Ukunyamekela Abakhulileyo—Imbopheleleko YamaKristu
‘Kwanasebudaleni bukabani isekwaNdim; naxa sel’ eyingwevu ndiya kuqhubeka ndimthwele.’—ISAYA 46:4.
1, 2. UBawo wethu osemazulwini usinyamekela njani ngendlela eyahlukileyo kweyabazali abangabantu?
ABAZALI abanenkathalo banyamekela abantwana babo ukususela ebusaneni ukuya kutsho kwiminyaka yeshumi elivisayo. Kwanaxa aba baselula sele bekhule ngokwaneleyo yaye beneentsapho zabo, ooyise noonina bayaqhubeka bebaxhasa ngothando.
2 Nakuba abantu besikelw’ umda koko banokukwenzela abantwana babo, uBawo wethu osezulwini usoloko ekulungele ukubaxhasa ngothando abakhonzi bakhe abathembekileyo. Ethetha nabantu bakhe abanyuliweyo bamaxesha amandulo, uYehova wathi: ‘Kwanasebudaleni bukabani isekwaNdim; naxa sel’ eyingwevu ndiya kuqhubeka ndimthwele.’ (Isaya 46:4) Anjani wona ukomeleza amazwi kumaKristu akhulileyo! UYehova akabalahli abo baqhubeka benyanisekile kuye. Kodwa uthembisa ukubalondoloza, ukubaxhasa, nokubakhokela ngalo lonke ixesha lokuphila kwabo de kuse ebudaleni.—INdumiso 48:14.
3. Yintoni eza kuhlolisiswa kweli nqaku?
3 Sinokuyixelisa njani inyameko yothando anayo uYehova ngabakhulileyo? (Efese 5:1, 2) Makhe sihlolisise iindlela abantwana, abaveleli bebandla, namanye amaKristu anokuzinyamekela ngayo iimfuno zamalungu akhulileyo obuzalwana behlabathi lonke.
Imbopheleleko Esinayo Njengabantwana
4. Abantwana abangamaKristu banayiphi imbopheleleko kubazali babo?
4 “Beka uyihlo nonyoko.” (Efese 6:2; Eksodus 20:12) Ngale ngcaphulo ilula kodwa ibalulekileyo nefumaneka kwiZibhalo zesiHebhere, umpostile uPawulos wakhumbuza abantwana ngembopheleleko abanayo kubazali babo. Kodwa la mazwi adibana njani nokunyamekela abakhulileyo? Umzekelo olukhuthazo wangaphambi kwamaxesha obuKristu uya kusinceda siwuphendule lo mbuzo.
5. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYosefu akazange ayilibale imbopheleleko anayo kuyise? (b) Kuthetha ukuthini ukubonisa imbeko kubazali bethu yaye nguwuphi umzekelo omhle esawumiselwa nguYosefu kule nkalo?
5 Kwadlula iminyaka engama-20 uYosefu engabonani noyise okhulileyo, ongusolusapho uYakobi. Noko ke, kuyabonakala ukuba uYosefu wayengaphelelwanga luthando awayenalo ngoYakobi njengoyise. Eneneni, xa uYosefu wazivezayo kubantakwabo, wabuza: “Usaphila na ubawo?” (Genesis 43:7, 27; 45:3) Ngelo xesha, indlala yayibomvu kwilizwe laseKanan. Ngenxa yoko, uYosefu wathumela kuyise umyalezo othi: “Yihla uze kum. Musa ukulibazisa. Uya kuhlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi nam . . . Yaye ndiya kukubonelela ngokutya apho.” (Genesis 45:9-11; 47:12) Ewe, ukubonisa imbeko kubazali abakhulileyo kuquka ukubakhusela nokubanyamekela ngezinto eziphathekayo xa bengasakwazi ukuzinyamekela. (1 Samuweli 22:1-4; Yohane 19:25-27) UYosefu wayamkela ngovuyo le mbopheleleko.
6. UYosefu walubonisa njani uthando olusuk’ entliziyweni ngoyise, yaye sinokuwuxelisa njani umzekelo wakhe?
6 UYosefu wasikelelwa nguYehova ngokuba yenye yawona madoda azizityebi nanempembelelo eYiputa. (Genesis 41:40) Kodwa akazange acinge ukuba ubaluleke gqitha okanye uxakeke kangangokude angabonisi mbeko kuyise owayeneminyaka eli-130 ubudala. Akuva ukuba uYakobi (okanye uSirayeli) uyeza, “uYosefu walungisa inqwelo yakhe waza waya kumhlangabeza uSirayeli uyise eGoshen. Uthe akumbona wawa entanyeni yakhe ngoko nangoko waza walila iinyembezi kaninzi-ninzi entanyeni yakhe.” (Genesis 46:28, 29) Le ndlela wamamkela ngayo yayingekokubonisa nje abantu ukuba unembeko. UYosefu wayemthanda ngokusuk’ entliziyweni uyise okhulileyo. Ukuba sinabazali abakhulileyo, ngaba nathi ngendlela efanayo sibonisa uthando olunyanisekileyo ngabo?
