“Ndinibekela Umzekelo”
“Benifanele ukuba ngabafundisi ngenxa yexesha.”—HEBHERE 5:12.
1. Kutheni amazwi akumaHebhere 5:12 ngokuqhelekileyo anokumkhathaza umKristu?
NJENGOKO ufunda la mazwi aphefumlelweyo kwesi sibhalo singumxholo, ngaba ayakukhathaza? Ukuba kunjalo, asinguwe wedwa. Njengabalandeli bakaKristu, siyazi ukuba simele sibe ngabafundisi. (Mateyu 28:19, 20) Siyazi ukuba kumaxesha esiphila kuwo kubalulekile ukuba sifundise kakuhle kangangoko kunokwenzeka. Yaye siyazi ukuba imfundiso yethu inokuthetha ukuphila okanye ukufa kwabo sibafundisayo! (1 Timoti 4:16) Kusengqiqweni ukuzibuza: ‘Ngaba ngokwenene ndifundisa ngendlela ebendifanele ukufundisa ngayo? Ndinokuphucula njani?’
2, 3. (a) Omnye umfundisi wasicacisa njani isiseko sokufundisa ngendlela efanelekileyo? (b) UYesu wasibekela wuphi umzekelo ngokuphathelele ukufundisa?
2 Asifanele sikhathazeke kangangokuba side sidimazeke. Ukuba sicinga ukuba ukufundisa kufuna ubuchule obuthile obufundiweyo kuphela, sisenokuvakalelwa kukuba soze sikwazi ukuphucula. Noko ke, isiseko sokufundisa ngendlela efanelekileyo, asibobuchule kodwa yinto ebaluleke gqitha kunabo. Phawula oko kwabhalwa ngomnye umfundisi onamava ngalo mbandela: “Ukufundisa ngendlela efanelekileyo asingombandela nje wobugcisa okanye inkqubo ethile ekhethekileyo, ukuceba okanye ukwenza izinto ngendlela ethile. . . . Ngokuyintloko ukufundisa kungumbandela wothando.” Kakade ke, yena wayethetha ngomfundisi-ntsapho. Sekunjalo, ingongoma yakhe isenokuba yinyaniso nakumsebenzi esiwenzayo wokufundisa njengamaKristu. Njani?
3 UYesu Kristu unguMzekelo wethu wokufundisa, yaye waxelela abalandeli bakhe: “Ndinibekela umzekelo.” (Yohane 13:15) Apha uYesu wayebhekisela kumzekelo wakhe wokuthobeka, kodwa umzekelo awasibekela wona ngokuqinisekileyo uquka umsebenzi wakhe oyintloko njengomntu emhlabeni—owokufundisa abantu iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Ngoku, ukuba ubunokuchaza ubulungiseleli bukaYesu ngegama elinye, ngaba ubungayi kukhetha igama elithi “uthando”? (Kolose 1:15; 1 Yohane 4:8) Uthando uYesu awayenalo ngoYise wasezulwini, uYehova, lwalubalasele. (Yohane 14:31) Noko ke, njengomfundisi, uYesu wabonakalisa uthando ngeendlela ezimbini ezongezelelekileyo. Wayezithanda iinyaniso awayezifundisa, yaye wayebathanda nabantu awayebafundisa. Makhe siqwalasele ezi nkalo zimbini zomzekelo awasibekela wona.
