Hamba Engqibelelweni
“Ke mna, ndiya kuhamba engqibelelweni yam.”—INDUMISO 26:11.
1, 2. (a) Kutheni ingqibelelo iyinkalo ebalulekileyo kwimbambano yolongamo lukaThixo? (b) Izidalwa ezikrelekrele zinokubonisa njani ukuba zixhasa uYehova kwimbambano yolongamo?
XA USATHANA wavukela emyezweni wase-Eden, wavusa imbambano yendalo iphela yokulunga kolongamo lukaThixo phezu kwazo zonke izidalwa Zakhe. Kamva, wama ngelithi abantu baya kumkhonza uThixo kuba nje bezuza okuthile kuye. (Yobhi 1:9-11; 2:4) Ngenxa yoko, ingqibelelo yabantu iye yayinkalo ebalulekileyo kwimbambano yolongamo lukaYehova kwindalo iphela.
2 Ngoxa ulongamo lukaThixo lungaxhomekekanga kwingqibelelo yezidalwa zakhe, abantu noonyana bakaThixo bomoya basenokubonisa icala abalixhasayo kule mbambano. Njani? Ngokukhetha ukuhamba engqibelelweni okanye bengenjinjalo. Ngoko ke, wonk’ ubani unokugwetywa ngengqibelelo ayibonakalisayo.
3. (a) UYobhi noDavide bafuna uYehova ahlole ntoni aze abagwebe? (b) Kuvela yiphi imibuzo ngokuphathelele ingqibelelo?
3 Eqinisekile, uYobhi wathi: “[UYehova] uya kundilinganisa ezikalini ezichanileyo yaye uThixo uya kuyazi ingqibelelo yam.” (Yobhi 31:6) UKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo wayecela uYehova ukuba ahlole ingqibelelo yakhe xa wathandaza esithi: “Ndigwebe, Yehova, kuba ndihambe engqibelelweni yam, yaye ndikholose ngoYehova, ukuze ndingahexi.” (INdumiso 26:1) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba nathi sihambe engqibelelweni! Kodwa yintoni ingqibelelo, yaye kuthetha ukuthini ukuhamba kuyo? Yintoni eya kusinceda ukuze sihambe engqibelelweni?
“Ndihambe Engqibelelweni Yam”
4. Kuthetha ukuthini ukuhamba engqibelelweni?
4 Ukuhamba engqibelelweni kuthetha ukuthi tye, ukungabi nakusoleka, ukulunga nokungabi nakumangaleleka. Noko ke, ukuhamba engqibelelweni kuthetha okungakumbi kunokwenza into elungileyo. Kuthetha ukuziphatha kakuhle okanye ukukhonza uThixo ngentliziyo iphela. USathana wayithandabuza injongo kaYobhi yokumkhonza xa wathi kuThixo: “Ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise ufikelele ethanjeni [likaYobhi] nasenyameni yakhe uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho.” (Yobhi 2:5) Ukongezelela kwizenzo ezilungileyo, ukuhamba engqibelelweni kuthetha ukuqhutywa yintliziyo elungileyo.
5. Yintoni ebonisa ukuba ukugcin’ ingqibelelo akuthethi ukuba sifanele sifezeke?
5 Noko ke, ukuhamba engqibelelweni akuthethi ukufezeka. UKumkani uDavide wayengafezekanga yaye wenza iimpazamo ezininzi ezinzulu ebomini bakhe. Sekunjalo, iBhayibhile ithetha ngaye njengendoda eyahamba “ngentliziyo egqibeleleyo.” (1 Kumkani 9:4) Ngoba? Ngenxa yokuba uYehova wayemthanda uDavide. Wayezinikele kuThixo ngentliziyo iphela. Wazivuma lula iimpazamo zakhe, wakwamkela ukuyalwa, waza wazilungisa iindlela zakhe. Enyanisweni, ingqibelelo kaDavide ibonwa kwindlela awayezinikele ngayo ngentliziyo iphela nakwindlela awayemthanda ngayo uThixo wakhe, uYehova.—Duteronomi 6:5, 6.
6, 7. Kubandakanya ntoni ukuhamba engqibelelweni?
