Yeremiya
19 Uthi uYehova: “Hamba, uyokuthenga ingqayi kumbumbi.+ Thatha abanye abadala ebantwini uze uthathe abanye kubabingeleli, 2 uphume uye eNtlanjeni Yonyana KaHinom,+ engaseGeyithini Yeengceba Zeengqayi. Apho uze uthethe amazwi endiwathetha kuwe. 3 Uza kuthi, ‘Liveni ilizwi likaYehova, nina bokumkani bakwaYuda nani bahlali baseYerusalem. Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli:
“‘“Sele ndiza kuyizisela intlekele le ndawo, ibe ziza kuthi nzwi iindlebe zakhe nabani na ovayo ngayo, 4 kuba bandishiyile+ baza le ndawo bayenza ayabi saqondakala.+ Babingelela kwabanye oothixo kuyo, oothixo abangazange babazi bona nookhokho babo nookumkani bakwaYuda, ibe bagcwalise le ndawo ngegazi labamsulwa.+ 5 Baye bakha iindawo eziphakamileyo zikaBhahali ukuze batshise oonyana babo emlilweni njengomnikelo otshiswa ngokupheleleyo kuBhahali,+ nto leyo endingabayalelanga ukuba bayenze okanye ndiyithethe, nengazange ithi qatha entliziyweni* yam.”’+
6 “‘“Ngoko ke, jonga! kuza imihla,” utsho uYehova, “xa le ndawo ingasazukubizwa ngokuba yiTofete okanye iNtlambo Yonyana KaHinom, kodwa kuthiwe yiNtlambo Yokubulala.+ 7 Ndiza kulenza lingaphumeleli icebo lakwaYuda nelaseYerusalem kule ndawo, ibe ndiza kubenza bawe ngekrele phambi kweentshaba zabo nangesandla sabo bafuna ukubabulala. Izidumbu zabo ndiza kuzinika iintaka namarhamncwa zibe kukutya kwazo.+ 8 Ndiza kwenza esi sixeko sibe yinto eyoyikekayo nento yokubethelwa umlozi. Wonke umntu odlula ngakuso uza kusijonga othukile aze abethe umlozi ngenxa yazo zonke izibetho zaso.+ 9 Ndiza kubenza batye inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo; ngamnye uza kutya inyama yomhlobo wakhe, ngenxa yokuhlaselwa nokuphelelwa ngamacebo xa berhangqwe ziintshaba zabo nangabo bafuna ukubabulala.”’+
10 “Emva koko yophula ingqayi phambi kwamehlo amadoda ahamba nawe, 11 uze uthi kuwo, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Ndiza kubophula ngale ndlela aba bantu nesi sixeko, njengomntu owophula isitya sombumbi side singaphindi silungiseke; yaye baza kungcwaba abantu abafileyo eTofete de kungabikho ndawo yakungcwaba.”’+
12 “‘Nantso ke into endiza kuyenza kule ndawo,’ utsho uYehova, ‘nakubemi bayo, ukuze esi sixeko ndisenze sibe njengeTofete. 13 Yaye izindlu zaseYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda azizukucoceka kanye njengale ndawo, iTofete,+ zonke izindlu abebebingelela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wamazulu,+ nabebegalela kuzo umnikelo oselwayo wabanye oothixo.’”+
14 Xa uYeremiya wafika evela eTofete, leyo uYehova wayemthumele ukuba aprofete kuyo, wema eyadini yendlu kaYehova, wathi kubo bonke abantu: 15 “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Ndiza kuzisela esi sixeko nazo zonke iidolophu zaso yonke intlekele endithethe ngayo kuso, kuba baye ngenkani abavuma* ukuthobela amazwi am.’”+