Eyesibini KwabaseKorinte
3 Ngaba kufuneka siphinde sizazise kuni? Okanye ngaba njengabantu abathile, sifuna iileta ezisincomayo eziya kuni okanye ezivela kuni? 2 Nini ileta yethu,+ ebhalwe ezintliziyweni zethu, eyaziwayo nefundwa ngabo bonke abantu. 3 Kuba kuyacaca ukuba niyileta kaKristu ebhalwe sithi bakhonzi bakaThixo,+ engabhalwanga ngainki kodwa ebhalwe ngomoya kaThixo ophilayo. Ayibhalwanga ematyeni+ kodwa ibhalwe ezintliziyweni.+
4 Kungenxa kaKristu le nto siqiniseke ngolo hlobo phambi kukaThixo. 5 Asizenzanga safaneleka ngokwethu, kodwa nguThixo osenze safaneleka.+ 6 Usenze safaneleka ukuba sikhonze phantsi kwesivumelwano esitsha,+ singakhokelwa ngumthetho obhaliweyo+ kodwa sikhokelwe ngumoya; kuba umthetho obhaliweyo ukhokelela ekufeni,+ kodwa umoya uyaphilisa.+
7 Umthetho okhokelela ekufeni nowawubhalwe ematyeni+ weza ngozuko olukhulu, kangangokuba oonyana bakaSirayeli abazange bakwazi ukujonga uMoses ebusweni ngenxa yozuko olwalukhanyisa ubuso bakhe,+ kodwa olo zuko lwaluza kupheliswa. 8 Zingathini ke ukungabi naluzuko olungaphezulu+ izinto ezenziwa ngumoya?+ 9 Ukuba umthetho owisa isigwebo+ wawuzukile,+ loo nto ithetha ukuba uzuke ngaphezu kwawo umsebenzi owenza abantu babe ngamalungisa.+ 10 Kwanaloo mthetho wawukade uzukile, luthathiwe uzuko lwawo, ngenxa yesivumelwano esitsha esizuke ngaphezu kwawo.+ 11 Kuba ukuba loo mthetho wawuza kupheliswa weza ngozuko,+ kukangakanani ke ngozuko lwesivumelwano esitsha!+
12 Ekubeni sinelo themba,+ sithetha ngokukhululekileyo, 13 ibe asifani noMoses owayesogquma ubuso bakhe+ ukuze oonyana bakaSirayeli bangayiboni into eyayiza kwenzeka kumthetho owawuza kupheliswa. 14 Kodwa iingqondo zabo zavaleka.+ Kude kube namhlanje, iingqondo zabo ziba ngathi zogqunyiwe xa kufundwa isivumelwano esidala,+ kuba zinokutyhilwa kuphela ngoKristu.+ 15 Neentliziyo zabo ziba ngathi zogqunyiwe+ xa kufundwa umthetho kaMoses.+ 16 Kodwa xa umntu ebuyela kuYehova,* iyasuswa loo nto zogqunywe ngayo.+ 17 Kaloku uYehova* nguMoya;+ yaye apho kukho umoya kaYehova,* kukho inkululeko.+ 18 Thina sonke, ngoxa silukhanyisa oku kwezipili uzuko lukaYehova* ngobuso obungogqunywanga, siyatshintshwa sifane naye, size sizuke nakakhulu, kanye ngendlela enza ngayo uYehova* onguMoya.*+