Amosi
9 Ndambona uYehova+ emi ngentla kwesibingelelo, yaye wathi: “Zibethe phezulu iintsika, ukuze imigubasi inyikime. Zinqumle phezulu, yaye abantu abaseleyo ndiza kubabulala ngekrele. Akukho mntu ubalekayo uya kuqhwesha, nozama ukubhungca akazukukwazi.+
2 Ukuba bemba bahlele engcwabeni,*
Isandla sam siza kubathatha apho;
Nokuba benyukela emazulwini,
Ndiza kubahlisa apho.
Ukuba bayazifihla phambi kwamehlo am baye enzulwini yolwandle,
Ndiza kuthuma inyoka ibalumele apho.
4 Nokuba bathinjwa ziintshaba zabo,
Ndiza kuliyalela ikrele, libabulalele apho;+
Ndiza kuwathi ntsho kubo amehlo am, ndibazisele okubi, hayi okulungileyo.+
5 INkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, yiyo echukumisa ilizwe,*
Linyibilike,+ baze bonke abemi balo bazile;+
Lonke liza kunyuka njengomNayile,
Lize liphinde liwuthe njengomNayile waseYiputa.+
6 ‘Lowo wakha izitepsi zakhe emazulwini,
Aze amise isakhiwo sakhe phezu komhlaba;
Lowo ubiza amanzi olwandle,
Aze awagalele phezu komhlaba,+
NguYehova igama lakhe.’+
7 ‘Anifani noonyana bamaKushe na kum maSirayeli?’ utsho uYehova.
8 ‘Jonga! Amehlo eNkosi enguMongami uYehova aphezu kobukumkani obunesono,
Ibe uza kubucima igama phezu komhlaba.+
Kodwa andizukuyitshabalalisa ngokupheleleyo indlu kaYakobi,’+ utsho uYehova.
9 ‘Jonga! Ndikhupha umyalelo,
Ndiza kuyihlukuhla indlu kaSirayeli phakathi kwazo zonke iintlanga,+
Kanye njengokuba umntu ehlukuhla isihluzo,
Kuze kungabikho hlalutye luwela emhlabeni.
10 Baza kufa ngekrele, bonke abantu bam abonayo,
Abo bathi, “Intlekele ayizukusondela kuthi okanye isifumane.”’
11 ‘Ngaloo mini ndiza kuyivusa intente kaDavide+ ewileyo,
Ndiza kuzingciba iintanda zayo,
Namabhodlo ayo ndiza kuwavusa;
Ndiza kuyakha ibe njengakwimihla yakudala,+
12 Ukuze bathathe izinto ezishiyekileyo kwaEdom,+
Nazo zonke iintlanga ezibizwe ngegama lam,’ utsho uYehova, owenza le nto.
13 ‘Jonga! Kuza imihla,’ utsho uYehova,
‘Apho umlimi eya kufikela umvuni,
Nalowo uphethe imbewu afikele umxovuli weediliya;+
Ibe iintaba ziza kuvuza iwayini emnandi,+