Yoshuwa
6 Ngoku iYeriko yayivalwe mba ngenxa yamaSirayeli; kwakungekho mntu uphumayo, kungekho nongenayo.+
2 UYehova wathi kuYoshuwa: “Jonga, ndiyinikele esandleni sakho iYeriko, ukumkani wayo namakroti ayo.+ 3 Nonke nina madoda emfazwe nimele nijikeleze isixeko, nisijikeleze kube kanye. Loo nto nimele niyenze iintsuku ezintandathu. 4 Ababingeleli abasixhenxe bamele baphathe iimpondo zeenkunzi zeegusha zibe sixhenxe phambi kweTyeya. Kodwa ngosuku lwesixhenxe nimele nisijikeleze kasixhenxe isixeko yaye ababingeleli bamele bazikhalise ezo mpondo.+ 5 Xa kukhaliswa uphondo lwenkunzi yegusha, ngokukhawuleza nje nakuva isandi salo, bonke abantu bamele bahlab’ umkhosi. Emva koko udonga lwesixeko luza kuwa bhuma,+ yaye abantu bamele benyuke, mntu ngamnye umele ahlasele.”
6 Ngoko uYoshuwa unyana kaNun wabiza ababingeleli, wathi kubo: “Thathani ityeya yesivumelwano, yaye ababingeleli abasixhenxe bamele baphathe iimpondo zeenkunzi zeegusha zibe sixhenxe phambi kweTyeya kaYehova.”+ 7 Emva koko wathi ebantwini: “Hambani nijikeleze isixeko, ibe amajoni axhobileyo+ amele ahambe phambi kweTyeya kaYehova.” 8 Kanye njengokuba uYoshuwa wayetshilo ebantwini, ababingeleli abasixhenxe abaphethe iimpondo zeenkunzi zeegusha ezisixhenxe phambi koYehova baya phambili baza bavuthela iimpondo, yaye ityeya yesivumelwano kaYehova yayibalandela. 9 Amajoni axhobileyo ahamba phambi kwababingeleli abavuthela iimpondo, yaye amajoni ahamba ngasemva alandela iTyeya ngoxa ababingeleli babengayekanga ukuvuthela iimpondo.
10 UYoshuwa wayeyalele abantu wathi: “Ningakhwazi okanye niviwe. Akukho lizwi elimele liphume emilonyeni yenu kude kube yimini endiza kuthi ngayo, ‘Khwazani!’ Emva koko ningakhwaza.” 11 Wathi iTyeya kaYehova mayijikeleze isixeko, isijikeleze kube kanye, emva koko babuyela enkampini, balala khona.
12 Ngosuku olulandelayo uYoshuwa wavuka ekuseni, baza ababingeleli bathwala iTyeya+ kaYehova, 13 ibe ababingeleli abasixhenxe ababephethe iimpondo zeenkunzi zeegusha ezisixhenxe phambi kweTyeya kaYehova, baqhubeka bevuthela iimpondo. Amajoni axhobileyo ayehamba phambi kwabo ngoxa amajoni ahamba ngasemva ayelandela iTyeya kaYehova, kuvuthelwa iimpondo. 14 Ngosuku lwesibini, basijikeleza isixeko kwakanye, emva koko babuyela enkampini. Benza loo nto iintsuku ezintandathu.+
15 Ngosuku lwesixhenxe, bavuka ekuseni basijikeleza isixeko ngendlela efanayo kasixhenxe. Yiloo mini kuphela abasijikeleza kasixhenxe ngayo isixeko.+ 16 Bathi xa bejikeleza okwesixhenxe, ababingeleli bavuthela iimpondo waza uYoshuwa wathi ebantwini: “Khwazani+ kuba uYehova usinikele kuni esi sixeko! 17 Sonke esi sixeko nayo yonke into ekuso imele itshatyalaliswe.+ Yonke into ekuso yekaYehova. NguRahabhi+ othengisa ngomzimba kuphela omele asindiswe, yena kunye nabo bonke abakunye naye endlini, kuba waye wabafihla abathunywa esabathumelayo.+ 18 Hambelani kude kwizinto ezimele zitshatyalaliswe+ ukuze ningazinqweneli, nizithathe+ nize nibangele inkampu yamaSirayeli ibe sesichengeni sokutshatyalaliswa.*+ 19 Kodwa yonke isilivere negolide nezinto ezenziwe ngekopolo nangentsimbi zingcwele kuYehova.+ Zimele zisiwe kwindawo ekugcinwa kuyo ubutyebi bukaYehova.”+
20 Abantu bakhwaza emva kokuba kuvuthelwe iimpondo.+ Bathe nje abantu bakuva isandi seempondo, bahlab’ umkhosi lwaza udonga lwawa bhuma.+ Emva koko abantu baya esixekweni, ngamnye wahlasela, baze basithimba. 21 Bayitshabalalisa ngekrele yonke into esesixekweni, indoda nomfazi, omncinci nomdala, inkunzi yenkomo, igusha nedonki.+
22 UYoshuwa wathi kulaa madoda mabini awayeye kuhlola ilizwe: “Yiyani endlini yomfazi othengisa ngomzimba, nimkhuphe kunye nabo bonke abakunye naye njengokuba namfungelayo.”+ 23 Ngoko abafana ababeziintlola baya baza bakhupha uRahabhi, utata wakhe, umama wakhe, abantakwabo nabo bonke abangabakhe; bakhupha yonke intsapho yakhe,+ baza bafika nabo besaphelele kwindawo eyayingaphandle kwenkampu yamaSirayeli.
24 Emva koko basitshisa isixeko, batshisa yonke into eyayikuso. Kodwa isilivere, igolide nezinto ezenziwe ngekopolo nangentsimbi bazisa kwindawo ekugcinwa kuyo ubutyebi bukaYehova.+ 25 NguRahabhi othengisa ngomzimba nendlu katata wakhe nabo bonke abangabakhe abasindiswa nguYoshuwa;+ yaye uhlala kwaSirayeli unanamhla,+ kuba wabafihla abathunywa ababethunywe nguYoshuwa ukuba bayokuhlola iYeriko.+
26 Ngelo xesha uYoshuwa wenza esi sifungo:* “Uqalekisiwe phambi koYehova umntu ophinda akhe esi sixeko, iYeriko. Uza kulahlekelwa lizibulo lakhe xa esakha isiseko saso, yaye uza kulahlekelwa liphelo lakhe xa efaka iingcango zaso.”+
27 Ngoko uYehova wamxhasa uYoshuwa,+ yaye waduma emhlabeni wonke.+