ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaDaniyeli
“INCWADI kaDaniyeli yenye yezona ncwadi zeBhayibhile zibangel’ umdla,” itsho njalo iHolman Illustrated Bible Dictionary. “Le ncwadi iqulethe inyaniso engaphelelwayo lixesha.” Ingxelo kaDaniyeli iqalisa ngowama-618 B.C.E. xa uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni esiza eYerusalem aze angqinge eso sixeko, aze athabathe “abanye boonyana bakaSirayeli” abase ekuthinjweni eBhabhiloni. (Daniyeli 1:1-3) Phakathi kwabo kukho noDaniyeli oselula, mhlawumbi ukwishumi nje elivisayo. Xa iqukunjelwa le ncwadi, uDaniyeli useseBhabhiloni. Ngoku uDaniyeli umalunga ne-100 leminyaka ubudala yaye uThixo umthembisa oku: “Uya kuphumla, kodwa uya kubuya uvuke, wamkele isabelo selifa lakho ekupheleni kwemihla.”—Daniyeli 12:13.
Ngoxa inxalenye yokuqala yencwadi kaDaniyeli ibhalwe ngokokulandelelana kwamaxesha yaye ivakala ngokungathi ibaliswa ngomnye umntu, inxalenye yokugqibela ibaliswa nguDaniyeli ngokwakhe. Le ncwadi ibhalwe nguDaniyeli iqulethe iziprofeto eziphathelele ukuvela nokuwa kwamagunya ehlabathi, ixesha lokufika kukaMesiya neziganeko ezenzeka kwixesha lethu.a Lo mprofeti walupheleyo ukhumbula nawakhe amava obomi aze abalise iziganeko ezisikhuthazayo ukuba sibe ngamadoda namabhinqa alondoloza ingqibelelo yawo kuThixo. Isigidimi sikaDaniyeli siphilile yaye sinamandla.—Hebhere 4:12.
YINTONI ESIYIFUNDAYO KWINGXELO EBHALWE NGOKOKULANDELELANA KWAMAXESHA?
Ngunyaka wama-617 B.C.E. UDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu abaselula, uShadraki, uMeshaki noAbhednego bakwinkundla yaseBhabhiloni. Kangangeminyaka emithathu beqeqeshwa kwimicimbi yenkundla, aba bafana bagcina ingqibelelo yabo kuThixo. Malunga neminyaka esibhozo kamva, uKumkani uNebhukadenetsare uphupha iphupha eliyinkohla. UDaniyeli utyhila intsingiselo yeli phupha. Ukumkani uyaqonda ukuba uYehova “unguThixo woothixo neNkosi yookumkani noMtyhili weemfihlelo.” (Daniyeli 2:47) Noko ke ngokukhawuleza, kubonakala ngathi uNebhukadenetsare ukulibele oku. Xa abahlobo abathathu bakaDaniyeli bengavumi ukunqula umfanekiso omkhulu, ukumkani uyalela ukuba baphoswe kwiziko elivuthayo. UThixo oyinyaniso uyabahlangula bobathathu yaye uNebhukadenetsare uyaqonda ukuba “akukho thixo wumbi unako ukuhlangula ngale ndlela.”—Daniyeli 3:29.
UNebhukadenetsare uphinda aphuphe. Ubona umthi omkhulu, ogawulwayo uze ubotshwe ukuze ungakhuli. UDaniyeli utyhila intsingiselo yeli phupha. Eli phupha lizaliseka xa uNebhukadenetsare ephambana aze achache kamva. Kumashumi eminyaka kamva, uKumkani uBheleshatsare wenzela izihandiba zakhe itheko elikhulu aze ngokungenantlonelo asebenzise izitya ezazithatyathwe etempileni kaYehova. Kanye ngobo busuku, uBheleshatsare uyabulawa yaye ubukumkani buthatyathwa nguDariyo umMedi. (Daniyeli 5:30, 31) Ngemihla yolawulo lukaDariyo, xa uDaniyeli eneminyaka engaphezu kwama-90 ubudala, amagosa anomona enza iyelenqe lokubulala lo mprofeti walupheleyo. Kodwa uYehova uyamhlangula “emathupheni eengonyama.”—Daniyeli 6:27.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:11-15—Ngaba ukudla imifuno kuko okwabangela abafana abane abangamaYuda babe bahle? Akunjalo. Akukho kutya kunokubangela imiphumo enjalo ngeentsuku nje ezilishumi. NguYehova owasikelela aba bafana bamaHebhere baselula ukuba bakhangeleke bebahle ngenxa yokuba babekholose ngaye.—IMizekeliso 10:22.