6 Ukuhamba engqibelelweni asiyondlela nje ubani aziphatha ngayo, njengokuzinikela kunqulo. Kuquka yonke indlela yethu yokuphila. UDavide ‘wahamba’ engqibelelweni yakhe. IThe New Interpreter’s Bible ithi: “Isenzi esithi ‘ukuhamba’ sithetha ‘indlela yokuphila.’” Ethetha ngabo “bandlela yabo ingenasiphoso” umdumisi wavuma ingoma esithi: “Banoyolo abo bagcina izikhumbuzo [zikaThixo]; bamfune ngentliziyo yonke. Ngokwenene abaqheliseli ntswela-bulungisa. Bahambe ngeendlela zakhe.” (INdumiso 119:1-3) Ukuhamba engqibelelweni kuthetha ukusoloko sifuna ukwazi ukuthanda kukaThixo nokuhamba endleleni yakhe.
7 Ukuhamba engqibelelweni kuthetha ukuzinikela ngokupheleleyo kuThixo, naphantsi kweemeko ezinzima. Xa sinyamezela izilingo, sihlale siqinile naphantsi kobunzima, okanye sixhathise xa sihendwa leli hlabathi lingahloneli Thixo, ukuhamba kwethu engqibelelweni kuyabonakala. ‘Siyayivuyisa intliziyo kaYehova’ kuba uyakwazi ukumphendula lowo umgculelayo. (IMizekeliso 27:11) Ngoko ke, sinokuzimisela njengokuba uYobhi wathi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!” (Yobhi 27:5) INdumiso yama-26 ibonisa into eya kusinceda ukuze sihambe engqibelelweni.
“Sulungekisa Izintso Zam Nentliziyo Yam”
8. Yintoni oyifundayo kwisicelo sikaDavide xa wathi uYehova makavavanye izintso nentliziyo yakhe?
8 UDavide wathandaza: “Ndihlolisise, Yehova, undivavanye; sulungekisa izintso zam nentliziyo yam.” (INdumiso 26:2) Izintso zingaphakathi emzimbeni. Ngokufuziselayo, izintso zimela iingcinga ezinzulu zikabani nendlela avakalelwa ngayo. Yaye intliziyo yokomfuziselo ngumntu wangaphakathi—iintshukumisa, iimvakalelo neengcamango zakhe. Xa uDavide wayecela uYehova ukuba amvavanye, wayecela ukuba ahlolisise iingcamango neemvakalelo zakhe ezinzulu aze azivavanye.
9. UYehova uzisulungekisa njani izintso nentliziyo yethu yokomfuziselo?
9 UDavide wacela ukuba kusulungekiswe izintso nentliziyo yakhe. UYehova ukusulungekisa njani oko sikuko ngaphakathi? UDavide wavuma ingoma esithi: “Ndiya kumbonga uYehova, ondinike icebiso. Eneneni, ebudeni bobusuku izintso zam zindilungisile.” (INdumiso 16:7) Oko kuthetha ukuthini? Kuthetha ukuba isiluleko sikaThixo sasingene sendela yaye simchukumisa emazantsi entliziyo yakhe uDavide, silungisa iingcamango nendlela avakalelwa ngayo. Oku kusenokuba njalo nakuthi ukuba sicingisisa nzulu ngesiluleko esisifumana kwiLizwi likaThixo, ngabameli bakhe, nangentlangano yakhe size sisivumele ukuba sihlele nzulu kuthi ngaphakathi. Ukuthandaza rhoqo kuYehova ukuba asisulungekise ngale ndlela kuya kusinceda ukuze sihambe engqibelelweni.
‘Ububele Bakho Bothando Buphambi Kwam’
