Amosi
2 “Uthi uYehova,
‘“Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaMowabhi,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba uye watshisa amathambo kakumkani wakwaEdom aba yikalika.
2 Ngoko ndiza kuthumela umlilo kwaMowabhi, uziqwenge iinqaba ezikhuselekileyo zaseKeriyoti;+
UMowabhi uza kufa ngoxa kusitsho ingxolo,
Kuhlatywa umkhosi, kuvakala nesandi sophondo.+
3 Ndiza kumshenxisa umlawuli* kwaMowabhi,
Ibe zonke iinkosana zakhe ndiza kuzibulala kunye nomlawuli wakhe,”+ utsho uYehova.’
4 Uthi uYehova,
‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaYuda,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Ngenxa yokuba ewulahlile umthetho kaYehova,
Nangenxa yokuba engayithobelanga imiyalelo yakhe;+
Kodwa ulahlekiswe bubuxoki obalandelwa ngookhokho bakhe.+
6 Uthi uYehova,
‘Ngenxa yokungathobeli kathathu kukaSirayeli,+ nakane, andizukujika kuloo nto,
Kuba uthengisa amalungisa ngesilivere,
Namahlwempu ngexabiso leembadada.+
7 Bazixovulela eluthulini lomhlaba iintloko zabantu abasweleyo,+
Nendlela yabantu abalulamileyo bayayivala.+
Umntu notata wakhe balala nentombi enye,
Bengcolisa igama lam elingcwele.
8 Banaba ecaleni kwazo zonke izibingelelo+ phezu kweempahla ezithinjwe njengesibambiso;+
Iwayini abayiselayo endlini* yoothixo babo ifunyenwe kwabo bababhatalisileyo.’
9 ‘Kodwa ndim owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwabo,+
Awayemade njengemithi yomsedare, omelele njengemithi yom-oki;
Ndasitshabalalisa isiqhamo sawo ngaphezulu neengcambu zawo ngaphantsi.+
10 Ndanikhupha kwilizwe laseYiputa,+
Ndanihambisa entlango iminyaka eyi-40,+
Ukuze nifumane umhlaba wama-Amori.
Akunjalo na maSirayeli?’ utsho uYehova.
12 ‘Kodwa naqhubeka niselisa amaNaziri iwayini,+
Nabaprofeti nabayalela nisithi: “Nize ningaprofeti.”+
13 Ngoko ndiza kunityumza kuloo ndawo nikuyo,
Kanye njengaxa inqwelo egcwele izithungu ityumza kwanto ephantsi kwayo.
14 Onamendu akazukuba nandawo yakubalekela,+
Lowo womeleleyo uza kuphelelwa ngamandla,
Ibe akukho kroti liza kusinda.
15 Ophatha isaphetha akazukuxhathisa,
Nalowo uneenyawo ezinamendu akazukubaleka,
Nomkhweli wehashe akazukusinda.