Yeremiya
28 Kwangaloo nyaka, ekuqaleni kolawulo lukaKumkani uZedekiya+ wakwaYuda, ngonyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, umprofeti uHananiya, unyana ka-Azure owayengowaseGibheyon,+ wathi kum endlini kaYehova phambi kwababingeleli nabo bonke abantu: 2 “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Ndiza kuyaphula idyokhwe kakumkani waseBhabhiloni.+ 3 Kwisithuba seminyaka* emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova eyathathwa nguKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni kule ndawo waza wayisa eBhabhiloni.’”+ 4 “‘Ndiza kumbuyisela kule ndawo noYekoniya+ unyana kaYehoyakim,+ ukumkani wakwaYuda, nabo bonke abathinjwa bakwaYuda abaye eBhabhiloni,+ kuba ndiza kuyaphula idyokhwe kakumkani waseBhabhiloni,’ utsho uYehova.”
5 Emva koko, umprofeti uYeremiya wathetha nomprofeti uHananiya phambi kwababingeleli naphambi kwabo bonke abantu ababemi endlini kaYehova. 6 Umprofeti uYeremiya wathi: “Amen!* Kwanga uYehova angayenza loo nto! Kwanga uYehova angenza ngokwamazwi akho owaprofetileyo aze ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu kaYehova nabo bonke abantu abathinjiweyo eBhabhiloni! 7 Kodwa ndicela umamele le nto ndiyithetha kuwe nakubo bonke abantu. 8 Kwakudala abaprofeti ababengaphambi kwam nababengaphambi kwakho babedla ngokuprofeta ngamazwe amaninzi nezizwe ezikhulu, ngemfazwe, ngentlekele nangesifo esingubhubhani. 9 Ukuba umprofeti uprofeta ngoxolo, ize yenzeke into ayithethileyo, kuza kwaziwa ukuba nyhani uYehova umthumile loo mprofeti.”
10 Emva koko umprofeti uHananiya wathatha idyokhwe entanyeni yomprofeti uYeremiya, wayaphula.+ 11 UHananiya wathi phambi kwabantu bonke: “Uthi uYehova, ‘Ndiza kuyaphula ngolu hlobo idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni entanyeni yazo zonke iintlanga emva kweminyaka emibini.’”+ Yaye umprofeti uYeremiya wahamba indlela yakhe.
12 Emva kokuba umprofeti uHananiya eyaphule idyokhwe entanyeni yomprofeti uYeremiya, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya lisithi: 13 “Hamba uyokuthi kuHananiya, ‘Uthi uYehova: “Waphule iidyokhwe zomthi,+ endaweni yazo ke kuza kufuneka wenze iidyokhwe zentsimbi.” 14 Kuba uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Ndiza kubeka idyokhwe yentsimbi entanyeni yazo zonke ezi ntlanga, ukuze zibe zizicaka zikaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni; zimele zibe zizicaka zakhe.+ Kwanamarhamncwa asendle ndiza kuwanikela kuye.”’”+
15 Umprofeti uYeremiya wathi kumprofeti uHananiya: “Ndicela umamele, Hananiya!+ UYehova akakuthumanga, kodwa wena wenze esi sizwana sathemba ubuxoki.+ 16 Ngoko uthi uYehova, ‘Jonga! Ndiyakususa phezu komhlaba. Uza kufa kulo nyaka, kuba ukhuthaze abantu ukuba bangamthobeli uYehova.’”+
17 Wafa ke umprofeti uHananiya ngaloo nyaka, ngenyanga yesixhenxe.