Hezekile
11 Ndafunqulwa ngumoya wandisa kwigeyithi engasempuma yendlu kaYehova, igeyithi ejonge kwicala elingasempuma.+ Apho ngasegeyithini ndabona amadoda ayi-25, ibe phakathi kwawo kwakukho uYahazaniya unyana ka-Azure noPelatiya unyana kaBhenaya, iinkosana zabantu.+ 2 Wathi kum: “Nyana womntu, ngawo ke la amadoda aceba ububi, nacebisa izinto ezimbi kwesi* sixeko. 3 Athi, ‘Ayililo na ixesha lokwakha izindlu eli?+ Isixeko* siyimbiza,*+ thina siyinyama.’
4 “Ngoko ke profeta ngawo. Profeta, nyana womntu.”+
5 Emva koko, ndafikelwa ngumoya kaYehova,+ wathi: “Yithi, ‘Uthi uYehova: “Ninyanisile ngale nto niyithethayo ndlu kaSirayeli, ibe ndiyayazi into eniyicingayo. 6 Nibulalise abantu abaninzi kwesi sixeko, nezitrato zaso nizigcwalise ngabantu abafileyo.”’”+ 7 “Ngoko ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Izidumbu enizithe saa esixekweni yinyama, sona isixeko yimbiza.+ Kodwa nina niza kukhutshwa kuso.’”
8 “‘Noyike ikrele,+ kodwa ndiza kunizisela lona kanye ikrele,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 9 ‘Ndiza kunikhupha kuso ndininikele kwabasemzini, ndize ndinigwebe.+ 10 Niza kuwa ngekrele.+ Ndiza kunigweba emdeni wakwaSirayeli,+ nitsho nazi ukuba ndinguYehova.+ 11 Isixeko asizukuba yimbiza yenu, nani anizukuba yinyama engaphakathi kwaso; ndiza kunigweba emdeni wakwaSirayeli, 12 nitsho nazi ukuba ndinguYehova. Kuba aniyithobelanga imiyalelo yam nezigwebo zam,+ kodwa nenze ngokwezigwebo zeentlanga ezinijikelezileyo.’”+
13 Kanye xa ndigqiba ukuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya, ndaza ndaqubuda, ndatsho ngesikhalo esikhulu ndathi: “Owu, Nkosi enguMongami Yehova! Uza kubatshabalalisa bonke na abashiyekileyo kwaSirayeli?”+
14 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 15 “Nyana womntu, abantakwenu abanelungelo lokuhlawulela, nayo yonke indlu kaSirayeli, baxelelwe le nto ngabemi baseYerusalem, ‘Sukani kuYehova. Lelethu eli lizwe; silinikiwe laba lilifa lethu.’ 16 Ngoko ke yithi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nangona ndibagxothele kude ezintlangeni, ndaza ndabathi saa emazweni,+ ndiza kuba yingcwele yabo okwethutyana kuloo mazwe baye kuwo.”’+
17 “Ngoko ke yithi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kuniqokelela kwezo zizwana ndize ndinihlanganise emazweni enithe saa kuwo, yaye ndiza kuninika ilizwe lakwaSirayeli.+ 18 Kwaye baza kubuyela apho baze bazisuse zonke izithixo ezenyanyekayo nezinto ezicekisekayo abazenzayo.+ 19 Ndiza kubanika intliziyo emanyeneyo,*+ ndifake umoya omtsha kubo.+ Ndiza kuyikhupha intliziyo yelitye emizimbeni yabo,+ ndibanike intliziyo yenyama,*+ 20 ukuze bathobele imithetho yam nezigwebo zam. Baza kutsho babe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.”’
21 “‘“Kodwa ke abo iintliziyo zabo zisaqhubeka nokwenza izinto ezenyanyekayo nezicekisekayo, ndiza kubazisela imiphumo yeendlela zabo phezu kweentloko zabo,” itsho iNkosi enguMongami uYehova.’”
22 Iikherubhi zawaphakamisa amaphiko azo, ibe amavili ayekufuphi nazo,+ nozuko lukaThixo kaSirayeli lwaluphezu kwazo.+ 23 Emva koko, uzuko lukaYehova+ lwenyuka esixekweni, lwaza lwema phezu kwentaba engasempuma kwesixeko.+ 24 Ndafunqulwa ngumoya, embonweni ngomoya kaThixo, wandisa kubantu abathinjiweyo kwelamaKhaledi. Emva koko, wemka kum loo mbono. 25 Ndabaxelela abathinjwa zonke izinto endandiziboniswe nguYehova.