7. Kwakutheni ukuze uYakobi afune ukungcwatyelwa eKanan?
7 Uzinikelo lukaYakobi kuYehova lwaqhubeka lomelele de kwasekufeni kwakhe. (Hebhere 11:21) Ngenxa yokholo lwakhe kwizithembiso zikaThixo, uYakobi wacela ukuba angcwatyelwe eKanan. UYosefu wabonisa imbeko kuyise ngokwenza ngokuvisisana nesicelo sakhe, nakuba oko kwakuziindleko nomsebenzi omkhulu.—Genesis 47:29-31; 50:7-14.
8. (a) Yintoni eyona nto isishukumisela ekubeni sinyamekele abazali abakhulileyo? (b) Wenza ntoni omnye umzalwana okwinkonzo yexesha elizeleyo ukuze anyamekele abazali bakhe abakhulileyo? (Bona ibhokisi ekwiphepha 17.)
8 Yintoni eyashukumisela uYosefu ukuba anyamekele uyise? Nakuba wayeqhutywa luthando nokuziva ebophelelekile kuye ngenxa yokuba wamzala waza wamkhulisa, ngokungathandabuzekiyo eyona nto yayiphambili kuYosefu kukufuna ukukholisa uYehova. Nathi sifanele sibe njalo. UPawulos wabhala: “Ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana, mabafunde ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo ekhaya kuqala, babuyekeze abazali noomawokhulu babo, kuba oko kwamkelekile emehlweni kaThixo.” (1 Timoti 5:4) Enyanisweni, ukuthanda uYehova nokumhlonela kuya kusishukumisela ekubeni sinyamekele abazali abakhulileyo, enoba oko kulucelomngeni kangakanani na.a
Indlela Abadala Abayibonisa Ngayo Inkathalo
9. Ngoobani abamiselwe nguYehova ukuze baluse umhlambi, kuquka amaKristu akhulileyo?
9 Xa wayesele eza kufa, uYakobi wathetha ngoYehova ‘njengoThixo oyinyaniso oye wamalusa ebudeni babo bonke ubukho bakhe kwada kwangalo mhla.’ (Genesis 48:15) Namhlanje, uYehova walusa abakhonzi bakhe abasemhlabeni esebenzisa abaveleli abangamaKristu, okanye abadala, phantsi kokwalathiswa nguNyana wakhe uYesu Kristu, “umalusi oyintloko.” (1 Petros 5:2-4) Aba baveleli banokumxelisa njani uYehova njengoko benyamekela amalungu akhulileyo omhlambi?
10. Yintoni eye yenziwa ukuze kuncedwe amaKristu akhulileyo ngokwezinto eziphathekayo? (Bona ibhokisi ekwiphepha 19.)
10 Xa kwakusandul’ ukusekwa ibandla lamaKristu, abapostile bamisela “amadoda avunyiweyo asixhenxe . . . azele ngumoya nobulumko” ukuze avelele ‘ukwabiwa kwamihla le’ kokutya phakathi kwabahlolokazi abangamaKristu abasweleyo. (IZenzo 6:1-6) Kamva, uPawulos wayalela umveleli onguTimoti ukuba aquke abahlolokazi abangumzekelo phakathi kwabo babefumana uncedo lwezinto eziphathekayo. (1 Timoti 5:3, 9, 10) Ngokufanayo, abaveleli bebandla namhlanje balathisa ukuncedwa kwamaKristu akhulileyo xa kuyimfuneko. Noko ke, kuninzi okubandakanyekileyo ekuncedweni kwabakhulileyo abathembekileyo.
