IZenzo Zabapostile
6 Kwathi ke ngaloo mihla bakwanda abafundi, amaYuda athetha isiGrike akhalazela amaYuda athetha isiHebhere, kuba abahlolokazi bawo babengahoywa xa kusabiwa ukutya mihla le.+ 2 Ngoko Abalishumi Elinesibini babiza bonke abafundi baza bathi kubo: “Akufanelekanga ukuba thina sishiye ilizwi likaThixo size siyokwaba ukutya ezitafileni.+ 3 Ngoko ke bazalwana zikhetheleni phakathi kwenu amadoda asixhenxe,+ aziwa ngezinto ezintle,* azaliswe ngumoya nabubulumko,+ siwabeke ajongane nalo mcimbi ubalulekileyo;+ 4 kodwa thina siza kuchitha lonke ixesha lethu emthandazweni nasekuncedeni abantu ngelizwi likaThixo.” 5 Bonke abafundi bayithanda le nto baza bakhetha uStefano oyindoda enokholo olomeleleyo nomoya oyingcwele, uFilipu,+ uProkhoro, uNikanore, uTimon, uParmena noNikolawo wakwa-Antiyokwe, owayeguqukele kunqulo lwamaYuda. 6 Babazisa kubapostile, yaye emva kokuba abapostile bethandazile, bababeka izandla.+
7 Loo nto yabangela ukuba ilizwi likaThixo liqhubeke likhula,+ laya lisanda kakhulu nenani labafundi+ eYerusalem; ibe ababingeleli abaninzi baba ngamakholwa.+
8 Ngoku ke uThixo wamenzela ububele uStefano waza wamnika amandla, yaye yena wenza imimangaliso emikhulu nemiqondiso phakathi kwabantu. 9 Kodwa abantu ababesuka kwisakhiwo ekwakusithiwa yiNdlu Yokukhonza Yabantu Abakhululweyo, kunye namanye amaKirene, ama-Aleksandriya nabantu ababesuka eKilikiya naseAsiya, beza kuphikisa uStefano. 10 Kodwa abazange bakwazi ukumelana nobulumko bakhe nomoya oyingcwele owawumnceda ukuba athethe.+ 11 Emva koko bantyontyela amanye amadoda ngokufihlakeleyo ukuba mawathi: “Simve ethetha izinto ezimbi ngoMoses nangoThixo.” 12 Bantyontyela nabantu, abadala nababhali, baza bamqubula bamgxagxamisa, bamsa kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda.* 13 Beza ngaphambili namangqina obuxoki, awathi: “Le ndoda ayiyeki ukuthetha izinto ezimbi ngale ndawo ingcwele nangoMthetho. 14 Ngokomzekelo, siyive isithi lo Yesu ongumNazarete uza kuyidiliza le ndawo aze atshintshe namasiko esawanikwa nguMoses.”
15 Njengoko bonke abo babehleli eNkundleni* babemjongile, babona ubuso bakhe bufana nobengelosi.