IiNdumiso
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
31 Nguwe, Yehova, endibalekela kuye.+
Kwanga ndingangaze ndihlazeke.+
Ndisindise ngenxa yobulungisa bakho.+
Khawuleza uze kundihlangula.+
Yiba yindawo yam ekhuselekileyo esentabeni,
Indawo ekhuselekileyo yokundisindisa.+
5 Ndiwuyekela esandleni sakho umoya wam.+
Undikhulule Yehova, Thixo wenyaniso.*+
6 Ndiyabacaphukela abo bazinikele kwizithixo ezingancedi nganto nezililize;
Kodwa mna, ndithembele kuYehova.
7 Ndiza kuvuya kakhulu ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo,
Kuba uyibonile inkxwaleko yam;+
Uyayibona intlungu yam engathethekiyo.
9 Ndenzele ububele, owu yhini Yehova, kuba ndisentlungwini.
Ilihlo lam nomzimba wam wonke zityhafile ngenxa yentlungu.+
Ndiphelelwa ngamandla ngenxa yesono sam,
Namathambo am aya esiba buthathaka.+
Ndicatshukelwa nangabantu abandaziyo;
Xa bendibona phakathi kwabantu bayandibaleka.+
12 Bandikhuphile ezintliziyweni* zabo ibe bandilibele, ngokungathi ndifile;
Ndifana nengqayi eyaphukileyo.
Bayandipakanyela,
Beceba ukundibulala.+
14 Kodwa ndikuthembile, Yehova.+
Ndithe: “UnguThixo wam.”+
15 Imihla yam* isesandleni sakho.
Ndisindise esandleni seentshaba zam nakwabo banditshutshisayo.+
16 Bukhanyise ubuso bakho kumkhonzi wakho.+
Ndisindise ngothando lwakho olungagungqiyo.
17 Owu Yehova, kwanga ndingangaze ndihlazeke xa ndikubiza.+
18 Kwanga ingathuliswa imilebe yobuxoki,+
Imilebe ethetha kakubi ngamalungisa, ithetha ngekratshi nangendelelo.
Unezinto ezininzi ezilungileyo ozigcinele abo bakoyikayo,+
Ozenza phambi komntu wonke, uzenzela abo babalekela kuwe.+
20 Uza kubasithelisa kwindawo yakho efihlakeleyo,+
Ubakhusele kumayelenqe abantu.
Uza kubafihla ekhusini lakho,
21 Makadunyiswe uYehova,
Kuba undibonise ngendlela emangalisayo ukuba undithanda ngokungagungqiyo+ kwisixeko esirhangqiweyo.+
22 Mna ke ndoyika ndathi:
“Ndiza kutshabalala phambi kwakho.”+
Kodwa wandiva xa ndandikucenga ndikhalela uncedo.+
23 Mthandeni uYehova, nonke nina bangagungqiyo ekumkhonzeni!+