INtshumayeli
9 Ndayifaka entliziyweni yonke le nto ndaza ndagqiba kwelokuba amalungisa nezilumko, kwanemisebenzi yabo, isesandleni soThixo wokwenene.+ Abantu abaluqondi uthando nentiyo eyayikho ngaphambi kwexesha labo. 2 Isiphelo sabo bonke siyafana,+ eselungisa nesomenzi-bubi,+ esomntu olungileyo, ococekileyo nongacocekanga, esabo babingelelayo nesabo bangabingeleliyo. Olungileyo uyafana nomoni; owenza isifungo uyafana nalowo ukulumkeleyo ukwenza isifungo. 3 Nantsi eyona nto ibuhlungu yenzekayo phantsi kwelanga: Ngenxa yokuba bonke abantu benesiphelo esifanayo,+ iintliziyo zabo zigcwele bububi; yaye kukho impambano ezintliziyweni zabo ngoxa besaphila, baze emva koko bafe!
4 Lowo usaphilayo usenethemba, kuba inja ephilayo ibhetele kunengonyama efileyo.+ 5 Kaloku abaphilayo bayazi* ukuba baseza kufa,+ kodwa bona abafileyo abazi nto kwaphela,+ abafumani mvuzo, kuba balityelwe.+ 6 Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele litshabalele, yaye abasenasabelo kwaphela kwizinto ezenzekayo phantsi kwelanga.+
7 Yitya ukutya kwakho wonwabile, usele iwayini yakho uvuya,+ kuba uThixo wokwenene ukholisiwe yimisebenzi yakho.+ 8 Impahla yakho mayihlale imhlophe,* ungayeki nokuthambisa ioli entloko.+ 9 Yonwaba nomfazi wakho omthandayo+ ngayo yonke imihla yobomi bakho obulilize obunikwe nguThixo, yonke imihla yakho elilize, kuba sisabelo sakho eso ebomini ngokusebenza kwakho nzima phantsi kwelanga.+ 10 Nantoni na okwaziyo ukuyenza ngesandla sakho, yenze ngamandla akho onke, kuba akukho msebenzi nakuceba nakwazi nabulumko engcwabeni,*+ apho uya khona.
11 Enye into endiyibonileyo phantsi kwelanga kukuba, iimbaleki ezinamendu azisoloko ziphumelela elugqatsweni, namakroti awasoloko ephumelela emfazweni,+ nezilumko azisoloko zinokutya, neengqondi azisoloko zinobutyebi,+ neengcaphephe azisoloko ziphumelela,+ kuba bonke behlelwa lixesha naziziganeko* ezingalindelekanga. 12 Kuba umntu akalazi ixesha lakhe.+ Kanye njengeentlanzi ezibanjiswa ngomnatha obulalayo, neentaka ezibanjiswa ngesibatha, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha lentlekele, xa libaqubula bengalindelanga.
13 Nantsi enye into endiyibonileyo ngobulumko phantsi kwelanga, yandimangalisa: 14 Kwakukho isixeko esincinci esasinabantu abambalwa; kwafika ukumkani onamandla wasirhangqa, waza wakha udonga olukhulu olomeleleyo. 15 Kwakukho umntu olihlwempu kodwa esisilumko, wasisindisa eso sixeko ngobulumko bakhe. Kodwa akukho mntu wamkhumbulayo loo mntu ulihlwempu.+ 16 Ndaza ke mna ndathi: ‘Ubulumko bubhetele kunamandla;+ kodwa ubulumko behlwempu budeliwe, namazwi alo awahoywa.’+
17 Kubhetele ukumamela amazwi azolileyo esilumko kunokukhwaza komlawuli wezidenge.
18 Ubulumko bubhetele kunezixhobo zemfazwe, kodwa umoni nje omnye angonakalisa izinto ezininzi.+