Uthando Ekudala Enalo Ngeenyaniso Ezivela KuThixo
4. UYesu walwakha njani uthando ngeemfundiso zikaYehova?
4 Isimo sengqondo umfundisi anaso ngaloo nto ayifundisayo siyayichaphazela indlela afundisa ngayo. Nakuphi na ukungakhathali kunokwenzeka ukuba kuya kubonakala kuze kudlulele nakwabo abafundisayo. UYesu akazange abonise ukungakhathali ngeenyaniso ezixabisekileyo awayezifundisa ngoYehova nangoBukumkani Bakhe. UYesu wayeyithanda ngokunzulu loo nto awayeyifundisa. Uthando olunjalo waba nalo esafunda. Kwixesha elide kakhulu ngaphambi kokuba abe ngumntu, uNyana okuphela kozelweyo wayengumfundi onenzondelelo. KuIsaya 50:4, 5 kuthethwa la mazwi afanelekileyo: “INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndiyazi indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi. Iyandivusa iintsasa ngeentsasa; iyayivusa indlebe yam ukuze ive njengabafundileyo. INkosi enguMongami uYehova iyivulile indlebe yam, yaye mna andibanga nemvukelo. Andijikelanga kwicala elahlukileyo.”
5, 6. (a) Kwenzeka ntoni xa uYesu wayebhaptizwa, yaye oko kwamchaphazela njani? (b) Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwendlela uYesu noSathana ababelisebenzisa ngayo iLizwi likaThixo?
5 Ngoxa wayekhula njengomntu emhlabeni, uYesu waqhubeka ebuthanda ubulumko bukaThixo. (Luka 2:52) Ekubhaptizweni kwakhe kwenzeka into ekhethekileyo. KuLuka 3:21 siyachazelwa: “Izulu lavuleka.” Kuyabonakala ukuba, uYesu wakwazi ukukhumbula kwixesha awayephila ngaphambi kokuba abe ngumntu. Emva koko wachitha iintsuku ezingama-40 ezile ukutya entlango. Kusenokuba wakuvuyela gqitha ukucamngca ngamathuba amaninzi okufundiswa nguYehova awayenawo. Noko ke, kungekudala uthando lwakhe ngeenyaniso zikaThixo lwavavanywa.
6 Xa uYesu wayediniwe yaye elambile, uSathana wamlinga. Hayi indlela abahluke ngayo aba nyana babini bakaThixo! Bobabini babecaphula kwiZibhalo zesiHebhere—kodwa ngenjongo eyahlukileyo. USathana wayeligqwetha iLizwi likaThixo, elisebenzisa ngendlela engenantlonelo ukuze anelise iinjongo zakhe zokuzingca. Ngokwenene, loo mvukeli wayezicekisa iinyaniso ezivela kuThixo. Kwelinye icala, uYesu wayecaphula ngothando iZibhalo, esebenzisa iLizwi likaThixo ngononophelo kwimpendulo nganye. UYesu waphila kwakude kudala ngaphambi kokuba loo mazwi aphefumlelweyo abhalwe, sekunjalo wayewahlonela. Ezi yayiziinyaniso ezixabisekileyo ezivela kuYise wasezulwini! Waxelela uSathana ukuba amazwi anjalo avela kuYehova ayebaluleke ngaphezu kokutya. (Mateyu 4:1-11) Ewe, uYesu wayezithanda zonke iinyaniso uYehova awamfundisa zona. Noko ke, walubonakalisa njani olo thando njengomfundisi?
Uthando Ngeenyaniso Awazifundisayo
7. Kwakutheni ukuze uYesu akuphephe ukuyila iimfundiso zakhe?
7 Uthando uYesu awayenalo ngeenyaniso awayezifundisa lwalusoloko lubonakala. Ngapha koko, ukuba wayethanda ngewayezakhele iingcamango zakhe. Wayenolwazi nobulumko obuninzi. (Kolose 2:3) Sekunjalo, wayebakhumbuza ngokuphindaphindiweyo abo babemphulaphule ukuba oko wayekufundisa kwakungaphumi kuye, kodwa kuYise osezulwini. (Yohane 7:16; 8:28; 12:49; 14:10) Wayezithanda kakhulu iinyaniso zikaThixo kangangokuba wayengenakufundisa ezakhe endaweni yazo.