10. Yintoni eyamncedayo uDavide ukuze ahambe ngenyaniso kaThixo?
10 UDavide wahlabela mgama esithi: “Kuba ububele bakho bothando buphambi kwamehlo am, yaye ndihambe enyanisweni yakho.” (INdumiso 26:3) UDavide wayezazi izenzo zothando lukaThixo, yaye wayekuxabisa ukucamngca ngazo. Wavuma ingoma esithi: “Mbonge uYehova, mphefumlo wam, ungakulibali ukwenza kwakhe konke.” Ekhumbula ezinye zezenzo zikaThixo, uDavide wahlabela mgama wathi: “UYehova uphumeza izenzo zobulungisa nezigwebo ngenxa yabo bonke abo baqhathwayo. Wazazisa iindlela zakhe kuMoses, izenzo zakhe koonyana bakaSirayeli.” (INdumiso 103:2, 6, 7) Mhlawumbi uDavide wayecinga ngendlela aqhathwa ngayo amaSirayeli ngamaYiputa ngemihla kaMoses. Ukuba kunjalo, ukucinga ngendlela uYehova awamazisa ngayo uMoses iindlela zakhe zokusindisa kusenokuba kwayichukumisa intliziyo kaDavide kwaza kwamomeleza ukuze azimisele ukuhamba enyanisweni kaThixo.
11. Yintoni enokusinceda ukuze sihambe engqibelelweni?
11 Ukufunda iLizwi likaThixo ngokuthe rhoqo nokucamngca ngoko sikufundayo nako kuya kusinceda ukuze sihambe engqibelelweni. Ngokomzekelo, ukukhumbula ukuba uYosefu wabaleka xa umfazi kaPotifare wayefuna ukulala naye ngokuqinisekileyo kunokusikhuthaza nathi ukuba sibaleke xa sijamelene nemeko efanayo emsebenzini, esikolweni, okanye naphi na. (Genesis 39:7-12) Kuthekani xa sihendwa ngamathuba okufumana ubutyebi okanye ukubaluleka nokuba negunya ehlabathini? Sinomzekelo kaMoses, ongazange alwamkele uzuko lwaseYiputa. (Hebhere 11:24-26) Ukucinga ngonyamezelo lukaYobhi ngokuqinisekileyo kuya kusinceda ukuba sizimisele ukuhlala sinyanisekile kuYehova enoba siyagula okanye sijamelene neentlekele. (Yakobi 5:11) Kuthekani ukuba siyatshutshiswa? Kaloku, ukukhumbula okwenzekayo kuDaniyeli emhadini weengonyama kuya kusenza sibe nenkalipho!—Daniyeli 6:16-22.
“Andihlalanga Namadoda Angenanyaniso”
12, 13. Zizinxulumani ezinjani esifanele siziphephe?
12 Ethetha ngenye inkalo eyomeleza ingqibelelo yakhe, uDavide wathi: “Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko. Ndilithiyile ibandla labenzi bobubi, yaye andihlali nabangendawo.” (INdumiso 26:4, 5) UDavide wayengahlali nabantu abangendawo. Wayezithiyile izinxulumani ezibi.
13 Kuthekani ngathi? Ngaba asihlali nabantu abangathethi nyaniso kwiinkqubo zikamabonwakude, iividiyo, imifanekiso eshukumayo, kwi-Internet, okanye ngezinye iindlela? Ngaba siyabaphepha abantu abazifihlayo into abayiyo? Abanye esikolweni okanye emsebenzini basenokufuna ukuba ngabahlobo bethu ngeenjongo ezimbi. Ngaba ngokwenene sifuna ukuba nobuhlobo nabo bangahambi ngenyaniso kaThixo? Nangona basenokuthi banyanisekile, abawexuki basenokuzifihla iinjongo zabo zokusiphambukisa ekukhonzeni uYehova. Kuthekani ukuba ebandleni lamaKristu kukho abathile abaphila ubomi obumbaxa? Nabo bayazifihla into abayiyo. UJayson, ngoku osisicaka solungiselelo, wayenabahlobo abanjalo esakhula. Ethetha ngabo, uthi: “Omnye wabo wathi kum: ‘Enoba senza ntoni ngoku akunamsebenzi kuba xa kufika inkqubo entsha, siza kufa. Asoze siyazi into esiphosileyo.’ Loo mazwi andivul’ amehlo. Andifuni kufa xa kufika inkqubo entsha yezinto.” Ngobulumko uJayson wayeka ukunxulumana nabantu abanjalo. Umpostile uPawulos walumkisa: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuziphepha izinxulumani ezibi!
‘Ndiya Kuvakalisa Yonke Imisebenzi Yakho Emangalisayo’
14, 15. ‘Sinokusijikeleza njani isibingelelo [sikaYehova]’?
