Levitikus
10 Ekuhambeni kwexesha, oonyana baka-Aron uNadabhi noAbhihu+ bathatha izitya zabo zomlilo, babeka amalahle avuthayo kuzo baza babeka isiqhumiso esiqholiweyo+ kuzo. Emva koko bazisa umlilo ongekho mthethweni kuYehova,+ into awayengabayalelanga ukuba bayenze. 2 Kwaphuma umlilo uvela kuYehova, wabatshisa+ bafa phambi koYehova.+ 3 Wathi uMoses kuAron: “Uthi uYehova, ‘Ndiza kungcwaliswa ngabo basondeleyo kum,+ yaye ndiza kuzukiswa phambi kwabantu bonke.’” Wathi cwaka uAron.
4 UMoses wabiza uMishayeli noElitsafan, oonyana bakaUziyeli,+ utatomncinci ka-Aron, wathi kubo: “Yizani apha, nisuse abantakwenu phambi kwendawo engcwele, nibase ngaphandle kwenkampu.” 5 Basondela ke baza babathwalela ngaphandle kwenkampu besenemiwunduzo yabo, kanye njengokuba wayetshilo uMoses.
6 UMoses wathi kuAron nakwabanye oonyana bakhe uEleyazare noItamare: “Ningaziyeki zingalungiswanga iintloko zenu, ningazikrazuli izambatho zenu,+ ukuze ningafi, nokuze umsindo kaThixo ungafikeli bonke abantu. Abazalwana benu bayo yonke indlu kaSirayeli baza kubalilela abo batshiswe nguYehova ngomlilo. 7 Ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana okanye niza kufa, kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu.”+ Benza ke yonke into awayebaxelele yona uMoses.
8 UYehova wathi kuAron: 9 “Xa nisiza kwintente yokuhlangana, wena noonyana bakho abakunye nawe, musani ukusela wayini okanye esinye isiselo esinxilisayo,+ ukuze ningafi. Ngumthetho oza kuhlala uhleli lowo kwizizukulwana zenu. 10 Oku kwenzelwa ukuze nahlule into engcwele kwengcolileyo nento engacocekanga kwecocekileyo,+ 11 nokuze nifundise oonyana bakaSirayeli yonke imithetho abayinikwe nguYehova ngoMoses.”+
12 Emva koko uMoses wathi kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uEleyazare noItamare: “Thathani umnikelo wokutya okuziinkozo oseleyo kumnikelo kaYehova otshiswa ngomlilo, niwutye ungenagwele kufuphi nesibingelelo,+ kuba uyeyona nto ingcwele.+ 13 Nize niwutyele endaweni engcwele,+ kuba sisibonelelo sakho noonyana bakho kumnikelo kaYehova otshiswa ngomlilo, kuba ndiyalelwe ngaloo ndlela. 14 Niza kutya nesifuba somnikelo otshangatshangiswayo nomlenze womnikelo ongcwele,+ nizityele endaweni ecocekileyo, wena noonyana bakho neentombi zakho ezikunye nawe,+ kuba zisisibonelelo sakho noonyana bakho emibingelelweni yobuhlobo yamaSirayeli. 15 Baza kuzisa umlenze womnikelo ongcwele nesifuba somnikelo otshangatshangiswayo kunye neminikelo yamanqatha etshiswa ngomlilo, ukuze zitshangatshangiswe zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova, yaye ziza kuba sisibonelelo sakho noonyana bakho abakunye nawe esiza kuhlala sihleli,+ kanye njengokuba eyalele uYehova.”
16 UMoses wayikhangelisisa kakuhle ibhokhwe yomnikelo wesono,+ wafumanisa ukuba itshisiwe. Ngoko yamcaphukisa into eyenziwe nguEleyazare noItamare, oonyana baka-Aron abaseleyo, wathi: 17 “Kutheni ningawutyanga umnikelo wesono endaweni engcwele,+ ekubeni uyeyona nto ingcwele aninike yona ukuze niphendule ngesiphoso sabantu nokuze zihlawulelwe izono zabo phambi koYehova? 18 Jongani! Alingeniswanga igazi lawo kwindawo engcwele.+ Benifanele nakanjani niwutye endaweni engcwele, kanye njengokuba ndandiyalelwe.” 19 UAron waphendula wathi: “Jonga! Namhlanje bazise umnikelo wabo wesono nomnikelo wabo otshiswayo phambi koYehova,+ kodwa ndehlelwe zezi zinto. Ukuba bendiwutyile umnikelo wesono namhlanje, ngaba ebeza kuyithanda loo nto uYehova?” 20 Wathi akuyiva loo nto uMoses, waxola.