8. Ekuqaleni kobulungiseleli bakhe, uYesu wawumisela njani umzekelo wokuthembela kwiLizwi likaThixo?
8 Xa uYesu waqalisa ubulungiseleli bakhe esidlangalaleni, ngokukhawuleza wamisela umzekelo. Cinga ngendlela awaqalisa ngayo ukuxelela abantu bakaThixo ukuba unguMesiya othenjisiweyo. Ngaba wasuka nje wama phambi kwezihlwele, esithi yena unguKristu, waza emva koko wenza imimangaliso ukungqina oko? Akunjalo. Waya kwindlu yesikhungu, indawo abantu bakaThixo ababeqhele ukufunda kuyo iZibhalo. Apho wafunda ngokuvakalayo isiprofeto esikuIsaya 61:1, 2 waza wacacisa ukuba ezi nyaniso zesiprofeto zibhekisela kuye. (Luka 4:16-22) Imimangaliso emininzi awayenzayo yangqina ukuba wayexhaswa nguYehova. Sekunjalo, wayesoloko ethembele kwiLizwi likaThixo xa wayefundisa.
9. Ngoxa wayethetha nabaFarisi, uYesu walubonisa njani uthando olunyanisekileyo ngeLizwi likaThixo?
9 Xa uYesu wayephikiswa ngabo babemchasa kwimibandela yonqulo, akazange abe ephikisana nabo, nangona ngewayeboyisile ngokulula ukuba wayefuna ukwenjenjalo. Kunoko, wavumela iLizwi likaThixo ukuba libaphikise. Ngokomzekelo, khumbula ukuba xa abaFarisi babek’ ityala abalandeli bakaYesu ngokwaphula umthetho weSabatha ngokukha izikhwebu emasimini baze bazitye ngoxa babedlula apho. UYesu waphendula wathi: “Anizange nikufunde na oko kwenziwa nguDavide xa yena nabantu awayekunye nabo bathi balamba?” (Mateyu 12:1-5) Kakade ke, loo madoda awayezenza amalungisa kusenokwenzeka ukuba ayeyifundile loo ngxelo iphefumlelweyo ebhalwe kweyoku-1 kaSamuweli 21:1-6. Ukuba kunjalo, akazange ayibone imfundiso ebalulekileyo eyayifumaneka kuyo. Noko ke, uYesu wenza okungakumbi kunokufunda nje le ngxelo. Wacinga ngayo waza wayigcina imfundiso yayo. Wayeyithanda imigaqo eyayifundiswa nguYehova kwezo ndinyana. Ngoko wayisebenzisa loo ngxelo, ndawonye nomzekelo woMthetho kaMoses, ukubonisa ukulungelelana koMthetho. Ngokufanayo, uthando olunyanisekileyo uYesu awayenalo lwamenza walithethelela iLizwi likaThixo kumalinge eenkokeli zonqulo zokuligqwetha ukuze lizuzise zona okanye ziligqumelele ngemfungumfungu yezithethe zabantu.
10. UYesu wazizalisekisa njani iziprofeto ngokuphathelele indlela awayefundisa ngayo?
10 Uthando uYesu awayenalo ngabo abafundisayo lwalungenakumvumela ukuba enze umlembelele xa efundisa, ngendlela eyindinisa okanye ukuzalisa nje idinga. Iziprofeto eziphefumlelweyo zazithe uMesiya wayeya kuthetha ‘ngomtsalane emilebeni yakhe,’ esebenzisa “amazwi amnandi.” (INdumiso 45:2; Genesis 49:21) UYesu wazizalisa ezi ziprofeto ngokusigcina sihlaziya yaye siphilile isigidimi sakhe, esebenzisa “amazwi amnandi” njengoko efundisa iinyaniso awayezithanda gqitha. (Luka 4:22) Alithandabuzeki elokuba ihlombe awayenalo lalibonakala ebusweni nasemehlweni akhe, ebonakalisa umdla kuloo nto wayeyifundisa. Hayi indlela ekumele ukuba kwakumnandi ngayo ukumphulaphula, yaye lo ngumzekelo omhle esifanele siwulandele xa sithetha nabanye ngoko sikufundileyo!
