Duteronomi
12 “Nantsi imithetho nezigwebo enimele niqiniseke ukuba niyayithobela, ngayo yonke imihla enihleli ngayo kwilizwe uYehova uThixo wookhokho benu aninike lona ukuba nihlale kulo. 2 Nifanele nizitshabalalise ngokupheleleyo zonke iindawo apho iintlanga eniza koxutha amazwe azo zibakhonzela khona oothixo bazo,+ nokuba kusezintabeni eziphakamileyo okanye ezindulini okanye phantsi kwayo nayiphi na imithi eluhlaza. 3 Nize nizidilize izibingelelo zazo, niziqhekeze iintsika zazo ezingcwele,+ nizitshise iipali zazo ezingcwele,* niyigawule imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo,+ nibatshayele baphele oothixo bazo kuloo ndawo.+
4 “Nize ningamkhonzi ngolo hlobo uYehova uThixo wenu.+ 5 Kunoko ukuze nimkhonze uYehova uThixo wenu nimele niye kwindawo akhethe ukulibeka kuyo igama lakhe,+ nakwindawo akhethe ukuhlala kuyo phakathi kwezizwe zenu. 6 Nimele niyise apho iminikelo yenu etshiswayo,+ imibingelelo yenu, izishumi zenu,+ iminikelo yezandla zenu,+ iminikelo yezifungo zenu, iminikelo yenu yokuzithandela+ namazibulo emihlambi yenu yeenkomo neyeegusha.+ 7 Nina neentsapho zenu nimele nityele apho phambi koYehova uThixo wenu,+ nize nivuyiswe zizo zonke izinto enizenzileyo,+ kuba uYehova uThixo wenu unisikelele.
8 “Nize ningenzi ngale ndlela senza ngayo ngoku, le yokuba umntu esenza loo nto ayibona ilungile,* 9 kuba ningekafiki kwindawo yokuphumla+ nelilifa uYehova uThixo wenu aninika lona. 10 Xa niyiwelile iYordan+ naza nahlala kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, nakanjani na uza kuniphumza kwiintshaba zenu ezinijikelezileyo, yaye niza kuhlala nikhuselekile.+ 11 Nimele nise zonke ezi zinto endiniyalela zona kwindawo uYehova uThixo wenu akhethe ukulibeka kuyo igama lakhe,+ iminikelo yenu etshiswayo, imibingelelo yenu, izishumi zenu,+ iminikelo esuka ezandleni zenu nayo yonke iminikelo yezifungo enizenzela uYehova. 12 Nimele nivuye phambi koYehova uThixo wenu,+ nina noonyana benu, iintombi zenu, amakhoboka enu, amakhobokazana enu nabaLevi abahlala ezixekweni zenu kuba abanasabelo okanye lifa kunye nani.+ 13 Nize nilumke ningenzi iminikelo etshiswayo nakweyiphi na indawo.+ 14 Nize nenze imibingelelo kuphela kwindawo uYehova ayikhethayo, kumhlaba wesinye sezizwe zenu apho nifanele nenze yonke into endiniyalela yona.+
15 “Nanini na ninqwenela inyama, xhelani nitye,+ ngokobuninzi bezilwanyana uYehova anisikelele ngazo kuzo zonke izixeko zenu. Umntu ococekileyo nongacocekanga bangatya inyama njengoko bebeya kwenza xa bebesitya ibhadi okanye impunzi. 16 Kodwa nimele ningalityi igazi;+ nimele nilichithe emhlabeni njengamanzi.+ 17 Anivumelekanga ukuba nizityele ezixekweni zenu izishumi zokutya kwenu okuziinkozo, iwayini yenu entsha, ioli yenu, amazibulo emihlambi yenu yeenkomo neyeegusha,+ iminikelo yenu yezifungo enizenzileyo, iminikelo yenu yokuzithandela okanye iminikelo esuka ezandleni zenu. 18 Ezo zinto nimele nizitye phambi koYehova uThixo wenu, endaweni ayikhethileyo uYehova uThixo wenu.+ Zimele zityiwe nini, ngoonyana benu, ziintombi zenu, ngamakhoboka enu, ngamakhobokazana enu nangabaLevi abahlala ezixekweni zenu, yaye nimele nivuye phambi koYehova uThixo wenu ngenxa yazo zonke izinto enizenzileyo. 19 Qinisekani ukuba anibalibali abaLevi+ ngalo lonke ixesha nihlala kwilizwe lenu.
20 “Xa uYehova uThixo wenu ewandisa umhlaba wenu+ njengokuba enithembisile,+ nize nina nithi, ‘Sifuna inyama,’ yityeni kuba niyayibawela; ningayitya nanini na niyibawela.+ 21 Ukuba indawo uYehova uThixo wenu akhethe ukubeka igama lakhe kuyo+ ikude kuni, nimele nixhele kwiinkomo okanye kwiigusha uYehova aninike zona, kanye njengokuba ndiniyalele nize nizityele ngaphakathi ezixekweni zenu nanini na nizibawela. 22 Ningayitya loo nyama njengokuba beniza kutya ibhadi nempunzi;+ umntu ococekileyo nongacocekanga bangayitya. 23 Kodwa nje qinisekani ukuba anilityi igazi,+ kuba igazi bubomi,+ yaye animele nibutye ubomi nibudibanise nenyama. 24 Nimele ningalityi igazi, kodwa lichitheni emhlabeni njengamanzi.+ 25 Nimele ningalityi, ukuze izinto zinihambele kakuhle nina nabantwana benu, kuba nisenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova. 26 Xa nisiza endaweni uYehova ayikhethileyo, yizani kuphela nezinto zenu ezingcwele kunye neminikelo yenu yezifungo. 27 Nize ninikele esibingelelweni sikaYehova uThixo iminikelo yenu etshiswayo, inyama negazi,+ yaye igazi lemibingelelo yenu limele lichithwe ecaleni kwesibingelelo+ sikaYehova uThixo wenu, kodwa yona inyama ningayitya.
28 “Qinisekani ukuba niyawathobela onke la mazwi ndiniyalela wona, ukuze izinto zihlale zinihambela kakuhle, nina nabantwana benu, kuba nisoloko nisenza izinto ezilungileyo nezifanelekileyo kuYehova uThixo wenu.
29 “Xa uYehova uThixo wenu ezitshabalalisa iintlanga eniza kuthatha umhlaba wazo+ nize nihlale kuwo, 30 nize nilumke ningalingelwa ukuba nenze eza zinto bezizenza xa sele zitshatyalalisiwe. Nize ningabuzisi ngoothixo bazo, nithi, ‘Zaziqhele ukubakhonza njani oothixo bazo ezi ntlanga? Nathi siza kwenza ngolo hlobo.’+ 31 Nize ningayenzi loo nto kuYehova uThixo wenu, kuba ezo ntlanga zenzela oothixo bazo zonke izinto uYehova azonyanyayo. Zide zitshise oonyana neentombi zazo emlilweni, zisenzela oothixo bazo.+ 32 Qinisekani ukuba nenza zonke izinto endiniyalele ukuba nizenze.+ Nimele ningongezi yaye ninganciphisi kuzo.+