Kubalisa uMarko
5 Bafika ngaphesheya kolwandle kummandla wamaGerasa.+ 2 Ngoko nangoko emva kokuba uYesu ehlile esikhepheni, kweza kuye indoda enedemon iphuma phakathi kwamangcwaba.* 3 Yayihlala emangcwabeni, ibe de kube lelo xesha, akukho mntu wayekwazi ukuyibopha, nkqu nangamatsheyini. 4 Yayidla ngokubotshwa ngamakhamandela namatsheyini, kodwa yayiwaqhawula, iwakroboze namakhamandela; akukho mntu wayenamandla okuyoyisa. 5 Yayikhala kakhulu emangcwabeni nasezintabeni, ubusuku nemini, izisika nangamatye. 6 Kodwa ithe yakubona uYesu esekude, yabaleka yaya kuye, yafika yaqubuda.+ 7 Emva koko, yakhwaza yathi: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana wOyena Thixo Uphakamileyo? Ndifungele phambi koThixo ukuba awuzukundingcungcuthekisa.”+ 8 Kaloku uYesu wayesithi kuyo: “Phuma kulo mntu, demonindini.”+ 9 UYesu wayibuza wathi: “Ungubani igama lakho?” Yathi kuye: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.” 10 Yamcenga uYesu ukuba angazigxothi zimke kwelo lizwe ezo demon.+
11 Kwakukho iihagu+ ezininzi zisidla entabeni.+ 12 Ezo demon zamcenga zisithi: “Yithi masiye kweza hagu, singene kuzo.” 13 Wazivumela, zaphuma zaya kungena kwezo hagu, waza loo mhlambi weehagu ezimalunga ne-2 000 waphephetheka ukuya kuwa eliweni, weyela elwandle, warhaxwa. 14 Babaleka abalusi bazo bayokuxela esixekweni nasezilalini into eyenzekileyo, baza abantu beza kuzibonela.+ 15 Ngoko beza kuYesu, bayibona le ndoda ibinoMkhosi weedemon, ihleli inxibile ibe isezingqondweni, baza boyika. 16 Abo babeyibonile into eyenzekileyo kule ndoda ibineedemon nasezihagwini, bababalisela abo bantu. 17 Ngoko bamcenga uYesu ukuba ahambe kummandla wabo.+
18 Wathi xa ekhwela isikhephe, le ndoda ebineedemon yamcenga ukuba ahambe nayo.+ 19 Kodwa akazange avume, kunoko wathi kuyo: “Goduka uye kwizalamane zakho, uzixelele yonke into uYehova* akwenzele yona nenceba akwenzele yona.” 20 Yahamba ke le ndoda yaya kuxelela abantu baseDekapoli* yonke into eyayiyenzelwe nguYesu, ibe yabamangalisa le nto.
21 Emva kokuba uYesu ephinde wawela ngesikhephe waya kunxweme olungaphesheya, kweza abantu abaninzi kuye apho ngaselwandle.+ 22 Kweza nelinye igosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda,* elinguYayiro, elathi lakumbona lawa ezinyaweni zakhe.+ 23 Lamcenga lisithi: “Intombi yam encinci igula kakhulu.* Ndicela uzokuyibeka izandla+ ukuze iphile.” 24 Ngoko nangoko uYesu wahamba nalo, elandelwa ngabantu abaninzi, bemxinile.
25 Kwakukho umfazi owayeneminyaka eyi-12 enengxaki yokopha.+ 26 Wayeviswe iintlungu ngoogqirha abaninzi, echithe imali yakhe yonke kubo, kodwa engade aphile, kunoko esiya egula kakhulu. 27 Wathi akuva ngoYesu, weza emva kwakhe enyakathisa phakathi kwabantu, wabamba isambatho sakhe sangaphezulu,+ 28 kuba wayezixelele ukuba: “Ukuba nje ndinokubamba isambatho sakhe sangaphezulu, ndiza kuphila.”+ 29 Ngoko nangoko umthombo wakhe wegazi woma, weva emzimbeni wakhe ukuba uphilisiwe kwisifo esibuhlungu.
30 Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla+ aphumileyo kuye, wajonga ngasemva waza wathi kwabo bantu: “Ngubani obambe impahla yam yokwaleka?”+ 31 Kodwa abafundi bakhe bathi kuye: “Uyabona ukuba aba bantu bakuxinile, ngoko ungathini ukubuza ukuba, ‘Ngubani ondibambileyo?’” 32 Kodwa yena wayebhekabheka efuna ukubona ukuba ngubani obembambile. 33 Lo mfazi, esoyika kakhulu yaye engcangcazela, eyazi into eyenzeke kuye, weza wawa phantsi phambi kwakhe, wamxelela inyani. 34 UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo,+ uphile kwisifo sakho esibuhlungu.”+
35 Uthe esathetha, kwafika amadoda evela kwikhaya legosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda,* athi: “Intombi yakho iswelekile! Usamhluphelani uMfundisi?”+ 36 UYesu waweva waza wathi kwelo gosa: “Ungakhathazeki,* yiba nokholo nje wena.”+ 37 Akazange avumele mntu amlandele ngaphandle koPetros, uYakobi nomntakwabo uYohane.+
38 Baya endlini yelo gosa, bafika kukho isiphithiphithi, abantu bekhala, besenza isijwili bengxola.+ 39 Ukungena kwabo, wathi kubo: “Kutheni nisenza isiphithiphithi nilila nje? Akafanga lo mntwana, ulele.”+ 40 Basuka bamwa ngentsini. Kodwa wabakhuphela phandle bonke, wangena notata nomama womntwana kunye nabo wayehamba nabo. 41 Wafika wabamba isandla salo mntwana, wathi kuye: “Talitha kumi,” othetha ukuthi: “Ntombazana, ndithi kuwe, ‘Vuka!’”+ 42 Yavuka ngoko nangoko le ntombazana yaza yahamba-hamba. (Yayineminyaka eyi-12.) Bathi bakuyibona loo nto, bavuya abakwazi nokuzibamba. 43 Kodwa wabayala kaninzi-ninzi ukuba bangaxeleli mntu ngale nto,+ waza wathi mayinikwe ukutya.