Zekariya
11 “Vula iingcango zakho, Lebhanon,
Ukuze umlilo udle imithi yakho yomsedare.
2 Yenza isijwili, mthi wejunipha, kuba umthi womsedare uwile;
Imithi yodidi itshatyalalisiwe!
Yenzani isijwili mithi yemioki yaseBhashan,
Kuba ihlathi elishinyeneyo liwile!
3 Mamelani! Naso isijwili sabalusi,
Kuba uzuko lwabo lutshatyalalisiwe.
Mamelani! Nako ukugquma kweengonyama,
Kuba amatyholo ashinyeneyo angaseYordan atshatyalalisiwe.
4 “Uthi uYehova uThixo wam, ‘Yalusa umhlambi olungiselelwe ukuxhelwa,+ 5 oxhelwa ngabathengi+ bawo baze bangabekwa tyala. Nabo bawuthengisayo+ bathi, “Makadunyiswe uYehova, kuba ndiza kuba sisityebi.” Nabalusi bawo abanaluvelwano ngawo.’+
6 “‘Kuba andizukuba naluvelwano kubemi belizwe,’ utsho uYehova. ‘Ndiza kwenza mntu ngamnye awele esandleni sommelwane nokumkani wakhe; baza kulityumza ilizwe, yaye andizukubasindisa esandleni sabo.’”
7 Ndawalusa ke umhlambi olungiselelwe ukuxhelwa,+ ndisenzela nina basentlungwini bomhlambi. Ndathatha iintonga ezimbini, enye ndathi nguThandeka, enye ndathi nguManyano,+ ndaza ndalusa umhlambi. 8 Ndagxotha abalusi abathathu ngenyanga enye, kuba ndaphelelwa ngumonde kubo, nabo bandicaphukela. 9 Ndathi: “Ndiza kuyeka ukunalusa. Ofayo makafe. Otshabalalayo makatshabalale. Abashiyekileyo mabaqwengane.” 10 Ndathatha intonga yam enguThandeka+ ndayaphula, ngaloo ndlela ndisaphula isivumelwano endandisenze nazo zonke izizwana. 11 Saphulwa ke ngaloo mini, yaye abasentlungwini bomhlambi ababendibukele babona ukuba eli yayililizwi likaYehova.
12 Ndathi ke kubo: “Ukuba kulungile kuni, ndibhataleni umvuzo wam; kodwa ukuba akunjalo, yekani.” Bandibhatala* umvuzo wam, amaqhosha esilivere ayi-30.+
13 UYehova wathi kum: “Waphose kwindawo yokugcina ubutyebi, la maqhosha abawabone elixabiso elikhulu elindifaneleyo.”+ Ngoko ndawathatha amaqhosha esilivere ayi-30, ndawaphosa kwindawo yokugcina ubutyebi endlini kaYehova.+
14 Emva koko, ndaphula intonga yam yesibini, uManyano,+ ngaloo ndlela ndisaphula ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.+
15 UYehova wathi kum: “Zithathe izixhobo zomalusi ongancedi nganto.+ 16 Kuba ndivusa umalusi elizweni. Akazukuzihoya iigusha ezitshabalalayo;+ akazukuwakhangela amatakane aze anyange ezilimeleyo+ okanye ondle ezikwaziyo ukuma. Kunoko, uyayiqwenga inyama yetyebileyo+ yaye uyaziqhawula iimpuphu zezo gusha.+
17 Uza kuthi shu umalusi wam ongancedi nganto,+ owushiyayo umhlambi!+
Ikrele liza kumxabela engalweni naselihlweni lakhe lasekunene.
Ingalo yakhe iza kushwabana,
Nelihlo lakhe lasekunene alizukubona.”*