14 UDavide wahlabela mgama esithi: “Izandla zam ndiya kuzihlamba ngobumsulwa, yaye ndiya kujikeleza isibingelelo sakho, Yehova.” Ngoba? “Ukuze ndivakalise umbulelo ngokuvakalayo, ndize ndivakalise yonke imisebenzi yakho emangalisayo.” (INdumiso 26:6, 7) UDavide wayefuna ukuhlala ecocekile ngokuziphatha ukuze akwazi ukunqula uYehova aze avakalise ukuzinikela kwakhe kuThixo.
15 Yonke into eyayinxulumene nonqulo olunyulu emnqubeni yaye kamva etempileni ‘yayiyintsobi nesithunzi sezinto zasezulwini.’ (Hebhere 8:5; 9:23) Isibingelelo sasifanekisela ukuvuma kukaYehova ukwamkela idini lentlawulelo likaYesu Kristu ukuze kuhlangulwe uluntu. (Hebhere 10:5-10) Izandla zethu sizihlamba ngobumsulwa size ‘sijikeleze isibingelelo [sikaYehova]’ ngokuba nokholo kwelo dini.—Yohane 3:16-18.
16. Ukuxelela abanye ngemisebenzi kaThixo emangalisayo kuyinzuzo njani kuthi?
16 Xa sicinga ngako konke oko kuthethwa yintlawulelo, ngaba iintliziyo zethu azizaliswa ngumbulelo kuYehova nakuNyana wakhe okuphela kwamzeleyo? Ngoko ke, sinombulelo osuk’ entliziyweni, masazise abantu izenzo ezimangalisayo zikaThixo—ukususela ekudalweni komntu entsimini yase-Eden de kuse ekubuyiselweni kwezinto zonke kwihlabathi elitsha likaThixo. (Genesis 2:7; IZenzo 3:21) Yaye hayi indlela oyinkuselo ngayo ngokomoya umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi! (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ukuxakeka kuwo kuluncedo ukuze sigcine ithemba lethu liqaqambile, ukholo lwethu kwizithembiso zikaThixo luqinile, nothando lwethu ngoYehova nangabanye abantu luvutha.
“Ndiyithandile Indawo Yokuhlala Yendlu Yakho”
17, 18. Sifanele sibe nesimo sengqondo esinjani ngokuphathelele iintlanganiso zamaKristu?
17 Umnquba kunye nesibingelelo samadini, wawusisazulu sonqulo lukaYehova kwaSirayeli. Evakalisa indlela awayeyithanda ngayo loo ndawo, uDavide wathandaza esithi: “Yehova, ndiyithandile indawo yokuhlala yendlu yakho nendawo yokuhlala yozuko lwakho.”—INdumiso 26:8.
18 Ngaba siyakuthanda ukuhlanganisana kwiindawo esifunda kuzo ngoYehova? Zonke iiHolo zoBukumkani ekuqhutyelwa kuzo iintlanganiso zokusifundisa ngokomoya ngokuthe rhoqo zizazulu zonqulo lokwenyaniso ekuhlaleni. Ukongezelela, sineendibano zethu zaminyaka le, iindibano zesiphaluka, iindibano ezikhethekileyo zosuku olunye. Kwezi ntlanganiso kuthethwa ‘ngezikhumbuzo’ zikaYehova. Ukuba sifunda ‘ukuzithanda ngokugqithiseleyo,’ siya kukulangazelela ukuya ezintlanganisweni yaye siya kuphulaphula ngenyameko xa sikuzo. (INdumiso 119:167) Hayi indlela ekuhlaziya ngayo ukuba namanye amakholwa anomdla kwimpilo-ntle yethu nasincedayo ukuze sihlale sigcine ingqibelelo!—Hebhere 10:24, 25.
‘Musa Ukubuthabatha Ubomi Bam’
19. Ziziphi izono uDavide wayengafuni ukufunyaniswa enetyala lazo?
19 Eyazi kakuhle into eyenzekayo xa ubani engasahambi ngenyaniso kaThixo, uDavide wabongoza esithi: “Musa ukuwuthabatha naboni umphefumlo wam, nobomi bam namadoda anetyala legazi, ekukho ihambo evakalala ezandleni zawo, nesandla sawo sokunene esizaliswe kukunyoba.” (INdumiso 26:9, 10) UDavide wayengafuni ukuba phakathi kwabantu abangamhloneliyo uThixo abanetyala lokuziphatha okubi okanye ukunyoba.
