Isiluleko Sobulumko Esiphathelele Ukutshata Nokungatshati
“Oku ndikutsho . . . ukuze ndinishukumisele koko kufanelekileyo noko kuthetha ukukhonza iNkosi rhoqo ngaphandle kwesiphazamiso.”—1 KOR. 7:35.
1, 2. Kutheni kufanele umntu ahlole isiluleko seBhayibhile esithetha ngokutshata nokungatshati?
ULWALAMANO lwethu nabantu besini esahlukileyo lunokuba yeyona nto ibangela imincili kodwa kwangaxeshanye enokubangela unxunguphalo. Ekubeni kuyimfuneko ukumelana nezo mvakalelo ngoko sinesizathu esihle sokufuna ulwalathiso lukaThixo, kodwa zikho nezinye iinjongo zokwenza loo nto. UmKristu owanelisekileyo kukuhlala engatshatanga usenokuvakalelwa kukuba intsapho okanye abahlobo bakhe bamnyanzela ukuba atshate. Omnye usenokufuna ukutshata kodwa abe engekalifumani iqabane elifanelekileyo. Amanye amaKristu afuna ulwalathiso ngendlela yokulungela iimbopheleleko zomyeni okanye ezomfazi. Yaye amaKristu ajamelana nezilingo zokuziphatha kakubi, enoba atshatile okanye akatshatanga.
2 Enoba ezi zinto ziyasonwabisa thina okanye akunjalo, ziyaluchaphazela ulwalamano lwethu noYehova uThixo. Kwisahluko 7 sencwadi yakhe yokuqala eyayisiya kwabaseKorinte, uPawulos wanikela ukhokelo ngokuphathelele ukutshata nokungatshati. Injongo yakhe yayikukukhuthaza abaphulaphuli bakhe “koko kufanelekileyo noko kuthetha ukukhonza iNkosi rhoqo ngaphandle kwesiphazamiso (1 Kor. 7:35) Njengoko uhlola esi siluleko sakhe kule miba ibalulekileyo, zama ukujonga imeko okuyo njengendlela yokukhonza uYehova ngokupheleleyo—enoba utshatile okanye akutshatanga.
Isigqibo Esibalulekileyo Somntu Ngamnye
3, 4. (a) Zibakho njani iingxaki xa abantu bezixhalabise ngokugqith’ emgceni ngomhlobo okanye isalamane esingatshatanga? (b) Isiluleko sikaPawulos sinokumnceda njani umntu ukuba abe nembono elungeleleneyo ngomtshato?
3 Njengabantu bakwaYuda ngenkulungwane yokuqala, abantu abaninzi namhlanje bathi umtshato yeyona nto inqwenelekayo. Ukuba umfana okanye intombi idlula kwiminyaka ethile ingekatshati, abahlobo nezalamane zayo basenokuziva benyanzelekile ukuba bayicebise. Basenokucebisa ngelithi lo mfana okanye loo ntombi mayizimisele ngakumbi ukuzifunela iqabane. Basenokumana beyixelela ngomntu othile wesini esahlukileyo. Basenokude benze amacebo okudibanisa abo bantu babini bangatshatanga. Ukwenza loo nto ngamanye amaxesha kuye kubahlazise abo bantu, kuphelise ubuhlobo kuze kwenzakalise neemvakalelo zabo.
4 UPawulos akazange anyanzele nabani na, ukuba makatshate okanye ahlale engatshatanga. (1 Kor. 7:7) Wayanelisekile kukukhonza uYehova ngaphandle komfazi, kodwa wayelihlonela ilungelo labanye lokutshata. Namhlanje, amaKristu anelungelo lokuzigqibela enoba afuna ukutshata okanye ahlale engatshatanga. Akukho mntu umele awanyanzele ukuba enze into efunwa nguye.
Ukuphumelela Njengomntu Ongatshatanga
5, 6. Kwakutheni ukuze uPawulos akhuthaze amaKristu ukuba angatshati?
