Eyesibini KwabaseKorinte
2 Ndigqibe kwelokuba ndingaphindi ndize kuni ndibuhlungu. 2 Kaloku ukuba ndinenza buhlungu, ngubani oza kundivuyisa ngaphandle kwaloo mntu ndimenze buhlungu? 3 Laa nto ndayibhalayo, ndayibhala ukuze xa ndifika apho ndingakhathazwa ngabantu abamele ukuba bayandivuyisa, kuba ndiqinisekile ukuba into endivuyisayo iyanivuyisa nani. 4 Kuba ndanibhalela ndisebunzimeni, intliziyo yam ibuhlungu yaye ndilila iinyembezi. Ndandingazami ukunikhathaza,+ kodwa ndandifuna nazi indlela endinithanda ngayo.
5 Umntu obangele inkathazo,+ akakhathazanga mna, kodwa ukhathaze nina nonke ukusa kumkhamo othile. Kodwa andifuni kusebenzisa amazwi ahlabayo kule nto. 6 Ukukhalinyelwa kwakhe ngabantu abaninzi kwanele, 7 ngoku nifanele nibe nobubele, nimxolele yaye nimthuthuzele,+ ukuze angakhathazeki kakhulu.+ 8 Ngoko ke ndiyanicela ukuba nimqinisekise ukuba niyamthanda.+ 9 Kuba esinye isizathu sokuba ndinibhalele, yayikukubona ukuba niyazithobela na zonke izinto. 10 Ukuba nina nixolela umntu ngayo nantoni na, nam ndiyamxolela. Enyanisweni, nantoni na endiye ndayixolela (ukuba ikhona), bendisenzela nina phambi koKristu; 11 ukuze singaqhathwa nguSathana,+ kuba siyawazi amacebo akhe.+
12 Ukufika kwam eTrowa+ ndiyokushumayela iindaba ezilungileyo ngoKristu, ndaza ndavulelwa umnyango omkhulu wokwenza umsebenzi weNkosi, 13 andizange ndonwabe xa ndandingamfumani umzalwana wam uTito.+ Ngoko ndacela indlela ndaza ndaya eMakedoni.+
14 Makabulelwe uThixo osoloko esikhokela ngokungathi singamajoni oyise emfazweni kunye noKristu, nosisebenzisayo ukuze aziwe kuyo yonke indawo, ngokungathi livumba elimnandi! 15 Kuba kuThixo silivumba elimnandi likaKristu phakathi kwabo basindiswayo naphakathi kwabo batshabalalayo; 16 kwabo batshabalalayo silivumba lokufa elisa ekufeni,+ kwabo basindiswayo silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani ke okufanelekeleyo ukwenza loo msebenzi? 17 Sithi, kuba asithengisi ngelizwi likaThixo+ njengabanye abantu, kodwa sithetha ngokunyaniseka, phambi kukaThixo, njengokuba sithunywe nguye, sikunye noKristu.