11. Kwakutheni ukuze ubuchule bukaYesu njengomfundisi bungazange bumenze akhukhumale likratshi?
11 Ngaba ulwazi olunzulu uYesu awayenalo ngeenyaniso zikaThixo nendlela ebangela umdla awayethetha ngayo kwamenza wakhukhumala likratshi? Oko kudla ngokwenzeka kubafundisi abangabantu. Noko ke, khumbula ukuba uYesu wayenobulumko bukaThixo. Ubulumko obunjalo abumvumeli ubani azikhukhumalise, kuba “bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Kwakukho enye into eyamenza uYesu ukuba angabi nekratshi okanye azikhukhumalise.
UYesu Wayebathanda Abantu Awayebafundisa
12. UYesu wakubonisa njani ukuba wayengafuni abalandeli bakhe bamoyike?
12 Uthando olunzulu uYesu awayenalo ngabantu lwalusoloko lubonakala kwindlela awayefundisa ngayo. Indlela awayefundisa ngayo yayingabathobi isidima abantu, nto leyo eyayinjalo ngabantu abanekratshi. (INtshumayeli 8:9) Emva kokubona omnye wemimangaliso kaYesu, uPetros wayemangaliswe gqitha, waza waqubuda kuYesu. Kodwa uYesu akazange afune ukuba abalandeli bakhe bangcangcazele kukumoyika. Ngobubele wathi, “Musa ukoyika” yaye waxelela uPetros ngomsebenzi ovuyisayo wokwenza abafundi awayeza kuba nenxaxheba kuwo. (Luka 5:8-10) UYesu wayefuna abafundi bakhe baqhutywe luthando lwabo ngeenyaniso ezixabisekileyo eziphathelele uThixo, kungekhona kukoyika umfundisi wabo.
13, 14. UYesu walubonakalisa ngaziphi iindlela uvelwano ebantwini?
13 Uthando uYesu awayenalo ngabantu awayebafundisa kwakhona lwalubonakaliswa yimfesane awayenayo ngabo. “Akubona izihlwele wazisizela, ngenxa yokuba zazihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:36) Wayevelana nazo ngemeko elusizi ezazikuyo yaye waziva enyanzelekile ukuzinceda.
14 Phawula indlela uYesu awabonakalisa ngayo uvelwano kwesinye isihlandlo. Xa ibhinqa elithile elalinethombo legazi leza kuye phakathi kwesihlwele laza lachukumisa umgobo wesambatho sakhe, laphiliswa ngokungummangaliso. UYesu weva amandla ephuma kuye, kodwa akazange ambone lowo uphilisiweyo. Walikhangela eli bhinqa. Kwakutheni? Wayengalifuneli ukulingxolisa kuba laphule uMthetho okanye imigaqo yababhali nabaFarisi, njengoko kusenokwenzeka ukuba lalisoyika. Kunoko, wathi kulo: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.” (Marko 5:25-34) Phawula uvelwano kuloo mazwi. Akazange nje athi, “Phila.” Kunoko, wathi: “Uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.” UMarko apha usebenzisa igama elisenokuthetha “ukutyakatya,” indlela yokubetha edla ngokusetyenziselwa ukuthuthumbisa. Ngaloo ndlela, uYesu wayesazi ukuba isigulo salo sasilenze labandezeleka, mhlawumbi laliqaqanjelwa yaye lidandathekile. Walisizela.
15, 16. Ziziphi iziganeko kubulungiseleli bukaYesu ezabonisa ukuba wayekhangela iimpawu ezintle ebantwini?
