Kubalisa uYohane
16 “Ezi zinto ndizithethe kuba ndingafuni niphelelwe lukholo. 2 Niza kugxothwa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda.*+ Kuseza nexesha apho wonke umntu onibulalayo,+ eza kucinga ukuba loo nto uyenzela uThixo. 3 Kodwa baza kuzenza ezi zinto kuba bengakhange bade bandazi, bengakhange bamazi noTata.+ 4 Kodwa ke, ndinixelela ezi zinto ukuze xa lifika ixesha lokuba zenzeke, nikhumbule ukuba bendinixelele.+
“Andizange ndinixelele kwasekuqaleni, kuba bendikunye nani. 5 Ngoku ndiya kuLowo undithumileyo;+ kodwa akukho nomnye kuni othi kum, ‘Uya phi?’ 6 Kaloku iintliziyo zenu zibuhlungu kuba ndinixelele ezi zinto.+ 7 Kodwa ke into emaniyazi kukuba, ukuhamba kwam kuza kuninceda. Kuba ukuba andihambi, uThixo akazukuninika umoya wakhe;+ kodwa ukuba ndiyahamba, ndiza kumcela ukuba aninike. 8 Xa niwufumana, niza kukwazi ukubacacisela kakuhle abantu ngezi zinto: isono, ubulungisa nomgwebo. 9 Okokuqala, niza kubacacisela ngesono,+ kuba abazikholelwa ibe abazenzi izinto endizithethayo;+ 10 nibacacisele nangobulungisa, kuba ndiya kuTata, ibe anizukuphinda nindibone; 11 nibacacisele nangomgwebo, kuba umlawuli weli hlabathi ugwetyiwe.+
12 “Ziseninzi izinto endifuna ukunixelela zona, kodwa azizukunicacela okwangoku. 13 Kodwa xa nifumana umoya kaThixo oyenza icace inyaniso,+ niza kuncedwa niyazi kakuhle. Lo moya awenzi kuthanda kwawo, kodwa utyhila loo nto uThixo afuna uyityhile, ibe uza kunixelela izinto eziseza kwenzeka.+ 14 Wona uza kundizukisa,+ kuba uza kunixelela izinto ezisuka kum.+ 15 Zonke izinto zikaTata zezam.+ Yiloo nto ndisithi kuni, lo moya uza kunixelela izinto ezisuka kum. 16 Akuzukuba kudala, ningandiboni,+ niphinde nindibone kungekudala.”
17 Akutsho, abanye abafundi bakhe bathetha bodwa besithi: “Uthetha ukuthini xa esithi, ‘Akuzukuba kudala, ningandiboni, niphinde nindibone kungekudala,’ naxa esithi, ‘kuba ndiya kuTata’?” 18 Ngoko babesithi: “Uthetha ukuthini xa esithi, ‘akuzukuba kudala’? Asiyazi le nto athetha ngayo.” 19 Ngoko uYesu, esazi ukuba bafuna ukumbuza, wababuza wathi: “Nibuzana le mibuzo kuba ndithe: ‘Akuzukuba kudala, ningandiboni, niphinde nindibone kungekudala’? 20 Ndiyaniqinisekisa ukuba, niza kukhala isijwili, kodwa ihlabathi lona liza kuvuya; niza kuba buhlungu, kodwa intlungu yenu iza kujikwa ibe luvuyo.+ 21 Xa kusondela ixesha lokuba umfazi azale usana, uba sentlungwini, kodwa xa sele eluzele, uyilibala yonke loo ntlungu, kuba kuzelwe umntu emhlabeni. 22 Nani ke nibuhlungu ngoku; kodwa ndiza kuphinda ndinibone, niphinde nivuye,+ kungabikho mntu uza kuphinda aluhluthe kuni olo vuyo. 23 Ngaloo mini anizukuphinda nindibuze mbuzo. Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba nicela nantoni na+ kuTata egameni lam, uza kuninika.+ 24 Okwangoku anikaceli nto egameni lam. Celani, niza kuphiwa, ukuze nonwabe ngokupheleleyo.
25 “Bendinifundisa ezi zinto ndisebenzisa imizekelo. Ngoku liyeza ixesha apho ndingazukunifundisa ngemizekelo, kodwa ndithethe phandle ngoTata. 26 Ngaloo mini niza kucela egameni lam; kodwa loo nto ayithethi kuthi ndiza kunicelela ngokwam kuTata. 27 Kaloku uTata uyanithanda, kuba niye nandithanda,+ naza nakholelwa ukuba ndithunywe nguye.+ 28 Ndize ehlabathini kuba ndithunywe nguTata. Ngoku ndiyemka ehlabathini, ndibuyela kuTata.”+
29 Abafundi bakhe bathi: “Yabona ke ngoku, uthetha ngokucacileyo, awusasebenzisi mizekelo. 30 Ngoku siyazi ukuba akusafuneki sikubuze nto, kuba uhleli usazi yonke into. Yiloo nto sikholelwa ukuba uthunywe nguThixo.” 31 UYesu wathi kubo: “Nikholelwa nyhani ke ngoku? 32 Jongani! Kuza ixesha, ibe selifikile, apho niza kuthi saa nibuyele emizini yenu, nindishiya ndedwa.+ Kodwa andindedwa, kuba uTata unam.+ 33 Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo ngenxa yam.+ Niza kutshutshiswa ehlabathini, kodwa ze nomelele! Mna ndiloyisile ihlabathi.”+