Eyesibini YeziKronike
18 UYehoshafati wayenobutyebi obuninzi yaye ezuke kakhulu,+ kodwa wendiselana noAhabhi.+ 2 Emva kweminyaka ethile waya kuAhabhi eSamariya,+ uAhabhi waxhela* iigusha neebhokhwe ezininzi, esenzela uYehoshafati nabantu ababekunye naye. Emva koko wamcenga* ukuba ayokulwa neRamoti-giliyadi.+ 3 UKumkani uAhabhi wakwaSirayeli wathi kuKumkani uYehoshafati wakwaYuda: “Ndicela uhambe nam siye eRamoti-giliyadi.” Yena wathi: “Mna nawe sibanye, yaye abantu bam ngabantu bakho yaye siza kukuxhasa kule mfazwe.”
4 Kodwa uYehoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawubuzise kuqala ukuba uYehova uthini ngale nto.”+ 5 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abaprofeti, amadoda ayi-400, wathi kubo: “Siye na emfazweni eRamoti-giliyadi, okanye ndingayi?” Bathi: “Yiya, yaye uThixo wokwenene uza kuyinikela kuwe.”
6 Kodwa uYehoshafati wathi: “Akakho na omnye umprofeti kaYehova apha?+ Masibuze nakuye.”+ 7 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Isekho enye indoda+ enokusibuzela kuYehova, kodwa ndiyayicaphukela, kuba ayiprofeti zinto zintle ngam, ihlala izizinto ezimbi zodwa.+ NguMikaya unyana kaImla.” Kodwa uYehoshafati wathi: “Ukumkani makangathethi ngolo hlobo.”
8 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli wabiza igosa lendlu kakumkani, wathi: “Khawuleza uze noMikaya unyana kaImla.”+ 9 Ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli ezitroneni zabo, benxibe iimpahla zasebukhosini. Babehleli kwibala lokubhula ngakwigeyithi yaseSamariya, yaye bonke abaprofeti babeprofeta phambi kwabo. 10 UZedekiya unyana kaKenahana wazenzela iimpondo zentsimbi waza wathi: “Uthi uYehova, ‘Uza kuwahlaba* ngazo amaSiriya de uwatshabalalise.’” 11 Bonke abanye abaprofeti babeprofeta ngokufanayo, besithi: “Nyuka uye eRamoti-giliyadi, uza kuphumelela.+ UYehova uza kuyinikela kuwe.”
12 Umthunywa owayeye kubiza uMikaya wathi kuye: “Jonga! Bonke abanye abaprofeti bathe ukumkani uza kuphumelela. Nawe ke ndicela uthethe kakuhle njengabo.”+ 13 Kodwa uMikaya wathi: “Ephila nje uYehova, nantoni na ayitshoyo uThixo wam, ndiza kuthetha yona.”+ 14 Emva koko weza kukumkani, waza ukumkani wambuza wathi: “Mikaya, siye na emfazweni eRamoti-giliyadi, okanye ndingayi?” Ngoko nangoko wathi: “Yiya, uza kuphumelela, baza kunikelwa kuwe.” 15 Wathi ukumkani kuye: “Ndimele ndikufungise kangaphi ukuba ungathethi nantoni na ngaphandle kwenyani kum egameni likaYehova?” 16 Ngoko wathi: “Ndibona onke amaSirayeli ethe saa ezintabeni njengeegusha ezingenamalusi.+ UYehova wathi: ‘Aba abanayo inkosi. Ngoko ngamnye makagoduke ngoxolo.’”
17 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ndathi, ‘Akazukuprofeta izinto ezintle ngam, kodwa ezimbi zodwa’?”+
18 UMikaya wathi: “Ngoko ke live ilizwi likaYehova: Ndibone uYehova ehleli etroneni yakhe,+ engqongwe nguwo wonke umkhosi wamazulu,+ ngasekunene nangasekhohlo.+ 19 UYehova wathi, ‘Ngubani oza kuqhatha uKumkani uAhabhi wakwaSirayeli, ukuze anyuke ayokufela eRamoti-giliyadi?’ Omnye wathetha le, omnye wathetha leya. 20 Emva koko kusuke omnye umoya*+ weza ngaphambili wema phambi koYehova wathi, ‘Mna ndiza kumqhatha.’ UYehova wabuza wathi, ‘Uza kumqhatha njani?’ 21 Wona wathi, ‘Ndiza kuphuma ndibe ngumoya oqhathayo emlonyeni wabo bonke abaprofeti bakhe.’ Ngoko wathi, ‘Uza kumqhatha, ibe uza kuphumelela. Phuma uze wenze ngaloo ndlela.’ 22 Lilonke ke, uYehova ubeke umoya oqhathayo emlonyeni waba baprofeti bakho,+ kodwa uYehova ukumisele intlekele.”
23 UZedekiya+ unyana kaKenahana wasondela kuMikaya+ wamqhwaba ngempama+ wathi: “Udlule njani kum umoya kaYehova waya kuthetha nawe?”+ 24 UMikaya wathi: “Jonga! Uza kubona ukuba udlule njani kuwe mhla waya kuzifihla kwelona gumbi lingaphakathi.” 25 Emva koko ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Thathani uMikaya nimse kuAmon umphathi wesixeko nakuYowashe unyana kakumkani. 26 Nize nithi kubo, ‘Uthi ukumkani: “Valelani lo mfo ejele,+ nisinciphise isonka namanzi akhe de ndibuye ndiseluxolweni.”’” 27 Kodwa uMikaya wathi: “Ukuba uye wabuya useluxolweni, woba uYehova akathethanga nam.”+ Waphinda wathi: “Ze niwakhumbule la mazwi, nonke nina zizwana.”
28 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda benyuka baya eRamoti-giliyadi.+ 29 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Ndiza kuzenza ngathi ndingomnye umntu, ndiye edabini, kodwa wena nxiba iimpahla zakho zasebukhosini.” Ngoko ukumkani wakwaSirayeli wazenza ngathi ungomnye umntu, baya edabini. 30 Yena ukumkani waseSiriya, wayeyalele abaphathi beenqwelo zakhe wathi: “Ze ningalwi naye nabani na ongomnye, omncinci okanye omkhulu, ngaphandle kokumkani wakwaSirayeli.” 31 Yaye bakumbona nje abaphathi beenqwelo uYehoshafati, bathi: “Ngukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko bayokulwa naye, waza uYehoshafati wakhala ecela uncedo,+ yaye uYehova wamnceda, waza uThixo ngokukhawuleza wabasusa kuye. 32 Bathi bakubona abaphathi beenqwelo ukuba akanguye ukumkani wakwaSirayeli, bayeka ngoko nangoko ukumlandela.
33 Kodwa enye indoda yasuka yatola nje esithubeni ngesaphetha sayo, yagqobhoza ekudibaneni kwezikhuselo zesambatho sentsimbi sikakumkani wakwaSirayeli. Ukumkani wathi kumqhubi wenqwelo yakhe: “Yijike inqwelo siphume edabini,* kuba ndenzakele kakhulu.”+ 34 Laya liqina idabi ngaloo mini, yaye ukumkani wakwaSirayeli kwafuneka agcinwe emile enqwelweni, ejonge ngakumaSiriya de kwangokuhlwa, yaye wafa xa kutshona ilanga.+