15 Kwakhona uYesu wabonakalisa uthando ebantwini ngokukhangela iimpawu zabo ezintle. Cinga ngoko kwenzekayo xa wadibana noNathaniyeli, kamva owaba ngumpostile. “UYesu wambona uNathaniyeli esiza ngakuye waza wathi ngaye: ‘Yabona, umSirayeli ngokuqinisekileyo, ekungekho nkohliso kuye.’” Ngommangaliso, uYesu wabona intliziyo kaNathaniyeli, ngaloo ndlela efunda lukhulu ngaye. Kakade ke, uNathaniyeli wayengafezekanga. Wayenazo iimpazamo, njengoko sonke sinazo. Eneneni, xa weva ngoYesu, ngokungqalileyo wathi: “Kunganako ukuphuma nantoni na elungileyo eNazarete?” (Yohane 1:45-51) Noko ke, kuzo zonke izinto ezazinokuthethwa ngoNathaniyeli, uYesu wakhetha uphawu oluhle anokuthetha ngalo, ukunyaniseka kwakhe.
16 Ngokufanayo, xa igosa lasemkhosini—mhlawumbi umntu weeNtlanga, umRoma—laya kuYesu laza lamcela ukuba aphilise ikhoboka lalo elaligula, uYesu wayesazi ukuba elo joni lalineziphoso. Kunokwenzeka ukuba igosa lasemkhosini ngezo mini lalikhe layindlobongela, laphalaza igazi yaye lakunqulo lobuxoki. Sekunjalo, uYesu wanikel’ ingqalelo kuphawu oluhle—ukholo lwale ndoda olubalaseleyo. (Mateyu 8:5-13) Kamva, xa uYesu wathetha nomenzi wobubi owayebethelelwe kumthi wentuthumbo ecaleni kwakhe, uYesu akazange ayikhalimele le ndoda ngenxa yobundlobongela bayo bangaphambili kodwa wayikhuthaza ngokuyithembisa ngekamva. (Luka 23:43) UYesu wayesazi kakuhle ukuba ukuhlaba amadlala, nokubagweba abanye kwakuza kubadimaza. Alithandabuzeki elokuba ukuzama ukukhangela iimpawu ezintle kwabanye kwakhuthaza abaninzi ukuba benze kakuhle nangakumbi.
Ukunceda Abantu Ngomoya Ovumayo
17, 18. Esamkela isabelo sakhe sokuza emhlabeni, uYesu wakubonakalisa njani ukuba nomoya ovumayo xa wayenceda abanye?
17 Obunye ubungqina obunamandla ngothando lukaYesu ngabantu awayebafundisa kukunceda abanye ngomoya ovumayo. Ngaphambi kokuba abe ngumntu, uNyana kaThixo wayesoloko ebathanda abantu. (IMizekeliso 8:30, 31) ‘NjengoLizwi’ okanye isithethi sikaYehova, kusenokwenzeka ukuba wayekuvuyela ukunxulumana nabantu. (Yohane 1:1) Noko ke, esinye isizathu sasikukufundisa abantu ngokungqalileyo, “waziqongqotha waza wathabatha ubume bekhoboka,” eshiya isikhundla esiphakamileyo ezulwini. (Filipi 2:7; 2 Korinte 8:9) Xa wayesemhlabeni, uYesu akazange alindele ukuba alungiselelwe. Kunoko, wathi: “UNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) UYesu wenza ngokuvisisana nalo mazwi.
18 Ngokuthobeka uYesu wabanceda abo wayebafundisa, ekulungele ukuzinikela ngenxa yabo. Walityhutyha ngeenyawo iLizwe Lesithembiso, ehamba imigama emide esiya kushumayela ukuze afikelele abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Ngokungafaniyo nabaFarisi nababhali abanekratshi, wahlala ethobekile yaye kwakulula ukuthetha naye. Zonke iintlobo zabantu—iindwalutho, amajoni, amagqwetha, amabhinqa, abantwana, amahlwempu, abagulayo nabantu abacekiswayo ngabantu—babekulangazelela ukuthetha naye, yaye bengamoyiki. Nangona wayefezekile, uYesu wayefana nje nomntu wonke, wayedinwa yaye elamba. Noko ke, kwanaxa wayediniwe okanye efuna ukuphumla okanye efuna indawo ezolileyo yokuthandaza, wayeqala anyamekele iimfuno zabanye kunezakhe.—Marko 1:35-39.