2:1—UNebhukadenetsare waphupha nini ngomfanekiso omkhulu? Ingxelo ithi ‘kwakungonyaka wesibini wobukumkani bukaNebhukadenetsare.’ Waba ngukumkani ngowama-624 B.C.E. Ngoko, unyaka wesibini wolawulo lwakhe umele ukuba waqalisa ngowama-623 B.C.E.—iminyaka ethile ngaphambi kokuba ahlasele kwaYuda. Akunakwenzeka ukuba uDaniyeli abe wayeseBhabhiloni ngelo xesha, ukuze atyhile eli phupha. Ngoko kucacile ukuba ‘unyaka wesibini’ ubalwa ukususela ngowama-607 B.C.E. xa ukumkani waseBhabhiloni watshabalalisa iYerusalem waza waba ngumlawuli wehlabathi.
2:32, 39—Ubukumkani besilivere babungaphantsi njani kobegolide yaye obobhedu babungaphantsi njani kobesilivere? UBukhosi bamaMedi namaPersi, obabufanekisela inxalenye yomfanekiso elubhedu, babungaphantsi kwiBhabhiloni, eyayifanekisela intloko yegolide eyazenzela igama ngokubhukuqa amaYuda. Emva koko kwalandela iGrisi, eyayifanekisela ubhedu. IGrisi yayingaphantsi kubukhosi bamaMedi namaPersi kanye njengokuba ubhedu lungaphantsi kwisilivere. Nangona uBukhosi baseGrisi babulawula ummandla omkhudlwana, bona abuzange bube nelungelo elikhethekileyo lokukhulula abantu bakaThixo ekuthinjweni njengobo bamaMedi namaPersi.
4:8, 9—Ngaba noDaniyeli waba ngumbingeleli oqhelisela imilingo? Akunjalo. Ibinzana elithi ‘intloko yababingeleli abaqhelisela imilingo’ libhekisela nje kwisikhundla sikaDaniyeli ‘njengomthetheli oyintloko wazo zonke izilumko zaseBhabhiloni.’—Daniyeli 2:48.
4: 10, 11, 20-22—Yintoni eyayifanekiselwa ngumthi omkhulu wephupha likaNebhukadenetsare? Ekuqaleni, lo mthi wawufanekisela uNebhukadenetsare njengomlawuli wehlabathi. Noko ke, ekubeni ulawulo lwakhe lwalufikelela “esiphelweni somhlaba,” lo mthi wawufanekisela into enkulu ngakumbi. UDaniyeli 4:17 unxulumanisa eli phupha ‘nOyena Uphakamileyo’ ebantwini. Ngoko ke, lo mthi wawufanekisela nolongamo lukaYehova kwindalo iphela, ngokukodwa ngokuphathelele umhlaba. Ngaloo ndlela, eli phupha lineenzaliseko ezimbini—ulawulo lukaNebhukadenetsare nolongamo lukaYehova.
4:16, 23, 25, 32, 33—Ayemade kangakanani “amaxesha asixhenxe”? La ‘maxesha asixhenxe’ ayengenakuba ziintsuku nje ezisixhenxe zokoqobo, kuba kwakufuneka kufezeke zonke iinguqulelo ezenzeka ngexesha likaKumkani uNebhukadenetsare. Oku kuthetha ukuba la maxesha ayebhekisela kwiminyaka esixhenxe, yaye nyaka ngamnye wawuneentsuku ezingama-360 okanye iintsuku ezingama-2 520 xa iyonke. Kwinzaliseko ebhekele phaya, “amaxesha asixhenxe” yiminyaka engama-2 520. (Hezekile 4:6, 7) Yaqalisa xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem ngowama-607 B.C.E. yaza yaphela xa kumiselwa uYesu njengoKumkani wasezulwini ngowe-1914 C.E.—Luka 21:24.
6:6-10—Ekubeni kungekho ndlela ikhethekileyo amele ame ngayo umntu xa ethandaza kuYehova, ngaba kwakungayi kuba bubulumko ukuba uDaniyeli athandaze emfihlekweni ngezo ntsuku zingama-30? UDaniyeli wayesaziwa ngumntu wonke ukuba uthandaza kathathu ngemini. Kungenxa yoko le nto abo benza iyelenqe bacebisa ukuba kwenziwe umthetho onxamnye nomthandazo. Ukuba uDaniyeli wayenokwenza utshintsho oluthile kwindlela awayethandaza ngayo, kwabanye wayenokubonakala ngathi uyalalanisa kuzinikelo lwakhe kuYehova.
