IiNdumiso
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
2 UYehova uza kumkhusela, aze ahlale ephila.
4 Kuba ndathi: “Owu yhini Yehova, ndenzele inceba.+
Ndiphilise,+ kuba ndikonile.”+
5 Kodwa iintshaba zam zindikhohlakalele, zithi:
“Uza kufa nini na lo, acinywe igama?”
6 Xa eze kundibona omnye wazo, intliziyo yakhe ithetha ubuxoki.
Uqokelela ulwimi aza kuluthetha,
Aze ahambe elusasaza.
7 Bayandihleba bonke abandenyanyayo;
Bandicebela iyelenqe, besithi:
10 Kodwa ndicela wena Yehova undenzele inceba, undiphakamise,
Ukuze ndiziphindezele.
11 Ndiza kwazi ngale nto ukuba uyandithanda:
Xa utshaba lwam lungakwazi ukukhwaza luvuyela ukundoyisa.+
Amen, Amen.