Kumalathisi; mayidlalwe ngethi “Sukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam. Xa uSawule wathumela amadoda ukuba ayokugada indlu kaDavide ukuze ambulale.+
59 Ndisindise kwiintshaba zam, owu yhini Thixo wam;+
Ndikhusele kwabo balwa nam.+
2 Ndisindise kwabo bakhohlakeleyo;
Ndisindise kwiindlobongela zamadoda.
3 Jonga! Bandilalele;+
Ndihlaselwa zizigantsontso zamadoda
Ndingakhange ndiwajikele okanye ndone,+ Yehova.
4 Nangona ndingenzanga nto, balungiselela ukundihlasela.
Ndicela uvuke xa ndikubiza, ubone.
5 Kuba wena Yehova Thixo wemikhosi, unguThixo kaSirayeli.+
Vuka uze uzihoye zonke ezi ntlanga.
Sukuzisizela izikhohlakali ezindijikeleyo.+ (Selah)
6 Babuya yonke le mihla ngokuhlwa;+
Bagragrama okwezinja,+ bengqunga esixekweni.+
7 Jonga into ephuma emilonyeni yabo;
Imilebe yabo ifana namakrele,+
Kuba bathi: “Ngubani omameleyo?”+
8 Kodwa wena Yehova, uza kubahleka;+
Uza kuzenza intlekisa zonke iintlanga.+
9 Owu Mandla am, ndiza kukulinda;+
Kuba uThixo yindawo yam yokubalekela ekhuselekileyo.+
10 UThixo ondithanda ngokungagungqiyo uza kundinceda;+
UThixo uza kundenza ndizoyise iintshaba zam.+
11 Ndicela ungababulali, ukuze abantu bam bangayilibali le nto.
Ngamandla akho benze babhadule;
Owu yhini Yehova, bawise khaka lethu.+
12 Ngenxa yesono semilomo yabo, ilizwi lemilebe yabo,
Mabarhintyelwe likratshi labo,+
Ngenxa yokuqalekisa nokuthetha kwabo izinto eziqhathayo.
13 Batshayele ngomsindo;+
Bagqibe, baphele tu;
Bazise ukuba nguThixo olawula kwaYakobi nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+ (Selah)
14 Mababuye ngokuhlwa;
Mabagragrame okwezinja, bangqunge esixekweni.+
15 Mababhadule bekhangela ukutya;+
Ungabavumeli bahluthe okanye bafumane indawo yokulala.
16 Kodwa mna, ndiza kucula ngamandla akho;+
Ndiza kubalisa kwakusasa ngothando lwakho olungagungqiyo ndivuya.
Kuba uyindawo yam yokuzimela ekhuselekileyo+
Nendawo yam yokubalekela xa ndisengxakini.+
17 Owu Mandla am, ndiza kukudumisa ngengoma,+
Kuba uThixo uyindawo yam ekhuselekileyo yokubalekela, uThixo ondithanda ngokungagungqiyo.+