5 Amazwi kaPawulos awayesiya kwabaseKorinte asinceda siqonde ukuba amaKristu angatshatanga anako ukukhonza uThixo kakuhle. Nangona uPawulos wayengatshatanga, akazange azicingele bhetele kunabantu abatshatileyo, kanye njengoko babenjalo abafundisi bengqobhoko. Kunoko uPawulos wachaza izinto ezininzi ezazinokunanditshwa ngabalungiseleli beendaba ezilungileyo abangatshatanga. Ziintoni ezo?
6 UmKristu ongatshatanga udla ngokuzamkela lula izabelo enkonzweni kaYehova, nto leyo enokuba ngumnqantsa kumntu otshatileyo. UPawulos wafumana ilungelo elikhethekileyo ‘njengompostile weentlanga.’ (Rom. 11:13) Funda iZenzo isahluko 13 ukuya kwesama-20, uze ubone indlela yena nabanye abathunywa bevangeli ababeshumayela ngayo kwiindawo ezintsha, bemisela amabandla kwiindawo ngeendawo. Kwinkonzo yakhe, uPawulos wanyamezela ubunzima abantu abaninzi namhlanje abangenakujongana nabo. (2 Kor. 11:23-27, 32, 33) Kodwa uPawulos wayekulungele ukunyamezela obo bunzima ngenxa yovuyo awayesiba nalo lokunceda abantu abaninzi babe ngabafundi. (1 Tes. 1:2-7, 9; 2:19) Ngaba wayenokukwazi ukwenza yonke loo nto ukuba wayetshatile okanye enentsapho? Mhlawumbi kwakungenakuba njalo.
7. Chaza umzekelo wamaNgqina angatshatanga awasebenzisa imeko akuyo ukuze ahambisele phambili umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.
7 AmaKristu amaninzi angatshatanga asebenzisa imeko akuyo ukuze azibhokoxe kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. USara noLimbania, oovulindlela abangatshatanga baseBolivia, bafudukela kwilali ekwakusele kuyiminyaka kungashunyayelwa kuyo. Ekubeni kwakungekho mbane, ngaba loo nto yayiza kuba yingxaki? Bathi: “Akukho nomathotholo okanye umabonwakude, ngoko inye kuphela into abantu ababenomdla kuyo—kukufunda.” Abanye abantu babonisa aba vulindlela iincwadi zamaNgqina kaYehova ababezifunda kodwa zingasashicilelwa. Aba dade babefumana abantu abanomdla phantse kuzo zonke izindlu, ngoko kwakunzima ukubuyela kuyo yonke imizi kuloo ntsimi. Omnye umama wathi kubo: “Makube isiphelo sisemnyango, xa amaNgqina kaYehova ede afika nakuthi.” Abanye kuloo lali baqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla.
8, 9. (a) Wayecinga ngantoni uPawulos xa wathetha kakuhle ngokungatshati? (b) Ngawaphi amathuba amahle avulekele amaKristu angatshatanga?
8 Liyinyaniso elokuba namaKristu atshatileyo aye afumane imiphumo emihle xa eshumayela iindaba ezilungileyo kwintsimi elukhuni. Kodwa ke, ezinye izabelo ezinokuxhakamfulwa lula ngoovulindlela abangatshatanga zinokuba nzima kubantu abatshatileyo okanye abanabantwana. UPawulos wayesazi ukuba wawusemninzi umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo kumabandla asekuhlaleni. Wayefuna ukuba bonke abantu bavuye njengaye. Ngenxa yoko wathetha kakuhle ngokukhonza uYehova ungatshatanga.