20, 21. Yintoni enokusikhokelela kwindlela yokungahloneli Thixo?
20 Ihlabathi lithe phithi kukuziphatha okubi. Umabonwakude, amaphephancwadi, neefilimu zikhuthaza ukuziphatha okubi—“uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala.” (Galati 5:19) Bambi baye bangamakhoboka emifanekiso engamanyala, nto leyo ngokufuthi ekhokelela ekuziphatheni okubi. Oku kunjalo ngakumbi kulutsha. Kwamanye amazwe, ukwenza amadinga ngaphambi komtshato kulisiko, yaye abakwishumi elivisayo benziwa bacinge ukuba nabo bamele benze amadinga. Ulutsha oluninzi luyathandana, nangona luselula kakhulu ukuba lungatshata. Ukuze lwanelise umnqweno wesini okhulayo kulo, lukhawuleza luziphathe kakubi de luhenyuze.
21 Abantu abadala nabo abasindi kule mpembelelo imbi. Iindlela zoshishino zokunganyaniseki notyekelo lokwenza izigqibo zokunyoluka ziindlela zokubonisa ukungahambi engqibelelweni. Ukuhamba ngeendlela zehlabathi kuya kusenza sithi qelele kuYehova. ‘Masikuthiye okubi, sithande okulungileyo’ size siqhubeke sihamba engqibelelweni.—Amosi 5:15.
“Ndikhulule Undibabale”
22-24. (a) Luluphi ukhuthazo esilufumanayo kumazwi okuqukumbela INdumiso 26? (b) Nguwuphi umgibe oya kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
22 UDavide wayiqukumbela intetho yakhe noThixo ngokuthi: “Ke mna, ndiya kuhamba engqibelelweni yam. Ndikhulule undibabale. Ngokuqinisekileyo unyawo lwam luya kuma endaweni ethe tyaba; phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo ndiya kumbonga uYehova.” (INdumiso 26:11, 12) Ukuzimisela kukaDavide ukuhamba engqibelelweni kuhambisana nesibongozo sokuhlangulwa. Hayi indlela okukhuthaza ngayo oku! Phezu kwako nje ukuba nesono kwethu, uYehova uya kusinceda ukuze sizimisele ukuhamba engqibelelweni.
23 Ngamana indlela esiphila ngayo ingabonisa ukuba siyaluhlonela yaye siyaluxabisa ulongamo lukaThixo kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. Ngamnye kuthi unokuthandaza aze acele uYehova ukuba amgocagoce aze asulungekise iingcinga neemvakalelo zethu. Sinokuyigcina inyaniso yakhe iphambi kwethu ngamaxesha onke ngokulifundisisa ngenkuthalo iLizwi lakhe. Ngoko ke, ngamana ngandlela zonke singaluphepha unxulumano olubi kodwa simbonge uYehova phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo. Ngamana singanenxaxheba ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi, singaze sivumele ihlabathi lulutyityimbisel’ umnwe ulwalamano lwethu oluxabisekileyo noThixo. Njengokuba sisenza konke okusemandleni ethu ukuhamba engqibelelweni, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusibabala.
24 Ekubeni ingqibelelo iquka zonke iinkalo zobomi bethu, sifanele siwulumkele umgibe oyingozi—ukusebenzisa kakubi utywala. Oku kuya kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni abantu abakrelekrele benokugwetywa ngokufanelekileyo ngesizinzi sengqibelelo yabo?
• Kuthetha ukuthini ukuhamba engqibelelweni yaye kuquka ntoni?
• Yintoni eya kusinceda sihambe engqibelelweni?
• Ukuze silondoloze ingqibelelo, ziziphi iingozi esimele sizazi yaye siziphephe?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ngaba izenzo zikaYehova zothando uzigcina phambi kwamehlo akho?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ngaba umcela rhoqo uYehova ukuba avavanye iingcamango zakho?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ukulondoloza ingqibelelo xa silingwa kuyayivuyisa intliziyo kaYehova
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ngaba uyawaxhakamfula amalungiselelo uYehova awasebenzisayo okukunceda ukuze uhambe engqibelelweni?