Oko Sikufundayo:
1:3-8. Ukuzimisela kukaDaniyeli namaqabane akhe ukunyaniseka kuYehova kubonisa indlela abanokuba baqeqeshwa kakuhle ngayo ngabazali babo. Xa abazali aboyika uThixo bebeka izilangazelelo zokomoya kwindawo yokuqala ebomini babo baze bafundise abantwana babo ukwenza okufanayo, abantwana baya kuxhathisa naziphi na izilingo neengcinezelo abanokuhlangabezana nazo esikolweni nakwezinye iindawo.
1:10-12. UDaniyeli wayesiqonda isizathu sokuba ‘igosa eliyintloko lenkundla’ limoyike ukumkani yaye akazange aqhubeke elicela. Noko ke, kamva uDaniyeli wathetha ‘nomlindi,’ ekusenokwenzeka ukuba wayenokukwazi ukubonisa uvelwano kubo. Xa sijamelene neemeko ezinzima, nathi sifanele sisebenzise ingqondo yaye silumke.
2:29, 30. NjengoDaniyeli, nathi sifanele sizukise uYehova ngolwazi, iimpawu ezintle nobuchule esibufumene ngokufunda iBhayibhile.
3:16-18. Kwakungenakwenzeka ukuba la maHebhere mathathu aqine ngale ndlela kwisigqibo sawo, ukuba ayeye alalanisa kumbandela wokutya. Nathi sifanele sizabalazele ‘ukuthembeka kwizinto zonke.’—1 Timoti 3:11.
4:24-27. Xa sivakalisa isigidimi soBukumkani esiquka imigwebo kaThixo eqatha, nathi kufuneka sibe nokholo nesibindi awayenaso uDaniyeli xa wayexelela uNebhukadenetsare oko kwakuza kumehlela noko wayefanele akwenze ukuze ‘impumelelo yakhe yandiswe.’
5:30, 31. ‘Intetho engumzekeliso nxamnye nokumkani waseBhabhiloni’ yazaliseka. (Isaya 14:3, 4, 12-15) USathana uMtyholi onekratshi elifana nelo labalawuli baseBhabhiloni, uya kutshatyalaliswa ngendlela elihlazo njengabo.—Daniyeli 4:30; 5:2-4, 23.
YINTONI ETYHILWA YIMIBONO KADANIYELI?
Xa uDaniyeli ebona umbono wokuqala ephupheni ngowama-553 B.C.E., uneminyaka engaphezu kwama-70 ubudala. UDaniyeli ubona amarhamncwa amakhulu amane afanekisela amagunya ehlabathi ngokulandelelana kwawo ukususela kwixesha lakhe de kuze kuthi ga kwixesha lethu. Kumbono wakhe wasezulwini, ubona “uthile onjengonyana womntu” enikwa ‘ulawulo oluhlala ngokungenammiselo.’ (Daniyeli 7:13, 14) Kwiminyaka emibini emva koko, uDaniyeli ubona umbono onokuthanani namaMedi namaPersi, iGrisi, nesidalwa esifanekisela “ukumkani onkangeleko indlongondlongo.”—Daniyeli 8:23.
Ngunyaka wama-539 B.C.E. IBhabhiloni iphelelwe yaye uDariyo ongumMedi ulawula kubukumkani bamaKhaledi. UDaniyeli uthandaza kuYehova ngokuphathelele ukwakhiwa ngokutsha kwelizwe lakhe lokuzalwa. Esathandaza njalo, uYehova uthumela ingelosi egama linguGabriyeli ukuba ‘ivule ingqiqo kaDaniyeli ukuze aqonde’ ngokuza kukaMesiya. (Daniyeli 9:20-25) Liyahamba ixesha liye kufikelela kowama-536/535 B.C.E. Intsalela yamaSirayeli ibuyele eYerusalem. Kodwa iintshaba zichasene nomsebenzi wokwakhiwa kwetempile. Le meko imbeka exhaleni kakhulu uDaniyeli. Uyathandaza aze uYehova athumele ingelosi enkulu kuDaniyeli. Emva kokuba le ngelosi imomelezile yaza yamkhuthaza uDaniyeli, ichaza isiprofeto esiphathelele usukuzwano oluphakathi kukakumkani wasentla nokumkani wasezantsi. Olu sukuzwano lwaba kumkani babini lususela kwixesha laxa ubukumkani buka-Aleksandire Omkhulu babahlulahlulwe phakathi banikwa iinjengele zakhe ezine, luye kufikelela kwixesha laxa iNkosana Enkulu uMikayeli ‘isima.’—Daniyeli 12:1.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
8:9—Lifanekisela ntoni ‘ilizwe Eliligugu’? Kule meko, ‘ilizwe Eliligugu’ lifanekisela imeko yamaKristu athanjisiweyo ngethuba lokulawula kwamaNgesi namaMerika.