11. Wathini uYesu ngomhlolokazi osweleyo owenza umnikelo omncinane?
11 Ngasekupheleni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wahlala phantsi etempileni waza “wabona indlela isihlwele esasiphosa ngayo imali kwizikhongozelo zobuncwane.” Kodwa mntu uthile watsala ingqalelo yakhe. Le ngxelo ithi: “Kweza umhlolokazi olihlwempu waphosa iingqekembe ezimbini ezincinane, ezinexabiso elincinane kakhulu.” UYesu wabiza abafundi bakhe waza wathi kubo: “Inene ndithi kuni lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke abo baphose imali kwizikhongozelo zobuncwane; kuba bonke baphose okuphuma kwintsalela yabo, kodwa yena, ekusweleni kwakhe, uphose konke abenako, ukuphila kwakhe kuphela.” (Marko 12:41-44) Imali awanikela ngayo la mhlolokazi yayincinane, kodwa uYesu wayeyazi indlela uYise wasezulwini akuxabisa ngayo ukuzinikela kwakhe ngomphefumlo uphela. Nakuba wayesele emdala lo mhlolokazi, uYesu akazange akuthabathe lula oko wakwenzayo.
12. Abadala banokulubonisa njani uxabiso ngegalelo analo amaKristu akhulileyo?
12 NjengoYesu, abaveleli abangamaKristu, abakuthabathi lula oko kwenziwa ngabakhulileyo ukuze bahambisele phambili unqulo lokwenyaniso. Abadala bamele babancome abakhulileyo ngegalelo abanalo entsimini, ngokuba nenxaxheba kwiintlanganiso, ngempembelelo entle abanayo ebandleni, nangenxa yonyamezelo lwabo. Ukubakhuthaza ngokunyaniseka kunokunika abakhulileyo ‘isizathu sokugcoba’ kwinkonzo yabo engcwele, ngaloo ndlela baphephe intlungu ebangelwa kukuzithelekisa namanye amaKristu okanye oko babekade bekwenza ngaphambili.—Galati 6:4.
13. Ziziphi iindlela abadala abanokufunda ngazo kubuchule nakumava abo bakhulileyo?
13 Abadala banokubonisa uxabiso ngegalelo lamaKristu akhulileyo ngokufunda kumava nakubuchule bawo. Maxa wambi abakhulileyo abangumzekelo banokusetyenziswa kwimiboniso nakudliwano-ndlebe. Omnye umdala uthi: “Abaphulaphuli baphulaphula ngenyameko engummangaliso xa ndidlan’ indlebe nomzalwana okanye udade okhulileyo oye wakhulisela abantwana enyanisweni.” Kwelinye ibandla abadala banikela ingxelo yokuba udade onguvulindlela oneminyaka engama-71 ubudala uye wanceda abavakalisi boBukumkani ukuba baye rhoqo entsimini. Kwakhona uyabakhuthaza ukuba benze izinto “ezisisiseko,” njengokufunda iBhayibhile nokuxubusha itekisi yosuku baze bacamngce ngoko bakufundayo.
14. Elinye iqumrhu labadala lalubonisa njani uxabiso ngomveleli okhulileyo?
14 Kwakhona abadala bayalixabisa igalelo labaveleli abakhulileyo. UJosé, okwiminyaka yama-70 nokhonze njengomdala kangangamashumi eminyaka, ebesandul’ ukwenziwa utyando olukhulu. Ngenxa yokuba wayeza kuthabatha ithuba ukuchacha, wacinga ngokurhoxa njengomveleli owongamelayo. UJosé uthi: “Indlela abasabela ngayo abanye abadala yandimangalisa gqitha. Kunokuba bavume, bandibuza ukuba bangandincedisa ngantoni ukuze ndiqhubeke nesabelo sam.” Ngokuncediswa ngumdala oselula uJosé wakwazi ukuqhubeka ekhonza ngovuyo engumveleli owongamelayo, yaye oku kube yintsikelelo ebandleni. Omnye umdala uthi: “Abazalwana bakuxabisa gqitha ukukhonza kukaJosé njengomdala. Bayamthanda yaye bayamhlonela ngenxa yamava nomzekelo wakhe wokholo. Ulukhuthazo gqitha kwibandla lethu.”
Ukunyamekelana
15. Kutheni amaKristu efanele abe nomdla kwimpilo-ntle yabakhulileyo abaphakathi kwawo?
15 Asingobantwana abanabazali abakhulileyo kwakunye namadoda amiselweyo kuphela afanele anyamekele abakhulileyo. Ethelekisa ibandla lamaKristu nomzimba, uPawulos wathi: “UThixo uwumanye umzimba ngohlobo lokuba amalungu anentswelo afumane imbeko engakumbi, khon’ ukuze kungabikho kwahlukana emzimbeni, kodwa ukuze amalungu awo anyamekelane.” (1 Korinte 12:24, 25) Ukuze ibandla lamaKristu lisebenze ngomanyano, lungu ngalinye lifanele linyamekele impilo-ntle yelinye, kuquka abo bakhulileyo.—Galati 6:2.