19. UYesu wawubeka njani umzekelo wokubaphatha ngokuthobeka, ngomonde nangobubele abafundi bakhe?
19 Kwakhona uYesu wayebanceda ngomoya ovumayo abafundi bakhe. Wakwenza oko ngokubafundisa ngobubele nangomonde. Xa babengaziqondi msinya izinto ezibalulekileyo awayebafundisa zona, akazange anikezele, acaphuke, okanye abagxeke kabukhali. Waqhubeka efuna iindlela ezintsha zokubenza bakuqonde oko abafundisa kona. Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela ababesoloko bexambulisana ngayo ngokuba ngubani omkhulu kubo. Ngokuphindaphindiweyo, de kwaba bubusuku obungaphambi kokubulawa kwakhe, uYesu wafumana iindlela ezintsha zokubafundisa indlela yokuphathana ngokuthobeka. Kule nkalo yokuthobeka, njengakuzo zonke ezinye izinto, uYesu ngokufanelekileyo wayenokuthi: “Ndinibekela umzekelo.”—Yohane 13:5-15; Mateyu 20:25; Marko 9:34-37.
20. Yiyiphi indlela yokufundisa eyayimenza uYesu ahluke kubaFarisi, yaye kutheni loo ndlela yayiphumelela?
20 Phawula ukuba uYesu akazange nje axelele abafundi bakhe ukuba yayinguwuphi loo mzekelo, ‘wababekela umzekelo.’ Wayebafundisa ngokuba ngumzekelo. Akazange abajongele phantsi xa wayethetha nabo ngokungathi yena wayezigqala ebaluleke gqitha ukuba enze izinto awayebaxelela ukuba bazenze. Babenjalo ke abaFarisi. UYesu wathi ngabo: “Bathetha baze bangenzi.” (Mateyu 23:3) Ngokuthobeka uYesu wabonisa abo wayebafundisa oko kwakuthethwa kukuphila ngeemfundiso zakhe, yena ngokwakhe ephila ngazo. Ngoko xa wabongoza abalandeli bakhe ukuba baphile ubomi obungaxinwanga zizinto eziphathekayo, kwakungekho mfuneko yakuqikelela ukuba uthetha ukuthini. Babenokukubona oko kuthethwa ngamazwi akhe athi: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zezulu zineendlwana, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.” (Mateyu 8:20) Ngokuthobeka uYesu wababekela umzekelo.
21. Yintoni eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
21 Ngokucacileyo, uYesu wayengoyena Mfundisi ubalaseleyo wakhe waphila emhlabeni! Uthando lwakhe ngoko wayekufundisa nangabantu awayebafundisa lwalubonakala kubo bonke abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abambonayo nabamphulaphulayo. Luyabonakala nanamhlanje nakwabo bawufundayo umzekelo awawubekayo. Noko ke, sinokuwulandela njani umzekelo ogqibeleleyo kaKristu? Inqaku elilandelayo liya kuwuphendula loo mbuzo.
Ubuya Kuphendula Njani?
• Sisiphi isiseko sokufundisa ngendlela efanelekileyo, yaye ngubani owasibonakalisayo?
• UYesu wakubonakalisa ngaziphi iindlela ukuzithanda kwakhe iinyaniso awayezifundisa?
• UYesu wakubonakalisa njani ukubathanda abantu awayebafundisa?
• Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYesu ngokuthobeka wayebanceda ngomoya ovumayo abo wayebafundisa?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYesu wabonakalisa njani ukuba wayeyithanda imigaqo efumaneka kwiLizwi likaThixo?