8:25—Ngubani ‘iNkosana yeenkosana’? Igama lesiHebhere elithi sar, eliguqulelwe ngokuthi ‘inkosana,’ lithetha “inkosi,” okanye “umphathi.” Igama elithi ‘iNkosana yeenkosana’ libhekisela kuYehova uThixo kuphela—uMphathi wazo zonke iinkosana eziziingelosi, kuquka “uMikayeli, omnye weenkosana ezibalaseleyo.”—Daniyeli 10:13.
9:21—Kutheni uDaniyeli ebiza ingelosi enguGabriyeli ngokuba ‘yindoda’? Kungenxa yokuba xa uGabriyeli wayesiza kuDaniyeli, wayenomzimba womntu njengoko wayenjalo nakumbono ongaphambilana.—Daniyeli 8:15-17.
9:27—Nguwuphi umnqophiso owaqhubeka ‘usebenza’ de kwaphela iveki yama-70 yeminyaka, okanye owama-36 C.E.? Umnqophiso woMthetho wayeka ukusebenza ngowama-33 C.E. xa uYesu ebethelelwa emthini. Kodwa ngokuvumela umnqophiso ka-Abraham ukuba usebenze kumaSirayeli okwenyama de kube ngowama-36 C.E., uYehova wandisa ixesha lokubonakalisa ubabalo kumaYuda, kuba eyinzala ka-Abraham. Umqophiso ka-Abraham uqhubeka usebenza ‘kuSirayeli kaThixo.’
Oko Sikufundayo:
9:1-23; 10:11. Ngenxa yokuthobeka kwakhe, uzinikelo lwakhe lobuthixo, ukufundisisa kwakhe, nokuzingisa kwakhe emthandazweni, uDaniyeli waba ‘ngonqweneleka kakhulu.’ Ezi mpawu zamnceda ukuba ahlale ethembekile kuThixo de kwasa ekufeni. Nathi masizimisele ukulandela umzekelo kaDaniyeli.
9:17-19. Kwanaxa sithandazela ihlabathi elitsha likaThixo, apho kuya ‘kuma ubulungisa,’ ngaba asifanele sibalaselise ukungcwaliswa kwegama likaYehova nokuthethelelwa kolongamo lwakhe kunokubalaselisa ukupheliswa kweembandezelo nobunzima esijamelene nabo?—2 Petros 3:13.
10:9-11, 18, 19. Masixelise ingelosi eyeza kuDaniyeli, ngokuthi sikhuthazane, somelezane, sincedane yaye sithuthuzelane.
12:3. Kule mihla yokugqibela, ‘abo banengqiqo’—amaKristu athanjisiweyo—‘bebekhanya njengezikhanyiso’ yaye “bakhokelele abaninzi ebulungiseni,” kuquka “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu.’ (Filipi 2:15; ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16) Abathanjiswa baya ‘kukhazimla njengeenkwenkwezi’ ngokupheleleyo ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka LukaKristu, xa besebenzisa ngokuzeleyo iingenelo zentlawulelo kuluntu oluthobelayo emhlabeni. ‘Ezinye izimvu’ zifanele zihlale zimanyene nabathanjiswa, zibaxhase ngandlela zonke.
UYehova ‘Uyabasikelela Abo Bamoyikayo’
Isifundisa ntoni incwadi kaDaniyeli ngoThixo esimnqulayo? Khawucinge nje ngeziprofeto ezikule ncwadi—ezo sele zizalisekile nezo ziseza kuzaliseka. Hayi indlela ezimchaza kakuhle ngayo uYehova njengoMzalisekisi welizwi lakhe!—Isaya 55:11.
Inxalenye eyimbali yencwadi kaDaniyeli isibonisa ntoni ngoThixo wethu? Abafana abane abangamaHebhere abangazange bavume ukubandakanywa kwizinto ezazisenziwa kwinkundla yaseBhabhiloni bafumana ‘ulwazi, ukuqonda nobulumko.’ (Daniyeli 1:17) UThixo oyinyaniso wathumela ingelosi yakhe ukuba iye kuhlangula uShadraki, uMeshaki noAbhednego kwiziko lomlilo elivuthayo. UDaniyeli wahlangulwa kumhadi weengonyama. UYehova ‘uyabanceda aze abasikelele abo bamoyikayo.’—INdumiso 115:9, 13.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho yendinyana nganye yencwadi kaDaniyeli, funda incwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kwakutheni ukuze uDaniyeli abe ‘ngonqweneleka kakhulu’?