IZenzo Zabapostile
18 Emva kwezi zinto wemka eAthene waya eKorinte. 2 Apho wafumana umYuda ogama linguAkwila,+ owazalelwa ePonto, nowayesandula ukufika nomfazi wakhe uPrisila bevela eItali, kuba uKlawudiyo wayeyalele onke amaYuda ukuba emke eRoma. Ngoko waya kubo, 3 yaye kuba babenobuchule obufanayo bokwenza iintente, wahlala emzini wabo, basebenza kunye.+ 4 Wayedla ngokushumayela qho ngesabatha+ kwindlu akhonzela kuyo amaYuda,+ ezama ukweyisela amaYuda namaGrike.
5 Xa uSilas+ noTimoti+ befika bevela eMakedoni, uPawulos waxakeka kakhulu kukushumayela ilizwi kumaYuda, ewabonisa ukuba uYesu nguKristu.+ 6 Kodwa emva kokuba amaYuda eqhubeke emchasa yaye ethetha amazwi ahlabayo, wavuthulula iimpahla zakhe+ waza wathi kuwo: “Nantoni na eyenzekayo kuni, iza kube ibangelwe nini.+ Mna andinatyala legazi lenu.+ Ukususela ngoku ndiza kuya kubantu beentlanga.”+ 7 Ngoko wemka apho waya kwindlu kaTitiyo Yusto, indoda eyayikhonza uThixo, neyayinendlu esecaleni kwaleyo ayekhonzela kuyo amaYuda. 8 Kodwa uKrispo+ igosa eliphethe kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda nendlu yakhe baba ngamakholwa eNkosini. Nabantu abaninzi baseKorinte abayivayo intshumayelo,baba ngamakholwa baza babhaptizwa. 9 Ngaphezu koko, iNkosi yathetha noPawulos ebusuku, embonweni isithi: “Sukoyika, kodwa qhubeka uthetha, ungathuli, 10 kuba ndinawe+ yaye akakho umntu oza kukuhlasela aze akwenzakalise; kuba baninzi abantu kwesi sixeko abaseza kukholwa kum.” 11 Ngoko wahlala apho unyaka neenyanga ezintandathu, efundisa abantu balapho ilizwi likaThixo.
12 Xa uGaliyo wayengumlawuli wephondo laseAkhaya, amaYuda azama ngamandla ukuhlasela uPawulos aza amsa enkundleni, 13 esithi: “Le ndoda ikhuthaza abantu ukuba bakhonze uThixo ngendlela engavumelaniyo nomthetho.” 14 Kodwa wathi uPawulos xa eza kuthetha, uGaliyo wathi kumaYuda: “Ukuba le ndoda beniyimangalela ngento embi okanye ngokwaphula umthetho, bendiza kuba nesizathu sokunimamela ngomonde. 15 Kodwa ukuba nixabana ngezinto ezithethiweyo, ngamagama nangomthetho wenu,+ ziboneleni. Andifuni ukuba yijaji yezo zinto.” 16 Emva koko wawagxotha enkundleni. 17 Onke abamba uSosithene,+ igosa eliphethe indlu awayekhonzela kuyo amaYuda, ambethela apho phambi kwenkundla. Kodwa uGaliyo akazange azihluphe ngaloo nto.
18 Noko ke, emva kokuhlala ezinye iintsuku eziliqela, uPawulos wacela indlela kubazalwana waza wahamba ngesikhephe esiya eSiriya. Wayehamba noPrisila noAkwila, ezichebe zaba mfutshane iinwele zakhe eKenkreya,+ kuba wayenze isifungo. 19 Ngoko bafika e-Efese, baza abanye bashiyeka esixekweni; kodwa yena wangena kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda, waxoxa nawo ngeZibhalo.+ 20 Nangona ayemcela ukuba ahlale ixesha elidana, akazange avume, 21 kodwa wacela indlela waza wathi kuwo: “Ndiza kuphinda ndibuyele kuni, ukuba uYehova* uyathanda.” Ngoko wemka e-Efese ehamba ngesikhephe 22 waya kufika eKesareya. Wenyuka* wayokubulisa ibandla, emva koko wehla waya kwa-Antiyokwe.+
23 Emva kokuba ehleli ithutyana apho, wemka waya kwiindawo ngeendawo etyhutyha ilizwe laseGalati nelaseFrigiya,+ esomeleza bonke abafundi.+
24 Kwafika umYuda othile e-Efese, ogama linguApolo,+ owazalelwa eAleksandriya. Wayeliciko yaye ezazi kakuhle iZibhalo. 25 Wayefundisiwe ngeendlela zikaYehova, evutha ngenxa yomoya oyingcwele, ezifundisa ngokuchanileyo izinto ezingoYesu, kodwa eqhelene nobhaptizo lukaYohane kuphela. 26 Wathetha ngesibindi kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda. Xa uPrisila noAkwila+ bamvayo, bambizela ecaleni baza bamcacisela ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo. 27 Ekubeni wayefuna ukuwela aye eAkhaya, abazalwana babhalela abafundi balapho, bebacela ukuba bamamkele ngobubele. Ukufika kwakhe apho, wabanceda kakhulu abo baba ngamakholwa ngenxa yobubele* bukaThixo; 28 kuba wazimisela ebonisa ngokucacileyo phambi kwabantu ukuba amaYuda awachananga, ewabonisa ngeZibhalo ukuba uYesu nguKristu.+