9 Udade ongatshatanga onguvulindlela waseUnited States wathi: “Abanye abantu bathi akunakonwaba ungatshatanga. Kodwa ndibonile ukuba ulonwabo luxhomekeka kulwalamano lomntu noYehova. Nangona xa ungatshatanga kufuneka uncame izinto ezithile, kusisipho esimangalisayo xa ulisebenzisa kakuhle ixesha onalo.” Ngokuphathelele ukufumana ulonwabo, wathi: “Ukungatshati kukwenza wonwabe gqitha, akukuthinteli ukuba wonwabe. Ndiyazi ukuba uYehova akabandezi nabani na umsa wakhe, enoba utshatile okanye akutshatanga.” Ngoku lo dade wonwabile yaye ukhonza apho kukho imfuneko yabavakalisi boBukumkani. Ukuba akutshatanga, ngaba akunakusebenzisa inkululeko onayo ukuze ube nexesha elingakumbi lokufundisa abanye inyaniso? Nawe unokutsho ukuba ukungatshati kusisipho esingenakuthelekiswa nanto esivela kuYehova.
Abantu Abangatshatanga Abangathanda Ukutshata
10, 11. UYehova ubaxhasa njani abantu abafuna ukutshata kodwa bengekawafumani amaqabane afanelekileyo?
10 Emva kwexesha elithile bengatshatanga, abakhonzi bakaYehova abathembekileyo abaninzi baye bagqibe kwelokuba bazifunele amaqabane omtshato. Besazi ukuba bafuna ukhokelo lukaYehova, bayamcela ukuba abancede bafumane amaqabane abafaneleyo.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:36.
11 Ukuba ufuna ukutshata umntu okhonza uThixo ngomphefumlo uphela, cela uYehova ngomthandazo. (Fil. 4:6, 7) Enoba kubonakala ngathi kudala ulindile, ungancami. Thembela kuThixo wethu onothando njengoMncedi wakho, yaye uya kukuxhasa ukuze ukwazi ukumelana nemeko okuyo.—Heb. 13:6.
12. Ukuba umKristu ucelwa umtshato, kutheni efanele ayicinge ngobulumko impendulo?
12 UmKristu ongatshatanga ofuna ukutshata usenokucelwa umtshato ngumntu oneendledlana ezingaqondakaliyo ngokomoya okanye umntu ongeloNgqina. Ukuba oko kuyenzeka nakuwe, khumbula ukuba intlungu onokuba kuyo ngokwenza isigqibo esingesiso inokuyiphinda kabini le wawukuyo ungatshatanga. Yaye xa sele utshatile, ubophelelekile kwiqabane lakho enoba sekukubi. (1 Kor. 7:27) Ungaze uthi kuba unqwenela ukutshata uzityhobe nokuba kuphi, kuba hleze uzisole kamva.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:39.
Ukuxhobela Umtshato Neengxaki Zawo
13-15. Ziziphi izinto esimele sithethe ngazo isibini esithandanayo ezinokubangela imbandezelo emtshatweni?
13 Nangona uPawulos wancomela ukukhonza uYehova ungatshatanga, akazange abajongele phantsi abantu ababegqiba kwelokuba batshate. Kunoko, icebiso lakhe eliphefumlelweyo linceda izibini zimelane neengxaki zomtshato zize ziqhubeke zihlala kunye.
14 Ezinye izibini zifanele zilutshintshe ulindelo ezinalo ngomtshato. Njengoko bethandana, abantu ababini basenokucinga ukuba uthando lwabo lukhethekile yaye lusisiqinisekiso sokuba baya kusoloko bonwabile emtshatweni. Basenokungena emtshatweni bethe swii luthando yaye becinga ukuba akukho kwanto enokubenza bangonwabi. Loo ngcamango ayikho ngqiqweni. Uthando oluphakathi kwabantu abatshatileyo luyonwabisa, kodwa alwanelanga ukuze luncede abatshati bazilungele iimbandezelo zomtshato.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:28.a
15 Abantu abasandul’ ukutshata baye bamangaliswe, okanye badane xa bengaboni ngasonye namaqabane abo kwimiba ebalulekileyo. Basenokungavumelani ngendlela abamele bayisebenzise ngayo imali nangendlela abamele bazihlaziye ngayo, ngendawo yokuhlala nangexesha abamele balichithe betyelela iintsapho zabo. Yaye ngamnye kubo uneempazamo ezisenokumdina omnye. Ngoxa nithandana, kulula ukukubetha ngoyaba ukubaluleka kwemiba enjalo, kodwa kamva inokubangela iingxaki emtshatweni. Kuba bhetele xa isibini sizilungisa izinto ezithile ngaphambi kokutshata.
