Duteronomi
32 “Mazulu mamelani kuba ndiza kuthetha,
Nomhlaba mawumamele amazwi aphuma emlonyeni wam.
2 Umyalelo wam uza kuna njengemvula,
Ahle njengombethe amazwi am,
Aza kuhla njengomkhwitsho phezu kwengca
Abe njengemvula eninzi phezu kwezityalo.
3 Kuba ndiza kuthetha ngegama likaYehova.+
Thethani ngobukhulu bukaThixo wethu!+
Abangobantwana bakhe, yaye ngabo ababangele loo nto.+
Basisizukulwana esigoso nesijijekileyo!+
Akanguye na uTata wenu lo wanidalayo,+
Lo wanenza naluhlanga?
7 Khumbulani iimini zakudala;
Cingani ngamaxesha ezizukulwana ezadlulayo.
Buzani ootata benu yaye baza kunibalisela;+
Nibuze nabadala benu baza kunixelela.
11 Njengokhozi luchitha indlwane yalo,
Lundande phezu kwamantshontsho alo,
Lolule amaphiko, luwathathe amantshontsho,
Luze luwathwale ngamaphiko,+
12 UYehova wamkhokela* yedwa;+
Kwakungekho omnye uthixo omncedisayo.+
Wamondla ngobusi ebuthatha eliweni,
Nangeoli eyikhupha elityeni eliqinileyo.
14 Wamnika ibhotolo evela ezinkomeni nobisi lweegusha.
Wamnika ezona gusha zintle,*
Neenkunzi zeegusha zaseBhashan, neenkunzi zeebhokhwe.
Wamnika neyona ngqolowa intle;+
Yaye wasela iwayini eyenziwe ngeediliya.
15 Xa uYeshurun* watyebayo wakhabalaza.
Tyhini Yeshurun, utyebile ngoku, umkhulu yaye uvuthelene.+
Ngoko yena wamshiya uThixo owamenzayo,+
Walidela iLiwa elimsindisayo.
17 Babingelela kwiidemon, hayi kuThixo,+
Koothixo ababengabazi,
Koothixo abatsha ababesandula ukudibana nabo,
Koothixo ababengaziwa ngookhokho benu.
22 Ngokuba umsindo wam unjengomlilo+
Yaye uza kuvutha ude uyokungena ezantsi engcwabeni,*+
Uya kuwudla umhlaba nemveliso yawo
Uvuthise neziseko zeentaba.
23 Ndiza kuyandisa intlekele yabo;
Iintolo zam ziza kuphelela kubo.
Ndiza kubathumela ngezilwanyana zasendle eziqwengayo+
Nangeenyoka* ezinetyhefu ezirhubuluza emhlabeni.
25 Ngaphandle abantwana benu baza koxuthwa ngekrele,+
Ngaphakathi niza koyika,+
Ukuqala emfaneni ukuyokutsho kwintombi engazange yalala nandoda,
Kusana ukuyokutsho kwindoda enezimvi.+
26 Ngendithe: “Ndiza kubachithachitha;
Ndiza kubenza balityalwe ngabantu,”
Zisenokuthi: “Soyise ngamandla ethu;+
AyingoYehova owenze yonke le nto.”
29 Akwaba nje bebelumkile!+ Bebeza kucingisisa ngale nto.+
Bebeza kucinga ngekamva labo.+
Loo nto ibinokwenzeka kuphela ukuba iLiwa labo belibathengise kwiintshaba zabo+
Yaye uYehova ebebanikele kuzo.
Iidiliya zazo zinetyhefu,
Izihlahla zazo ziyakrakra.+
33 Iwayini yazo yityhefu yeenyoka,
Ityhefu ebulalayo yamaphimpi.
35 Xa iintshaba zityibilika ngexesha endilikhethileyo,+
Ndiza kube ndiphindezela yaye ndibuyekeza,+
Kuba isondele imini yazo yentlekele,
Yaye iza kuzifikela ngokukhawuleza into ezilindeleyo.’
36 Kuba uYehova uza kubagweba abantu bakhe+
Yaye uza kubasizela abakhonzi bakhe,+
Xa ebabona bephelelwe ngamandla,
Yaye kushiyeke abantu abangenakuzinceda nabatyhafileyo.
37 Emva koko uza kuthi, ‘Baphi oothixo babo,+
Iliwa ababethembele ngalo,
38 Oothixo ababesitya amanqatha emibingelelo yabo,*
Ababesela iwayini yeminikelo yabo eselwayo?+
Mabaphakame ke banincede.
Mababe yindawo yenu yokubalekela.
Ndiyabulala, yaye ndinika ubomi.+
40 Kuba ndiphakamisela isandla sam ezulwini,
Ndize ndithi: “Ndifunga ngobomi bam obungasoze buphele,”+
41 Xa ndilola ikrele lam elimenyezelayo,
Ndize ndenze isandla sam silungele ukugweba,+
Ndiza kuziphindezela kwiintshaba zam,+
Ndibabuyekeze abo bandicaphukelayo.
42 Ndiza kwenza iintolo zam zinxile ligazi,
Yaye ikrele lam liza kutya inyama,
Lisele igazi lababuleweyo nabathinjwa,
Litye iintloko zeenkokheli zotshaba.’
43 Vuyani zintlanga nabantu bakhe,+
Kuba uza kuliphindezela igazi labakhonzi bakhe+
Yaye uza kuziphindezela kwiintshaba zakhe+
Aze alihlawulele* ilizwe labantu bakhe.”
44 Ngoko uMoses weza ehamba noHosheya*+ unyana kaNun, wawathetha amazwi ale ngoma abantu bemamele.+ 45 Akugqiba uMoses ukuthetha onke la mazwi kumaSirayeli, 46 wathi: “Wafakeni entliziyweni onke la mazwi ndinilumkisa ngawo namhlanje,+ ukuze niyalele oonyana benu ukuba bawenze onke amazwi alo Mthetho.+ 47 Kuba la asingomazwi njee, kodwa athetha ubomi kuni,+ yaye ngala mazwi ningaphila ixesha elide kwilizwe eniwela iYordan nisiya kuhlala kulo.”
48 Kwangaloo mini uYehova wathetha noMoses wathi: 49 “Nyuka le ntaba yaseAbharim,+ iNtaba INebho,+ ekwilizwe lakwaMowabhi, ejonge eYeriko, uze ubone ilizwe lakwaKanan endilinika amaSirayeli ukuba ahlale kulo.+ 50 Emva koko uza kufela kule ntaba uza kuyinyuka, uze uhlanganiselwe kubantu bakowenu,* njengoAron umntakwenu owafela kwiNtaba YeHore+ waza wahlanganiselwa kubantu bakowabo, 51 kuba nobabini anizange nithembeke kum phambi kwamaSirayeli emanzini aseMeribha+ yaseKadeshe entlango yeTsin, kuba anizange nindingcwalise phambi kwamaSirayeli.+ 52 Awuzukungena kwilizwe endilinika amaSirayeli, kodwa uza kulibonela kude.”+