IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe “ngeeNyibiba.” Eyoonyana bakaKora.+ IMaskili.* Ingoma yothando.
45 Intliziyo yam ivuselelwa yinto emnandi.
Ndithi: “Ingoma yam* ingokumkani.”+
Kwanga ulwimi lwam lungaba lusiba+ lomkhupheli* olichule.+
2 Uyeyona nzwana phakathi koonyana babantu.
Emilebeni yakho kuphuma amazwi amyoli.+
Yiyo le nto uThixo ekusikelele ngonaphakade.+
4 Hamba uyokoyisa* ngobukhulu bakho;+
Phalisa endleleni yenyaniso nokuthobeka nobulungisa,+
Yaye isandla sakho sasekunene siza kwenza* izinto ezimangalisayo.
5 Iintolo zakho zibukhali, ziwisa izizwana ngaphantsi kwakho;+
Zigqobhoza iintliziyo zeentshaba zikakumkani.+
7 Ubuthandile ubulungisa,+ wabucaphukela ububi.+
Yiyo le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yovuyo+ ngaphezu kwabanye abantu.
8 Zonke iimpahla zakho ziqholwe ngemore nekhala nekasiya;
Kwindlu kakumkani enkulu ehonjiswe ngeempondo zendlovu, kudlalwa imirhubhe ekwenza wonwabe.
9 Phakathi kwamanenekazi akho abekekileyo, kukho iintombi zookumkani.
Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho, ehombe ngegolide yakwaOfire.+
10 Mamela, ntombi yam, qaphela uze usondeze indlebe yakho;
Balibale abantu bakowenu nendlu katata wakho.
12 Intombi yaseTire iza kuza iphethe isipho;
Ezona zityebi phakathi kwabantu ziza kuzicengezela kuwe.*
13 Phakathi endlini kakumkani intombi yokumkani iyakhazimla;
Isinxibo sayo sihonjiswe ngegolide.
14 Iza kuziswa kukumkani inxibe iimpahla ezilukiweyo.*
Iintombi eziyilandelayo ezingazange zalala nandoda ziziswa kuwe.
15 Ziza kuziswa ngemihlali nokuvuya;
Ziza kungena kwindlu kakumkani.
16 Oonyana bakho baza kuthatha indawo yookhokho bakho.
Uza kubenza iinkosana emhlabeni wonke.+
17 Ndiza kulazisa igama lakho kuzo zonke izizukulwana ezizayo.+
Yiyo le nto izizwana ziza kukudumisa ngonaphakade kanaphakade.