IZenzo Zabapostile
14 Ukufika kwabo eIkoniyo bangena kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda baza abantu abaninzi abangamaYuda nabangamaGrike baba ngamakholwa ngenxa yendlela ababethetha ngayo. 2 Kodwa amaYuda awayengazange akholwe antyontyela abantu beentlanga, abafaka umoya ombi ukuba bajikele abazalwana.+ 3 Kwaqengqeleka iintsuku beshumayela, benesibindi negunya ababelinikwe nguYehova.* UThixo wabaxhasa xa babeshumayela ngobubele bakhe* ngokubavumela ukuba bakwazi ukwenza imimangaliso.+ 4 Kodwa abantu beso sixeko baqhekeka phakathi, abanye bakwicala lamaYuda, abanye bakwelabapostile. 5 Xa abantu beentlanga, amaYuda kunye nabalawuli bawo baceba ukubaphatha kakubi baze bababethe ngamatye,+ 6 bayixelelwa loo nto baza babalekela kwizixeko zaseLikawoniya, eziyiListra neDerbhe, babalekela nakwiilali ezikufutshane.+ 7 Baqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo apho.
8 EListra kwakukho indoda eyayihleli phantsi isisiqhwala. Yazalwa isisiqhwala ibe zange yakwazi ukuzihambela. 9 Le ndoda yayimamele njengokuba uPawulos wayethetha. UPawulos wayijonga, wayibona ukuba inokholo lokuba ingaphiliswa.+ 10 Wakhwaza esithi kuyo: “Phakama ume ngeenyawo.” Le ndoda yatsiba yaza yaqalisa ukuhamba.+ 11 Xa abantu abaninzi bayibonayo le nto yayenziwe nguPawulos, bakhwaza ngolwimi lwaseLikawoniya besithi: “Oothixo baye bazenza bafana nabantu, baza behla beza kuthi!”+ 12 Bathi uBharnabhas nguZeyus, yena uPawulos bathi nguHermes kuba nguye owayephambili ekuthetheni. 13 Umbingeleli kaZeyus owayenetempile engasegeyithini yesixeko weza neenkunzi zeenkomo neentyatyambo egeyithini kuba efuna ukubingelela nabo bantu.
14 Kodwa xa umpostile uBharnabhas nompostile uPawulos bayivayo loo nto, bazikrazula iimpahla zabo babaleka bangena phakathi kwabantu, bathi: 15 “Madoda, kutheni nisenza le nto nje? Nathi singabantu abanezigulo zabo njengani.+ Sishumayela iindaba ezilungileyo kuni ukuze niyeke ukukhonza ezi zinto zingancedi nganto, nikhonze uThixo ophilayo, owadala izulu, umhlaba, ulwandle nazo zonke izinto ezikuzo.+ 16 Kumaxesha agqithileyo uye wazivumela iintlanga ukuba zenze unothanda,+ 17 kodwa uye wanibonisa ukuba unjani+ ngokwenza izinto ezintle, eninika iimvula ezivela ezulwini nezivuno,+ eninika ukutya okwaneleyo aze aqinisekise ukuba niyonwaba.”+ 18 Nangona bathetha loo mazwi, babanqanda nzima abo bantu ukuba bangabingeleli kubo.
19 Kodwa kwafika amaYuda evela kwa-Antiyokwe naseIkoniyo aza antyontyela abo bantu+ ukuba bamjikele uPawulos, ngoko bambetha ngamatye baza bamrhuqela ngaphandle kwesixeko becinga ukuba ufile.+ 20 Kodwa ke xa abafundi bamjikelezayo, waphakama waza wangena esixekweni. Ngosuku olulandelayo wemka noBharnabhas baya eDerbhe.+ 21 Emva kokuba beshumayele iindaba ezilungileyo kweso sixeko baza banceda abantu abaninzi bangabafundi, babuyela eListra, eIkoniyo nakwa-Antiyokwe. 22 Babesomeleza abafundi,+ bebakhuthaza ukuba bahlale benokholo besithi: “Simele sinyamezele iintlungu ezininzi ngaphambi kokuba singene kuBukumkani BukaThixo.”+ 23 Bakhetha namadoda aza kuba ngabadala kwibandla ngalinye.+ Bathandaza, bazila ukutya+ baza bawanikela kuYehova* loo madoda awayengamakholwa.
24 Emva koko badlula ePisidiya bayokufika ePamfiliya,+ 25 yaye emva kokuba beshumayele ePerga, baya eAtaliya. 26 Ukusuka apho bahamba ngesikhephe besiya kwa-Antiyokwe, apho uThixo wayebenzele ububele* ukuze bakwazi ukwenza lo msebenzi ababesele bewugqibile ngoku.+
27 Emva kokuba befikile, baqokelela ibandla baza balibalisela zonke izinto uThixo awayezenzile esebenzisa bona, nokuba wayevulele abantu beentlanga ithuba* lokuba babe ngamakholwa.+ 28 Ngoko bachitha ixesha elininzi bekunye nabafundi.