Genesis
20 Ngoku uAbraham wayifudusa inkampu yakhe apho,+ waya kwilizwe laseNegebhi waza wahlala phakathi kweKadeshe+ neShure.+ Ngoxa wayesahlala* eGerare,+ 2 uAbraham waphinda wathi ngoSara umfazi wakhe: “Ngudadewethu.”+ Ngoko uAbhimeleki ukumkani waseGerare wathumela ukuba kuziswe uSara.+ 3 Emva koko uThixo wafika kuAbhimeleki ephupheni ngobusuku, wathi kuye: “Ungofileyo ngenxa yenkosikazi oyithathileyo,+ kuba itshatile, ingumfazi wenye indoda.”+ 4 Noko ke, uAbhimeleki wayengekasondeli kuye.* Ngoko wathi: “Yehova, ngaba nyhani uza kulubulala uhlanga olungenatyala?* 5 Akatshongo na yena kum ukuthi, ‘Ngudadewethu,’ naye uSara akatshongo na ukuthi, ‘Ngumntakwethu’? Le nto ndiyenze ngentliziyo enyanisekileyo nangezandla ezimsulwa.” 6 Ngoko uThixo wokwenene wathi kuye ephupheni: “Ndiyazi ukuba le nto uyenze ngentliziyo enyanisekileyo, ngoko ndikunqandile ukuba ungandoni. Yiloo nto ndingakuvumelanga ukuba umchukumise. 7 Ngoku ke mbuyisele umfazi wale ndoda, kuba ingumprofeti,+ kwaye iza kukuthandazela ikucengela,+ uze uhlale uphila. Kodwa ukuba awumbuyiseli, yazi ukuba uza kufa, wena nabo bonke abantu bakho.”
8 UAbhimeleki wavuka ekuseni, wabiza zonke izicaka zakhe, wazixelela yonke into, zaza zoyika kakhulu. 9 Emva koko uAbhimeleki wabiza uAbraham wathi kuye: “Yintoni le usenze yona? Ndikone ngantoni le nto ubangele mna nesizwe sam sone kakhulu kangaka? Ayilunganga into ondenze yona.” 10 UAbhimeleki waphinda wathi kuAbraham: “Ubuyenzela ntoni le nto?”+ 11 UAbraham wathi: “Kaloku ndiye ndazixelela oku, ‘Ngokuqinisekileyo uThixo akoyikwa kule ndawo, kwaye baza kundibulala ngenxa yomfazi wam.’+ 12 Phofu ke ungudadewethu nyhani, intombi katata, kodwa akazalwa ngumama, yaye uye waba ngumfazi wam.+ 13 Xa uThixo wathi mandihambe endlini katata,+ ndathi kumfazi wam: ‘Nantsi indlela omawubonise ngayo ukuba awugungqi ekundithandeni: Nakweyiphi indawo esifika kuyo, uze uthi ngam: “Ngumntakwethu.” ’ ”+
14 UAbhimeleki wathatha iigusha neenkomo, izicaka nezicakakazi wazinika uAbraham, wambuyisela nomfazi wakhe uSara. 15 UAbhimeleki wathi: “Nali ilizwe lam liphambi kwakho. Hlala naphi na apho uthanda khona.” 16 KuSara wathi: “Ndinika umntakwenu+ amaqhosha esilivere ayi-1 000. Abubungqina bokuba umsulwa* kubo bonke abakunye nawe, nakubo bonke abanye, kwaye awuzukuba nagama libi.” 17 UAbraham wathandaza kuThixo wokwenene emcenga, waza uThixo wamphilisa uAbhimeleki nomfazi wakhe namakhobokazana akhe, batsho baba nabantwana; 18 kuba uYehova wayebenze abafumana bantwana bonke abafazi bendlu ka-Abhimeleki* ngenxa kaSara, umfazi ka-Abraham.+