakhe ibe nkulu kunetrone yenkosi yam uKumkani uDavide.”+
38 Emva koko, umbingeleli uTsadoki, umprofeti uNatan, uBhenaya+ unyana kaYehoyada, amaKereti namaPeleti+ behla baza bamkhwelisa uSolomon kwimeyile kaKumkani uDavide,+ bamzisa eGihon.+ 39 Umbingeleli uTsadoki wathatha uphondo lweoli+ ententeni,+ wathambisa uSolomon,+ wavuthela uphondo, waza wonke umntu wakhwaza esithi: “Phila ngonaphakade Kumkani uSolomon!” 40 Emva koko, walandelwa nguye wonke umntu, kudlalwa neefleyiti. Ndlela le abantu ababonwabe ngayo, kwada kwacandeka nomhlaba ngenxa yengxolo yabo.+
41 UAdoniya nabo bonke awayebamemile bayiva loo ngxolo xa begqiba ukutya.+ Akuva kukhala uphondo, uYowabhi wathi: “Kutheni kungxolwa kangaka nje esixekweni?” 42 Wathi esathetha, kwafika uYonatan+ unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena, kuba uyindoda elungileyo, umele ukuba uze neendaba ezimnandi.” 43 UYonatan wathi kuAdoniya: “Akunjalo! Inkosi yethu uKumkani uDavide yenze uSolomon ukumkani. 44 Ukumkani umkhuphe nombingeleli uTsadoki, umprofeti uNatan, uBhenaya unyana kaYehoyada, amaKereti kunye namaPeleti, bamkhwelisa kwimeyile kakumkani.+ 45 Emva koko, umbingeleli uTsadoki nomprofeti uNatan bamthambise eGihon, waza waba ngukumkani. Basuke apho ke bonwabile, nesixeko sixokozela. Yiloo ngxolo ke le beniyiva. 46 Enye into, uSolomon uhleli kwitrone yobukumkani. 47 Akuphelelanga apho. Izicaka zikakumkani ziye zeza kuvuyisana nenkosi yethu uKumkani uDavide zisithi, ‘Kwanga uThixo wakho angenza igama likaSolomon libe likhulu kakhulu kunegama lakho, kwanga angayenza itrone yakhe iphakame kakhulu kuneyakho!’ Uthe akuyiva loo nto ukumkani, waqubuda esebhedini yakhe, 48 wathi, ‘Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli, oye namhlanje wandinika umntu oza kuhlala etroneni yam, waza wandivumela ukuba ndiyibone ngawam amehlo loo nto!’”
49 Bonke ababemenyiwe nguAdoniya boyika kakhulu, baphakama bemka. 50 NoAdoniya woyika uSolomon, ngoko waphakama wayokubamba iimpondo zesibingelelo.+ 51 Kwathiwa kuSolomon: “UAdoniya uye woyika uKumkani uSolomon, waza wabamba iimpondo zesibingelelo, esithi, ‘UKumkani uSolomon makaqale afunge ukuba akazukumbulala ngekrele umkhonzi wakhe.’” 52 USolomon wathi: “Ukuba uziphatha kakuhle, akukho nalunye unwele lwakhe oluza kuwela phantsi; kodwa ukuba wenze into embi+ uza kufa.” 53 Ngoko ke, uKumkani uSolomon wathumela ukuba ehliswe esibingelelweni. Emva koko uAdoniya wangena waza waqubuda kuKumkani uSolomon, wathi uSolomon kuye: “Hamba, goduka.”