Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
7 Impendulo yam kwizinto enandibhalela ngazo kukuba kubhetele indoda ingamchukumisi umfazi;* 2 kodwa ngenxa yokuba kuxhaphakile ukuziphatha kakubi ngesondo,* indoda nganye mayibe nowayo umfazi,+ nomfazi ngamnye abe neyakhe indoda.+ 3 Indoda mayimnike okumfaneleyo* umfazi wayo; nomfazi enze ngolo hlobo endodeni yakhe.+ 4 Umfazi akanagunya emzimbeni wakhe, kodwa yindoda yakhe enalo, nendoda ayinagunya emzimbeni wayo, kodwa ngumfazi wayo onalo. 5 Musani ukuvimbana isondo ngaphandle kokuba nivumelene ukuba niyeke ixesha elithile ukuze nithandaze, nize emva koko niphinde nabelane ngesondo, ukuze uSathana anganilingi kuba ningakwazi ukuzibamba. 6 Kodwa ke ndiyacebisa xa ndisitsho, andiyaleli. 7 Akwaba bonke abantu bebefana nam. Kodwa ke mntu ngamnye unesiphiwo sakhe+ esisuka kuThixo, abanye abatshati, abanye bayatshata.
8 Abo bangatshatanga nabahlolokazi ndibacebisa ukuba bahlale benjengam.+ 9 Kodwa ukuba abakwazi kuzibamba mabatshate, kuba kubhetele ukuba utshate kunokuba utshiseke yinkanuko.+
10 Ndiyabayalela abantu abatshatileyo, phofu abayalelwa ndim kodwa yiNkosi, ukuba umfazi umele angohlukani nendoda yakhe.+ 11 Kodwa ukuba uyohlukana nayo umele ahlale engatshatanga okanye abuyelane nendoda yakhe; nendoda ayimele imshiye umfazi wayo.+
12 Le nto ndiza kuyithetha isuka kum, hayi kwiNkosi.+ Ndithi kwabanye: Ukuba umzalwana unomfazi ongakholwayo, abe umfazi evuma ukuhlala naye, makangamshiyi; 13 nomfazi onendoda engakholwayo, ibe ivuma ukuhlala naye, makangayishiyi. 14 Kaloku indoda engakholwayo yenziwa ibe ngcwele ngenxa yomfazi wayo, nomfazi ongakholwayo wenziwa abe ngcwele ngenxa yendoda yakhe engumzalwana; kungenjalo abantwana babo ngebengacocekanga, kodwa ngoku bangcwele. 15 Kodwa ukuba lowo ungakholwayo ukhetha ukuhamba, makahambe; xa kunjalo umzalwana okanye udade akabotshelelwanga. UThixo uninike uxolo.+ 16 Kuba, wazi njani wena mfazi ukuba awuzukuyisindisa indoda yakho?+ Okanye, wazi njani wena ndoda ukuba awuzukumsindisa umfazi wakho?
17 Noko ke mntu ngamnye makaneliseke yiloo nto uYehova* amnike yona, ahlale eyilaa ndlela wayeyiyo xa uThixo wayemkhetha.+ Lo myalelo uya kuwo onke amabandla. 18 Ukuba kukho umntu owakhethwa olukile,+ makahlale enjalo. Ukuba kukho umntu owakhethwa engolukanga, makangoluki.+ 19 Ukoluka akuyonto, nokungoluki akuyonto.+ Eyona nto ibalulekileyo kukuthobela imithetho kaThixo.+ 20 Umntu makahlale eyilaa nto wayeyiyo xa uThixo wayemkhetha.+ 21 Ngaba wakhethwa ulikhoboka? Sukuzikhathaza ngaloo nto;+ kodwa ukuba unayo indlela yokukhululeka, lisebenzise elo thuba. 22 Kuba nabani na ongumlandeli weNkosi owakhethwa elikhoboka, ukhululekile yaye ungoweNkosi;+ ngokufanayo, nabani na owakhethwa ekhululekile ulikhoboka likaKristu. 23 Nathengwa,+ ngoko yekani ukuba ngamakhoboka abantu. 24 Bazalwana, loo nto umntu wayeyiyo xa wayekhethwa, makahlale eyiyo phambi koThixo.
25 Andinawo umyalelo osuka eNkosini oya kubantu abangazange balala namntu,* kodwa ndiza kuthetha into endiyicingayo,+ yaye ekubeni ndenzelwa inceba yiNkosi, ningandithemba. 26 Ngoko ke, ngenxa yokuba siphila kumaxesha anzima, ndicinga ukuba kubhetele umntu ahlale enjalo. 27 Ukuba unomfazi, sukufuna ukukhululeka.+ Ukuba awunamfazi, sukufuna umfazi. 28 Kodwa ukuba uyatshata, awenzi sono. Nokuba umntu ongazange walala namntu uyatshata, akenzi sono. Kodwa ke abo batshatayo baza kuba neengxaki ezininzi. Mna ke ndizama ukunikhusela.
29 Ngaphezu koko bazalwana, ixesha elishiyekileyo lincinci.+ Ukususela ngoku abo banabafazi mababe ngathi abanabo, 30 abo balilayo babe ngathi abalili, abo bavuyayo babe ngathi abavuyi, abo bathengayo babe ngathi abananto, 31 nabo balisebenzisayo ihlabathi bangalisebenzisi ngokupheleleyo, kuba eli hlabathi liyatshintsha. 32 Ndifuna ningabi naxhala lanto. Indoda engatshatanga icinga ngezinto zeNkosi, ukuba ingenza njani ukuze ithandwe yiNkosi. 33 Kodwa indoda etshatileyo icinga ngezinto zehlabathi,+ ukuba ingenza njani ukuze ithandwe ngumfazi wayo, 34 yaye yahlulelene. Ngaphezu koko, umfazi ongatshatanga, nentombi engazange yalala nandoda, icinga ngezinto zeNkosi,+ ukuze igcine umzimba wayo nezinto ezicingayo zingcwele. Yena ke umfazi otshatileyo ucinga ngezinto zehlabathi, ukuba angenza njani ukuze athandwe yindoda yakhe. 35 Ezi zinto ndizithetha kuba ndifuna ukuninceda, hayi kuba ndifuna ukunibophelela, kodwa ndifuna nenze izinto ezifanelekileyo nize nihlale nizinikele eNkosini ngaphandle kwesiphazamiso.
36 Kodwa ukuba nabani na ongatshatanga ucinga ukuba akakwazi kuzibamba, abe emdala ngokwaneleyo,* nantsi ke into emele yenzeke: Makenze loo nto ayifunayo, akenzi sono. Makatshate.+ 37 Kodwa ukuba nabani na uzimisele entliziyweni yakhe yaye akaziva enyanzelekile ukuba atshate, kodwa uyakwazi ukuzibamba ibe wenze isigqibo entliziyweni yakhe sokuba ahlale engatshatanga, uza kuba wenza into entle.+ 38 Ngoko ke nabani na otshatayo wenza into entle, kodwa nabani na ongatshatiyo wenza into entle nangaphezulu.+
39 Umfazi ubotshelelwe endodeni yakhe xa isaphila.+ Kodwa ukuba indoda yakhe iyafa,* ukhululekile ukuba angatshata nabani na amfunayo, ukuba nje ngumlandeli weNkosi.+ 40 Kodwa ke mna ndicinga ukuba angonwaba kakhulu ukuba angahlala engatshatanga, ibe ndiqinisekile ukuba nam ndinawo umoya kaThixo.