Yobhi
33 “Ndicela umamele amazwi am ke ngoku Yobhi,
Umamele yonke into endiyithethayo.
2 Ndiyakucela! Andinakuthula,
Ndiyeke ndithethe.
3 Ndithetha ngokusuka entliziyweni,+
Nezinto endizaziyo ndizithetha ndinyanisekile.
Waza uSomandla wandiphefumlela ndaphila.+
5 Ndiphendule ukuba uyakwazi;
Zithethelele.
7 Ngoko ungoyiki,
Kuba andizukuthetha rhabaxa.
8 Kodwa ke uthethe ndisiva,
Ndikuvile xa ubusithi,
12 Kodwa ayichananga le nto uyithethayo, ngoko mandikuphendule:
UThixo ungaphezulu lee komntu nje ofayo.+
Kungenxa yokuba engakuphendulanga na?+
14 Kaloku uThixo uthetha kube kanye nakabini,
Kodwa akukho mntu umamelayo,
15 Uthetha ephupheni, embonweni wasebusuku,+
Xa abantu bekobunzulu ubuthongo,
Belele ngamnye kumandlalo wakhe.
16 Emva koko ubavula iindlebe,+
Abaxelele ukuba mabathini,
17 Ukuze abanqande bangenzi izinto ezimbi,+
Aze abakhusele ekubeni nekratshi.+
19 Umntu ufundiswa isifundo yintlungu ayivayo esemandlalweni wakhe,
Nayintlungu engapheliyo esemathanjeni akhe,
20 De angafuni nesonka esi,
Angafuni nokona kutya kumnandi.+
21 Umzimba wakhe uyaphela,
De kuvele namathambo.
22 Uya esondela engcwabeni;
Uya esondela nakwabo babulalayo.
Nokuba ngumthetheleli omnye kwabaliwaka,
Omxelela into elungileyo amele ayenze,
24 UThixo uza kumenzela inceba, athi,
‘Msindise angayi engcwabeni!+
Ndifumene indlela yokumhlawulela!+
26 Uza kucenga uThixo,+ aze yena amamele,
Uza kukhwaza evuya xa ebona ubuso bukaThixo,
Aze uThixo amenze abe lilungisa kwakhona.
27 Loo mntu uza kuthi ebantwini,
‘Ndonile+ ndathetha izinto ezigqwethekileyo,
Kodwa andohlwaywanga ngaloo nto.*
29 UThixo uzenza zonke ezi zinto;
Uzenza kabini, nakathathu kanti, ezenzela abantu,
30 Ukuze abasindise engcwabeni,
Baze baqhubeke bephila.+
31 Mamela Yobhi! Ndimamele kakuhle!
Thula, undiyeke ndithethe.
32 Phendula ukuba unayo impendulo.
Thetha, kuba nam ndifuna ukungqinelana nawe.
33 Ukuba awunayo impendulo, mamela mna ke;
Thula, ndikufundise ubulumko.”