16. Kutheni isibini sifanele sivumelane ngendlela yokuhlangabezana nocelomngeni lobomi bomtshato?
16 Ukuze siphumelele size sonwabe, isibini sifanele sijongane nezinto ezilucelomngeni simanyene. Sifanele sivumelane ngendlela yokuqeqesha abantwana neyokunyamekela abazali abakhulileyo. Abantu abatshatileyo abamele bavumele iingxaki zentsapho zibenze babe ziintlaba-zahlukane. Xa besebenzisa isiluleko seBhayibhile, baya kucombulula iingxaki ezininzi, banyamezele ezo zikhoyo, baze bahlale kunye bonwabile.—1 Kor. 7:10, 11.
17. Isibini sifanele silindele ntoni ngokuphathelele ukuxhalabela “izinto zehlabathi”?
17 UPawulos uchaza enye into ngomtshato kweyoku-1 kwabaseKorinte 7:32-34. (Yifunde.) Abantu abatshatileyo banyanzelekile ukuba ‘baxhalele izinto zehlabathi,’ njengokutya, impahla, indawo yokuhlala, nezinye izinto zenyama. Kutheni kunjalo nje? Xa engekatshati, kusenokwenzeka ukuba umzalwana ebezibhokoxa entsimini. Kodwa ekubeni ngoku engumyeni ufumanisa ukuba umele asebenzise elinye lelo xesha namandla enyamekela umfazi wakhe ukuze azuze inkoliseko yakhe. Kunjalo nangomfazi kwindoda yakhe. Njengesilumko, uYehova uyayiqonda ukuba le nto iyimfuneko. Uyazi ukuba ukuze umtshato uphumelele, kufuneka isibini sisebenzise elinye lexesha namandla ebesikade siwasebenzisa kwinkonzo kaThixo ngoxa besingekatshati.
18. Luluphi utshintsho ngokuphathele ixesha lokuzihlaziya ekusenokufuneka abanye balwenze emva kokutshata?
18 Kodwa sifunda okungakumbi. Ukuba abantu abatshatileyo bafanele bathathe elinye ixesha namandla kwinkonzo kaThixo ukuze banyamekelane, ngaba abafanele benze okufanayo ngamandla nexesha ebebelichitha nabahlobo ngoxa bebengekatshati? Ebeya kuziva njani umfazi ukuba umyeni wakhe ebenokuqhubeka ezinikele kwimidlalo kunye nabahlobo? Okanye ibiya kuziva njani indoda ukuba umfazi wayo ebechitha ixesha elininzi kwizinto ezithandwa nguye nabahlobo? Bobabini banokuziva bengamalolo, bengonwabanga yaye bengathandwa. Yonke le nto inokuphetshwa xa abantu abatshatayo besenza konke okusemandleni abo ukuze bomeleze ulwalamano lwabo njengendoda nomfazi.—Efe. 5:31.
UYehova Ufuna Siziphathe Kakuhle
19, 20. (a) Kutheni abantu abatshatileyo nabo besenokuhendeka ukuba baziphathe kakubi? (b) Bazibeka esichengeni santoni abantu abatshatileyo xa bezivumela ukuba bahlukane kangangexesha elide?