16. Sinokubonisa njani umdla kwabakhulileyo xa sikwiintlanganiso zamaKristu?
16 Iintlanganiso zamaKristu zisinika ithuba elihle lokuba nomdla kwabakhulileyo. (Filipi 2:4; Hebhere 10:24, 25) Ngaba siyalenza ithuba lokuncokola nabakhulileyo xa sikuzo? Ngoxa kusenokufaneleka ukubabuza ngempilo-ntle yabo, ngaba ‘asinakubanika isiphiwo esithile sokomoya’ ngokuthi mhlawumbi sabelane nabo ngamava akhuthazayo okanye iSibhalo esithile? Ekubeni kunokuba nzima ukuhamba kwabakhulileyo, bekuya kuba kukubonisa ububele ukuya kubo kunokulindela ukuba bona beze kuthi. Ukuba banengxaki yokuva, kusenokufuneka sizekelele size sithethe ngokucacileyo. Yaye ukuze ‘sikhuthazane ngokwenene elukholweni,’ simele siphulaphule ngenyameko koko kuthethwa ngumntu okhulileyo.—Roma 1:11, 12.
17. Sinokuwanyamekela njani amaKristu akhulileyo achitha ixesha elininzi esendlwini?
17 Kuthekani ukuba abakhulileyo abathile abakwazi kuya ezintlanganisweni zamaKristu? UYakobi 1:27 uthi kuyimbopheleleko yethu “ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.” Enye intsingiselo yesenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “ukuvelela” ‘kukutyelela.’ (IZenzo 15:36) Yaye abakhulileyo bakuxabisa ngokwenene ukutyelelwa sithi! Xa wayevalelwe eRoma malunga nowama-65 C.E., uPawulos ‘owalupheleyo’ wayelilolo. Elangazelela ukubona uTimoti awayesebenza naye, wabhala: “Yenza unako-nako wokuza kum kamsinya.” (Filemon 9; 2 Timoti 1:3, 4; 4:9) Nakuba bengengomabanjwa, abanye abakhulileyo bachitha ixesha elininzi besendlwini ngenxa yempilo enkenenkene. Ngokungathi kunjalo, basenokuba bathi, ‘Nceda, wenze unako-nako wokuza kum kamsinya.’ Ngaba siyasabela kwizicelo ezinjalo?
18. Ziziphi iingenelo zokutyelela abantu abakhulileyo?
18 Ungaze uzithabathe lula iingenelo zokutyelela umzalwana okanye udade wokomoya okhulileyo. Xa umKristu ogama linguOnesiforo wayeseRoma, wamkhangela ngokuzimisela uPawulos, wamfumana, waza waqhubeka ‘emhlaziya.’ (2 Timoti 1:16, 17) Omnye udade okhulileyo uthi: “Ndikuthanda gqitha ukuchitha ixesha nabaselula. Eyona nto ndiyithandayo kubo kukundiphatha kwabo njengenxalenye yentsapho yabo. Loo nto indikhuthaza gqitha.” Omnye umKristu okhulileyo uthi: “Ndivuya gqitha xa ndiye ndathunyelelwa ikhadi, ndatsalelwa umnxeba kangangemizuzu embalwa, okanye ndityelelwe nokuba lithutyana nje. Oko kuhlaziya ngokwenene.”
UYehova Uyabavuza Abo Banenyameko
19. Kunaziphi iintsikelelo ukunyamekela abakhulileyo?
19 Ukunyamekela abakhulileyo kuneentsikelelo ezininzi. Ukunxulumana nabakhulileyo nokusebenzisa ulwazi namava abanawo kuyingenelo kukodwa nje. Abo babanyamekelayo bafumana uvuyo olukhulu lokupha, kwakunye nokuziva bephumeze okuthile yaye benoxolo lwengqondo kuba bephumeze imbopheleleko engokweZibhalo. (IZenzo 20:35) Ngaphezu koko, abo banyamekela abakhulileyo aboyiki ukuba bangaze bangahoywa xa nabo sele bebadala. ILizwi likaThixo lisiqinisekisa ngokuthi: “Umphefumlo onesisa uya kutyetyiswa, yaye oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.”—IMizekeliso 11:25.
20, 21. UYehova ubajonga njani abo banyamekela abakhulileyo, yaye sifanele sizimisele ukwenza ntoni?
