Genesis
3 Inyoka+ yaba yeyona ilumkileyo* kunazo zonke izilwanyana zasendle awayezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?”+ 2 Yena umfazi wathi kwinyoka: “Singazitya iziqhamo zemithi yomyezo.+ 3 Kodwa uThixo uthe ngeziqhamo zomthi osemyezweni phakathi:+ ‘Nimele ningazityi, ningazichukumisi; kungenjalo niza kufa.’ ” 4 Yona inyoka yathi kumfazi: “Ngokuqinisekileyo anizukufa.+ 5 UThixo uyazi ukuba mhla nithe natya kuzo, aza kuvuleka amehlo enu nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.”+
6 Ngenxa yoko umfazi wabona ukuba umthi wawulungele ukutyiwa, uyinto nje enqwenelekayo emehlweni, unqweneleka ngokuwujonga nje. Ngoko wakha isiqhamo sawo waza watya.+ Emva koko wanika nendoda yakhe xa yayikunye naye, yaza nayo yatya.+ 7 Emva koko amehlo abo bobabini avuleka, baza babona ukuba bahamba ze. Ngoko bathunga amagqabi omthi wamafiya,* bazenzela imibhinqo.+
8 Ethubeni beva ilizwi likaYehova uThixo njengoko wayehamba emyezweni emalanga,* yaza indoda nomfazi wayo bamzimela uYehova uThixo phakathi kwemithi yomyezo. 9 UYehova uThixo waqhubeka eyibiza indoda esithi: “Uphi?” 10 Ekugqibeleni yathi: “Ndive ilizwi lakho emyezweni, kodwa ndoyika kuba bendihamba ze, ngoko ndiye ndazimela.” 11 Yena wathi: “Uxelelwe ngubani ukuba uhamba ze?+ Ngaba utyile kumthi ebendikuyalele ukuba ungatyi kuwo?”+ 12 Indoda yathi: “Umfazi ondinike yena, undinike isiqhamo somthi ndaza ke nam ndatya.” 13 Emva koko uYehova uThixo wathi kumfazi: “Yintoni le uyenzileyo?” Umfazi waphendula wathi: “Inyoka indiqhathile, ndaza ndatya.”+
14 Emva koko uYehova uThixo wathi kwinyoka:+ “Kuba wenze le nto, nguwe wedwa oqalekisiweyo kuzo zonke izilwanyana zasekhaya nakuzo zonke izilwanyana zasendle. Uza kurhubuluza ngesisu, utye uthuli ubomi bakho bonke. 15 Ndiza kubeka ubutshaba*+ phakathi kwakho+ nomfazi+ naphakathi kwenzala* yakho+ nenzala* yakhe.+ Yona iza kukutyumza* intloko+ uze wena uyilume* esithendeni.”+
16 Wathi kumfazi: “Ndiza kuyandisa kakhulu intlungu ekumitheni kwakho; uza kuzala abantwana usezintlungwini, uza kuyifun’ apha indoda yakho, yona ikulawule.”
17 Wathi kuAdam:* “Kuba umamele ilizwi lomfazi wakho waza watya kumthi endakunika umyalelo+ ngawo ndathi, ‘Uze ungatyi kuwo,’ uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho.+ Uza kuyitya imveliso yawo usiva iintlungu, zonke iintsuku zobomi bakho.+ 18 Uza kukuntshulela ameva namakhakakhaka, yaye umele utye imifuno yasendle. 19 Uza kutya isonka* ubile ibunzi, ude ubuyele emhlabeni, kuba wenziwa ngawo.+ Kuba uluthuli, uza kubuyela eluthulini.”+
20 Emva koko uAdam wambiza umfazi wakhe ngokuba nguEva,* kuba wayeza kuba ngumama wabo bonke abantu abaphilayo.+ 21 UYehova uThixo wenzela uAdam nomfazi wakhe iimpahla ezinde ngeemfele, wabanxibisa.+ 22 Emva koko uYehova uThixo wathi: “Ngoku umntu uye wafana nathi, wazigqibela ngokulungileyo nokubi.*+ Ngoko ukuze angasithathi isiqhamo somthi wobomi,+ atye aze aphile ngonaphakade,—” 23 Ngokukhawuleza uYehova uThixo wamgxotha emyezweni wase-Eden+ ukuze ayokulima umhlaba awathathwa kuwo.+ 24 Wamkhupha umntu, wamisa iikherubhi+ nekrele elivuthayo, elijikelezayo ngasempuma komyezo wase-Eden ukuze kuqhubeke kugadwe indlela eya emthini wobomi.