Eyesibini KaSamuweli
7 Akuba ukumkani ezinzile endlini yakhe,+ wabe noYehova emphumzile kuzo zonke iintshaba zakhe ezazimjikelezile, 2 wathi kuNatan+ umprofeti: “Mna ndihlala endlini yemisedare+ ngoxa iTyeya kaThixo wokwenene ihlala phakathi kwamalaphu entente.”+ 3 UNatan wathi kukumkani: “Hamba uyokwenza yonke into esentliziyweni yakho, kuba uYehova unawe.”+
4 Kwangobo busuku, kwafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi: 5 “Yiya kumkhonzi wam uDavide, uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Ngaba ufanele undakhele indlu yokuhlala?+ 6 Akukho ndlu ndikhe ndahlala kuyo ukususela ngemini endabanyusa ngayo abantu bakwaSirayeli, ndibakhupha eYiputa de kube namhlanje.+ Oko bendihamba iindawo ngeendawo ndihlala kwintente engcwele.+ 7 Lonke ixesha ebendihamba nawo onke amaSirayeli,* ngaba ikho into endakha ndayithetha kwenye yeenkokheli zesizwe sakwaSirayeli, endaziyalela ukuba zaluse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, ‘Kutheni ningandakhelanga indlu yemisedare?’”’ 8 Ngoku ke uze uthi kumkhonzi wam uDavide, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Ndakuthatha edlelweni ukhaphela umhlambi,+ ukuze ube yinkokheli yabantu bam amaSirayeli.+ 9 Ndiza kuba nawe naphi na apho uya khona,+ ndizisuse* zonke iintshaba zakho phambi kwakho.+ Ndiza kukwenzela igama elikhulu,+ elinjengegama lamadoda azukileyo emhlabeni. 10 Ndiza kubakhethela indawo abantu bam, ndibahlalise kuyo. Baza kuhlala apho bangaphinde baphazanyiswe, yaye abenzi-bubi abazukuphinda babacinezele njengokuba benzayo ngaphambili,+ 11 ukususela ngemini endabeka ngayo abagwebi+ phezu kwabantu bam amaSirayeli. Ndiza kukuphumza kuzo zonke iintshaba zakho.+
“‘“Kwaye uYehova ukuxelele ukuba uYehova uza kukwenzela indlu.*+ 12 Xa ifike esiphelweni imihla yakho,+ waza walaliswa kookhokho bakho, ndiza kukuvelisela inzala,* unyana wakho kanye,* yaye ndiza kubumisela ubukumkani bakhe, kungabikho nto ibugungqisayo.+ 13 Nguye ke oza kulakhela indlu igama lam,+ yaye ndiza kuyimisela itrone yobukumkani bakhe ngonaphakade, kungabikho nto iyigungqisayo.+ 14 Ndiza kuba ngutata wakhe, yena abe ngunyana wam.+ Xa esenza ububi, ndiza kumohlwaya ngentonga yabantu nangemivumbo yoonyana babantu.+ 15 Uthando lwam olungagungqiyo aluzukususwa kuye ngendlela endalususa ngayo kuSawule,+ lowo ndamsusayo phambi kwakho. 16 Indlu yakho nobukumkani bakho ziza kuhlala ziqinile phambi kwakho ngonaphakade, netrone yakho iza kumiselwa ngonaphakade.”’”+
17 UNatan wamxelela uDavide onke la mazwi nawo wonke umbono.+
18 Wasuka uKumkani uDavide wangena, wahlala phambi koYehova waza wathi: “Ndingubani na mna, Nkosi enguMongami Yehova? Xa ibiyintoni yona indlu yam, le nto ude undibeke kule ndawo ndikuyo?+ 19 Ngokungathi ayanelanga loo nto, Nkosi enguMongami Yehova, ngoku uthetha ngento eza kwenzeka kwindlu yomkhonzi wakho kwixesha elikude elizayo, yaye lo ngumyalelo* oya kubo bonke abantu, Nkosi enguMongami Yehova. 20 Yintoni ke enye anokuyithetha umkhonzi wakho uDavide, xa undazi kangaka,+ Nkosi enguMongami Yehova? 21 Ngenxa yelizwi lakho nangokuvumelana nentliziyo yakho* uzenzile zonke ezi zinto zinkulu waza wazityhilela umkhonzi wakho.+ 22 Yiloo nto umkhulu nyhani,+ Nkosi enguMongami Yehova. Akakho omnye onjengawe,+ yaye akakho omnye uThixo ngaphandle kwakho.+ Yonke into esiyivileyo ngeendlebe zethu iyayingqina loo nto. 23 Luluphi na olunye uhlanga emhlabeni olunjengabantu bakho amaSirayeli?+ UThixo wazikhululela bona bangabantu bakhe,+ ezenzela igama+ ngokubenzela izinto ezinkulu nezimangalisayo.+ Wagxotha iintlanga noothixo bazo ngenxa yabantu bakho, owazikhululela bona eYiputa. 24 AmaSirayeli uwenze abantu bakho ngonaphakade,+ yaye wena Yehova uye waba nguThixo wabo.+
25 “Ngoku ke Yehova Thixo, sizalisekise ngonaphakade isithembiso osenzileyo ngomkhonzi wakho nendlu yakhe. Kwanga ungenza kanye njengokuba uthembisile.+ 26 Kwanga igama lakho lingadunyiswa ngonaphakade,+ ukuze abantu bathi, ‘UYehova wemikhosi nguThixo kaSirayeli,’ yaye kwanga indlu yomkhonzi wakho uDavide ingamiselwa ingagungqiswa phambi kwakho.+ 27 Kuba wena Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, uye wamtyhilela umkhonzi wakho, usithi, ‘Ndiza kukwakhela indlu.’*+ Yiloo nto umkhonzi wakho enesibindi sokuthandaza ngolu hlobo kuwe. 28 Nkosi enguMongami Yehova, unguThixo wokwenene, amazwi akho ayinyaniso,+ yaye umthembise izinto ezintle umkhonzi wakho. 29 Kwanga ungakuvuyela ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, yaye kwanga ingahlala iphambi kwakho ngonaphakade.+ Kuba uthembisile, Nkosi enguMongami Yehova, yaye kwanga indlu yomkhonzi wakho ingahlala inentsikelelo yakho ngonaphakade.”+