20 UYehova uyabavuza abantwana abamoyikayo, abaveleli, namanye amaKristu anenkathalo ngokunyamekela abakhulileyo abakhonza kunye nabo ngokungazingci. Loo moya uhambisana kakuhle nalo mzekeliso: “Obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.” (IMizekeliso 19:17) Ukuba uthando lusishukumisela ukuba sinyamekele abasweleyo, uThixo ukugqala oko njengokuboleka aya kukuhlawula ngeentsikelelo. Uphinda asihlawule ngokunyamekela abakhulileyo esikhonza kunye nabo, abaninzi kubo ‘abangamahlwempu kweli hlabathi kodwa bezizityebi elukholweni.’—Yakobi 2:5.
21 UThixo ubuyekeza ngesisa esingummangaliso! Imbuyekezo yakhe iquka ubomi obungunaphakade. Kubakhonzi abaninzi bakaYehova, oku kuya kuthetha ubomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni, apho imiphumo yesono esisizuz’ ilifa iya kupheliswa baze abakhulileyo abathembekileyo babuyiselwe ebutsheni babo. (ISityhilelo 21:3-5) Ngoxa silindele ezo ntsikelelo, ngamana singaqhubeka siphumeza imbopheleleko yethu njengamaKristu yokunyamekela abakhulileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane amacebiso aluncedo ngendlela yokunyamekela abazali abakhulileyo, bona uVukani! kaFebruwari 8, 1994, iphepha 3-10.
Zithini Iimpendulo Zakho?
• Abantwana banokuyibonisa njani imbeko kubazali abakhulileyo?
• Abadala babonisa njani ukuba bayawaxabisa amalungu akhulileyo omhlambi?
• Yintoni enokwenziwa ngumKristu ngamnye ukubonisa umdla wokwenene ngabakhulileyo?
• Kunaziphi iintsikelelo ukunyamekela amaKristu akhulileyo?
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
Xa Abazali Bakhe Babefuna Uncedo
UPhilip wayesebenza esakhiweni njengetsha-ntliziyo eLiberia ngowe-1999 xa waxelelwa ukuba uyise ugula kakhulu. Eqinisekile ukuba unina akanakukwazi ukumnyamekela yedwa, wagqiba kwelokuba abuyele ekhaya aze enze imizamo yokuba uyise afumane unyango.
UPhilip uthi: “Kwakungelula ukubuyela ekhaya, kodwa ndandisazi ukuba eyona mbopheleleko yam inkulu ngabazali bam.” Kwisithuba seminyaka emithathu eyalandelayo, wafumanela abazali bakhe indawo efanelekileyo yokuhlala, ibe ngoncedo lwamaKristu asekuhlaleni wafumana enye indawo eyayiza kulungela impilo kayise.
Noko ngoku unina kaPhilip sel’ ekwazi ukunyamekela uyise onempilo enkenenkene. UPhilip usandul’ ukwamkela isimemo sokusebenza njengetsha-ntliziyo kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseMacedonia.
[Ibhokisi ekwiphepha 19]
Abazityeshelanga Iimfuno Zakhe
Xa uAda, umKristu oneminyaka engama-85 ubudala eOstreliya wavalelwa endlwini yimpilo enkenenkene, abadala bebandla benza amalungiselelo okuba anyanyekelwe. Bahlanganisa iqela labazalwana noodade ababenokumnceda. Aba bazalwana noodade babekuvuyela gqitha ukumenzela imisebenzi enjengokucoca, ukuhlamba impahla, ukupheka, nokumyela kwiindawo ezithile.
Loo nkqubo yokunceda yaqala malunga neshumi leminyaka eyadlulayo. Ukuza kuthi ga ngoku, angaphezu kwama-30 amaNgqina kaYehova aye ancedisa ekunyamekeleni uAda. Asaqhubeka emtyelela, emfundela iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, embalisela ngenkqubela yokomoya eyenziwa ngabo basebandleni, aze athandaze naye rhoqo.
Omnye umdala ongumKristu wasekuhlaleni wathi: “Abo banyamekela uAda bakuvuyela gqitha ukwenjenjalo. Abaninzi baye bakhuthazwa yinkonzo yakhe yokuthembeka ayiphumezileyo ukutyhubela iminyaka, yaye abakwazi nje ukuzityeshela iimfuno zakhe.”
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ngaba sibathanda ngokunyanisekileyo abazali bethu abakhulileyo?
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Bonke abasebandleni banokubonisa uthando kwabo bakhulileyo bakhonza kunye nabo