Intuthuzelo Kwabadandathekileyo
Kunyaka ophelileyo amaNgqina kaYehova apapashe iphecana elincinane elinamaphepha amathandathu elixubusha ngalo mbandela ungasentla. Ngendlela engqalileyo, linika abo badandathekileyo uncedo abalufunayo. Eli phecana libonisa ukuba iBhayibhile ngowona mthombo wentuthuzelo. Licaphula intaphane yeendinyana zeZibhalo ezifanelekileyo ezixubusha ngalo mbandela wokudandatheka, kuquka nezinokusetyenziswa ukunceda abantu abadandathekileyo.
Ngo-Oktobha kunyaka ophelileyo iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eRome, eItali, ifumene umnxeba womntu othetha oku: “Ndifuna ukunibulela ngephecana elixubusha ngodandatheko. Ndisandula ukulifumana, yaye ndizive ndinyanzelekile ukuba ndinitsalele umnxeba ndinibulele. Andizange ndifunde into ekhuthaza ngolu hlobo nakweyiphi na impapasho yezamayeza. Ndifuna ukunincoma kuba nikwazi ukuthetha okuninzi kangaka kwiphepha elincinane kangaka.
“Xa bendifunda eli phecana, zisuke zehla iinyembezi. Ndifuna ukunikhuthaza niqhubeke nomsebenzi wenu. Ubalulekile; nifanele niwenze kulo lonke elaseItali nasehlabathini lonke.”
Ukuba ufuna umbhalo weli phecana lithi, Intuthuzelo Kwabadandathekileyo, okanye inkcazelo ebhekele phaya, nceda ubhalele kwiWatch Tower, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, okanye kwikhelingi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.