KwabaseRoma
3 Ubhetele ngantoni ke umYuda, okanye kumnceda ngantoni ukoluka? 2 Ngeendlela ezininzi. Okokuqala nje, ngamaYuda awaphathiswa umyalezo ongcwele osuka kuThixo.+ 3 Kuthiweni ke ukuba amanye amaYuda awazange abe nalo ukholo? Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akasathembekanga? 4 Soze! Kodwa uThixo uhlala ethetha inyaniso,+ nokuba bonke abantu bangangamaxoki,+ njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Ukuze ungqinwe ulilungisa emazwini akho yaye uphumelele xa ugwetywa.”+ 5 Xa sisenza izinto ezingalunganga abantu baye babone ukuba uThixo ulilungisa. Ngoko ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akenzi ngobulungisa xa esohlwaya? (Abanye abantu bacinga njalo.) 6 Ayinakwenzeka loo nto! Ukuba uThixo ebengenzi ngobulungisa, ebeza kuligweba njani ihlabathi?+
7 Kodwa ukuba inyaniso kaThixo izukiswa kakhulu ngenxa yokuxoka kwam, kutheni ke ndigwetywa njengomoni? 8 Kutheni singathi, “Masenze izinto ezimbi ukuze kuvele ezintle”? Abanye abantu badla ngokusityhola besithi sitsho. Abo bantu bafanele bagwetywe.+
9 Sithini ke? Ngaba sibhetele? Tu ke ngoku! Kaloku besithe amaYuda namaGrike onke alawulwa sisono;+ 10 kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Akukho mntu ulilungisa, akukho nokuba abe mnye;+ 11 akukho mntu ulumkileyo, akukho mntu okhangela uThixo. 12 Bonke abantu baphumile endleleni, akusekho yabo; akukho mntu unobubele, akukho nokuba abe mnye.”+ 13 “Umqala wabo ulingcwaba elivulekileyo, baqhathe abantu ngemilomo yabo.”+ “Kukho ityhefu yamaphimpi emilebeni yabo.”+ 14 “Emilonyeni yabo kuphuma izithuko namazwi ahlabayo.”+ 15 “Bayakhawuleza ukuya kuchitha igazi.”+ 16 “Apho bahamba khona bashiya umonakalo nosizi, 17 ibe abalufuni uxolo.”+ 18 “Abamoyiki tu uThixo.”+
19 Siyazi ukuba zonke izinto ezibhalwe eMthethweni zibhalelwe abo baphantsi koMthetho, ukuze bonke bangabi nanto yakuzithethelela, lize lonke ihlabathi libe netyala kuThixo.+ 20 Ngoko akukho mntu kunokuthiwa ulilungisa ngenxa yokuthobela umthetho,+ kuba umthetho usenza siqonde kakuhle ukuba singaboni.+
21 Kodwa ngoku sibonile ukuba abantu banokuba ngamalungisa kuThixo+ ngaphandle kokuthobela umthetho. Le nto yangqinwa nguMthetho nangabaProfeti.+ 22 Bonke banokuba ngamalungisa xa benokholo kuYesu Kristu, kuba uThixo akakhethi buso.+ 23 Kuba bonke bonile, ngoko abakwazi ukubonisa iimpawu ezintle zikaThixo,+ 24 kodwa uThixo ubajonga njengamalungisa kuba uKristu Yesu eye wabahlawulela.+ Esi sisipho+ uThixo abaphe sona kuba enobubele.*+ 25 UThixo wamenza wangumnikelo wokuhlawulela+ abantu abanokholo kwigazi likaYesu.+ Le nto yayiza kubonisa indlela alilungisa ngayo uThixo, kuba ngenxa yokunyamezela kwakhe wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo. 26 Le nto yayiza kuphinda ibonise ukuba ulilungisa+ nangoku, xa ebabiza ngokuba ngamalungisa abantu abakholwayo kuYesu.+
27 Ikhona ke into yokuqhayisa? Ayikho. Ngowuphi umthetho osenza singabi nayo? Ngaba ngokaMoses?+ Hayi, ngumthetho wokholo. 28 Kuba into esiyaziyo kukuba umntu ubizwa ngokuba lilungisa ngenxa yokholo, kungekhona ngenxa yokuthobela umthetho.+ 29 Okanye ngaba uThixo ngowamaYuda kuphela?+ Akanguye noThixo wabantu beentlanga na?+ Ukwanguye noThixo wabantu beentlanga.+ 30 Ekubeni uThixo emnye,+ uza kuthi abantu abolukileyo ngamalungisa+ ngenxa yokholo lwabo, nabantu abangolukanga athi bangamalungisa+ ngenxa yokholo lwabo. 31 Ngaba ke siyawuchitha umthetho kuba sinokholo? Tu kanti! Kunoko siyawuthobela.+