EkaDavide.
26 Ndigwebe Yehova, kuba ndihambe ngokungasolekiyo;+
Khange ndihexe ekuthembeni uYehova.+
2 Ndigocagoce Yehova, undivavanye;
Sulungekisa ezona ngcinga zam zinzulu nentliziyo yam.+
3 Kuba ndisoloko ndicinga ngothando lwakho olungagungqiyo,
Ibe ndihamba enyanisweni yakho.+
4 Andihlali nabantu abangamaxoki,+
Ibe ndiyabaphepha abo bazifihlayo into abayiyo.
5 Ndiyakucaphukela ukuhlala nabantu abangalunganga,+
Ibe andivumi ukuba phakathi kwabenzi-bubi.+
6 Ndiza kuzihlamba ngobumsulwa izandla zam,
Ibe ndiza kujikeleza isibingelelo sakho, Yehova,
7 Ukuze ndikubulele ngokuvakalayo+
Ndize ndithethe ngayo yonke imisebenzi yakho emangalisayo.
8 Yehova, ndiyayithanda indlu ohlala kuyo,+
Indawo olukuyo uzuko lwakho.+
9 Unganditshayeli kunye naboni,+
Nobomi bam ungabuthathi kunye nobabantu abakhohlakeleyo,
10 Abanezandla ezenza izinto eziziintloni,
Nabagcwele zizinyobo kwisandla sabo sasekunene.
11 Kodwa mna, ndiza kuhamba ngokungasolekiyo.
Ndisindise uze undiphathe ngothando.
12 Unyawo lwam lumi kumhlaba othe tyaba;+
Ndiza kumdumisa uYehova kwibandla elikhulu.+