Daniyeli
12 “Ngelo xesha uMikayeli,*+ inkosana enkulu+ emela abantu bakowenu,* uza kuma.* Kwaye kuza kufika ixesha elinzima, ixesha ekungazange kubekho linjengalo ukusuka ekusekweni kohlanga de kwaba lelo xesha. Ngelo xesha, abantu bakowenu baza kusinda,+ bonke abo bafunyenwe bebhaliwe encwadini.+ 2 Abantu abaninzi kwabo bafayo* baza kuvuka. Abanye baza kuvuka baze baphile ubomi ngonaphakade. Abanye baza kuvukela kubomi behlazo nakwilishwa likanaphakade.
3 “Bona abantu abanengqiqo baza kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka sezulu, yaye abo benza abantu abaninzi babe ngamalungisa, baza kukhazimla njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.
4 “Wena ke Daniyeli, wagcine eyimfihlo la mazwi, uyivale ngci incwadi, kude kube lixesha lesiphelo.+ Abaninzi baza kwehla benyuka bekhangela,* yaye ulwazi lokwenyaniso luza kuba luninzi.”+
5 Mna Daniyeli, ndabona abantu ababini bemi macala omabini omlambo.+ 6 Omnye wathi kwindoda eyayinxibe ilinen,+ neyayimi phezu kwamanzi omsinga: “Ziza kuphela nini ezi zinto zimangalisayo?” 7 Emva koko ndayiva indoda eyayinxibe ilinen, eyayimi phezu kwamanzi omsinga, njengokuba yayiphakamisa isandla sayo sasekunene nesasekhohlo ngasezulwini yaza yafunga ngaLowo uphila ngonaphakade.+ Yathi: “Kuza kuba lixesha elimisiweyo, amaxesha amisiweyo nehafu yexesha.* Yaye kwakufika ukwaphulwa kwamandla abantu abangcwele,+ zonke ezi zinto ziza kufikelela esiphelweni.”
8 Ndayiva yonke le nto, kodwa andayiqonda,+ ngoko ndathi: “Khawutsho nkosi yam, iza kuphelela phi yonke le nto?”
9 Yona yathi: “Hamba Daniyeli, kuba la mazwi aza kugcinwa eyimfihlo, avalelwe ngokupheleleleyo kude kube lixesha lesiphelo.+ 10 Abantu abaninzi baza kuzicoca, bazenze mhlophe, baze basulungekiswe.+ Bona abenzi-bubi baza kwenza izinto ezimbi, bangaqondi konke konke; kodwa bona abantu abanengqiqo baza kuqonda.+
11 “Ukususela kwixesha lokupheliswa kombingelelo owenziwa qho+ nokubekwa kwento eyenyanyekayo netshabalalisayo,+ yoba ziintsuku eziyi-1 290.
12 “Uyavuya umntu ohlala elindile* kude kufike iintsuku eziyi-1 335!
13 “Wena ke, qina de kube sekupheleni. Uza kuya kuphumla, kodwa uza kuphakama uze ufumane ilifa lakho* ekupheleni kwemihla.”+