19 Abakhonzi bakaYehova benza konke okusemandleni abo ukuze bahlale benyulu ngokokuziphatha. Abanye bakhetha ukutshata ukuze baphephe iingxaki kule nkalo. Kodwa ke, umtshato awunakumkhusela ngokuzenzekelayo umntu ekuziphatheni kakubi ngokwesini. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, isixeko esiluqilima sasikhusela abantu kuphela xa behlala ngaphakathi kweendonga zaso. Ukuba umntu wayenokuphuma ngaphaya kwamasango xa kukho abaphangi nezikrelemnqa, wayenokukhuthuzwa okanye abulawe. Ngokufanayo, abantu abatshatileyo bakhuseleka ekuziphatheni okubi kuphela xa behlala ngaphakathi kwemiqathango ephathelele isini abayibekelwe nguMsunguli womtshato.
20 UPawulos wayichaza loo miqathango kweyoku-1 kwabaseKorinte 7:2-5. Indoda ifanele ibe neentlobano zesini nomfazi wayo kuphela; yaye nomfazi unelo lungelo kunye nendoda yakhe yodwa. Ngamnye kubo ufanele anike omnye “okumfaneleyo,” okanye iintlobano zesini umntu otshatileyo anelungelo lokuzifumana. Kodwa ke, abanye abayeni nabafazi bachitha ixesha elininzi bengekho kunye—besiya kwiiholide bengahambi kunye okanye bangahlali kunye ngenxa yomsebenzi wempangelo, ize loo nto ibangele ukuba babandezane ‘okubafaneleyo.’ Khawucinge nje ngentlungu enokuvela xa, ngenxa “yokuswela ukuzeyisa,” umntu enikezela kwimpembelelo kaSathana aze akrexeze. UYehova uyazisikelela iintloko-ntsapho ezinyamekela iintsapho zazo ngaphandle kokubeka esichengeni imitshato yazo.—INdu. 37:25.
Iingenelo Zokuthobela Isiluleko SeBhayibhile
21. (a) Kutheni kunzima ukwenza izigqibo eziphathelele ukutshata nokungatshati? (b) Kutheni isiluleko esikweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 7 sisesobulumko?
21 Izigqibo zokutshata nokungatshati ziphakathi kwezigqibo ezinzima ezinokwenziwa ngumntu. Sonke asifezekanga, nto leyo engunobangela weengxaki ezininzi abantu abahlangabezana nazo. Ngoko nabantu abathandwa nabasikelelwe nguYehova abanakukuphepha ngokupheleleyo ukuphoxeka, enoba batshatile okanye abatshatanga. Ukuba usebenzisa isiluleko sobulumko esikweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 7, unokuziphepha ezinye zezo ngxaki. Emehlweni kaYehova uya kuba “wenza kakuhle,” enoba akutshatanga okanye utshatile. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:37, 38.) Ukukholisa uThixo lolona sukelo lubalaseleyo unokulufikelela. Ngenxa yokuba umkholisa, uya kuqhubeka ukwindlela esa kwihlabathi lakhe elitsha. Kwelo hlabathi, ulwalamano oluphakathi kwamadoda nabafazi alusayi kwambathwa ziingxaki ezixhaphakileyo namhlanje.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho isahluko 2, isiqendu 16-19.
Ngaba Ungaphendula?
• Kutheni kungafanelekanga ukuba nabani na anyanzele omnye ngomtshato?
• Unokulisebenzisa kakuhle njani ixesha onalo njengomkhonzi kaYehova ongatshatanga?
• Isibini esisathandanayo sinokuzixhobela njani iingxaki zomtshato?
• Kutheni umtshato ungenakubakhusela ngokuzenzekelayo abantu ekuziphatheni okubi ngokwesini?
[Imifanekiso ekwiphepha 14]
AmaKristu angatshatanga asebenzisa ixesha lawo ekwandiseni ubulungiseleli azaliswa luvuyo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Luluphi utshintsho ekusenokufuneka lwenziwe ngabanye emva kokutshata?