Genesis
13 Emva koko uAbram wenyuka, ephuma eYiputa waya eNegebhi,+ yena nomfazi wakhe noLote, nazo zonke izinto awayenazo. 2 UAbram wayenemihlambi, isilivere negolide eninzi kakhulu.+ 3 Njengoko wayephuma eNegebhi esiya eBheteli, wahamba emisa inkampu kwiindawo ngeendawo, de wafika kulaa ndawo yayinentente yakhe, phakathi kweBheteli neAyi,+ 4 indawo awakha kuyo isibingelelo ngaphambili. UAbram wabiza egameni likaYehova apho.
5 NoLote owayehamba noAbram, wayeneegusha, iinkomo neentente. 6 Ngoko elo lizwe lalingabanelanga ukuba bangahlala ndawonye, kuba izinto zabo zaba ninzi kakhulu kangangokuba babengasakwazi ukuhlala kunye. 7 Le nto yabaxabanisa abalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. (Ngelo xesha kwakuhlala amaKanan namaPerizi kwelo lizwe.)+ 8 UAbram wathi kuLote:+ “Makungabikho nto isixabanisayo, nabalusi bethu mabangaxabani, kuba ungumntakwethu. 9 Alikho phambi kwakho na lonke ilizwe? Ndicela sahlukane. Ukuba uya ngasekhohlo, mna ndiza kuya ngasekunene. Ukuba uya ngasekunene, mna ndiza kuya ngasekhohlo.” 10 Ngoko uLote waphakamisa amehlo akhe, wayibona yonke ingingqi yaseYordan+ ukuba ingummandla onamanzi amaninzi (ngaphambi kokuba uYehova ayitshabalalise iSodom neGomora), injengomyezo kaYehova,+ injengelizwe laseYiputa, ukuya kutsho eTsoware.+ 11 Emva koko uLote wakhetha yonke ingingqi yaseYordan, wayifudusela ngasempuma inkampu yakhe, baza bohlukana. 12 UAbram wahlala kwilizwe lakwaKanan, yena uLote wahlala kwizixeko zaloo ngingqi.+ Ekugqibeleni wamisa intente kufuphi neSodom. 13 Abantu baseSodom babesenza izono ezibi kakhulu emehlweni kaYehova.+
14 Emva kokuba uLote ahlukene noAbram, uYehova wathi kuye: “Khawuncede uphakamise amehlo akho, uze ujonge ukwindawo okuyo, emntla nasemzantsi, empuma nasentshona, 15 kuba lonke ilizwe olibonayo, ndiza kulinika wena nenzala* yakho, libe lilifa lakho ngonaphakade.+ 16 Ndiza kuyenza inzala* yakho ibe ninzi njengamasuntswana othuli lomhlaba. Njengokuba kungekho mntu unokubala amasuntswana othuli, akukho mntu uza kukwazi ukuyibala inzala* yakho.+ 17 Phakama ulihamba-hambe ilizwe, ngobude balo nangobubanzi balo, kuba ndiza kukunika lona.” 18 Ngoko uAbram waqhubeka ehlala ezintenteni. Ekuhambeni kwexesha waya kuhlala ngakwimithi emikhulu yaseMamre+ eHebron;+ apho wakhela khona uYehova isibingelelo.+