Eyesibini KuTimoti
1 Mna Pawulos, ongumpostile kaKristu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ngokwesithembiso sobomi esisifumana ngenxa kaKristu Yesu,+ 2 ndibhalela uTimoti, unyana wam endimthandayo:+
Kwanga uThixo uTata wethu noKristu Yesu iNkosi yethu bangakwenzela ububele* nenceba bakunike noxolo.
3 Ndiyambulela uThixo endimkhonza ngesazela esicocekileyo, kanye njengokuba nookhokho benzayo, ndingayekanga ukuthandaza ndicenga uThixo imini nobusuku. 4 Ndithi ndakukhumbula iinyembezi zakho, ndifune ukukubona, ukuze ndivuye kakhulu. 5 Ndikhumbula ukholo lwakho olunyanisekileyo,+ awayenalo nomakhulu wakho uLoyisi nomama wakho uYunike, endiqinisekileyo ukuba nawe usenalo.
6 Ndiyakukhumbuza ke ukuba usikhwezele njengomlilo isiphiwo owasinikwa nguThixo xa ndandikubeka izandla.+ 7 Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala,+ kodwa usinike owamandla+ nowothando nosinceda siphile engqondweni. 8 Ngoko ke sukuba neentloni ngokushumayela ngeNkosi yethu,+ okanye ube neentloni ngam, mna endilibanjwa ngenxa yayo, endaweni yoko kulungele ukutsala nzima+ ngenxa yeendaba ezilungileyo, uthembele nangamandla kaThixo.+ 9 Yena wasisindisa waza wasibiza ukuba sibe ngabangcwele,+ hayi ngenxa yezinto esizenzileyo, kodwa ngenxa yobubele bakhe* nokuthanda kwakhe.+ Wasenzela obu bubele kwakudala ngoKristu Yesu, 10 kodwa ngoku buye benziwa bacaca xa kubonakaliswa uMsindisi wethu, uKristu Yesu,+ oye wakuphelisa ukufa,+ waza ngeendaba ezilungileyo+ wasikhanyisela ngobomi+ nangokungonakali.+ 11 Zezi ndaba endamiselwa ukuba ndibe ngumshumayeli, umpostile nomfundisi wazo.+
12 Ndehlelwa zezi zinto ngenxa yalo msebenzi ndiwenzayo,+ ibe andinazintloni ngaloo nto.+ Kaloku ndiyamazi Lowo ndithembele kuye, ibe ndiqinisekile ukuba uyakwazi ukukhusela nantoni na endithembe ukuba uza kuyikhusela de kube yimini yomgwebo.+ 13 Hlala ugcine umzekelo wemfundiso ephilileyo+ owayiva ngam, uhlale unokholo nothando esilufumana ngokumanyana noKristu Yesu. 14 Yigcine kakuhle loo nto uyiphathisiweyo ngoncedo lomoya oyingcwele okuthi.+
15 Uyazi nawe ukuba bonke abantu baseAsiya+ bandilahlile. Ndilahlwe nanguFigelo noHermogene. 16 Kwanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo,+ kuba ebehlala endinceda, yaye akazange abe neentloni ngokubotshelelwa kwam ngamatsheyini ejele. 17 Kunoko, xa wayeseRoma, wandikhangela de wandifumana. 18 Kwanga iNkosi uYehova* ingamenzela inceba ngemini yomgwebo. Nawe uzazi kakuhle izinto awandenzela zona e-Efese.