Umntwana Wakho Usengozini!
Ukuhlaselwa kwabantwana ngokwesini kusisibakala esingathandekiyo kweli hlabathi lonakeleyo. Iphephancwadi iLear’s lathi: “Kusichaphazela ngakumbi kunokuba kunjalo ngomhlaza, ngakumbi kunokuba kunjalo ngesifo sentliziyo, ngakumbi kunokuba kunjalo ngoGawulayo.” Ngenxa yoko uVukani! uziva ebophelelekile ukuba azame ukulumkisa abo bamfundayo ngale ngozi nangoko kunokwenziwa ngayo.—Thelekisa uHezekile 3:17-21; Roma 13:11-13.
KWIMINYAKA yakutshanje kuye kwavakala isikhalo esivela ehlabathini lonke ngokuhlaselwa kwabantwana ngokwesini. Kodwa ingqalelo yamaziko eendaba, athetha kanobom ngabantu abadumileyo abaye badiza esidlangalaleni amava abo okuxhatshazwa besengabantwana, iye yakhokelela kwiingcamango ezithile eziphosakeleyo nezithandwayo. Bambi bakholelwa ukuba yonke le ntetho engokuhlaselwa kwabantwana sisimbo nje esisexesheni. Noko ke, enyanisweni, akukho nto ingako entsha ngokuhlaselwa okunjalo ngokwesini. Phantse kuntanganye nembali yabantu.
Kwakuyingxaki Namandulo
Kwiminyaka enokuba ngama-4 000 eyadlulayo, isixeko saseSodom nesaseGomora zazidume ngobubi. Kucacile ukuba ukuqhelisela iintlobano zesini esigqwethekileyo ebantwaneni kwakuphakathi kwemikhwa emininzi nengatshongo khona kuloo ngingqi. IGenesis 19:4 ichaza ngehlokondiba labemi baseSodom elalithe phithi thwanga sisini ukususela “kumfana [“kwinkwenkwe,” NW] esa kwixhego” lifuna ukudlwengula iindwendwe ezimbini ezingamadoda zikaLote. Khawuqwalasele oku: Yintoni eyayingabangela ukuba amakhwenkwana nje athi ti yingcamango yokudlwengula amadoda? Ngokucacileyo ayesele efundisiwe iintlobano ezigqwethekileyo zobufanasini.
Iinkulungwane ezithile kamva, uhlanga lwakwaSirayeli lwafudukela kummandla wakwaKanan. Eli lizwe lalitshone zwabha kumbulo, ubufanasini, ukuba neentlobano zesini nezilwanyana, ubunongogo, nkqu nokubingelela ngokwesithethe ngabantwana abancinane koothixo beedemon kangangokuba zonke ezi zenzo zingatshongo khona zalelwa ngokucacileyo kuMthetho kaMoses. (Levitikus 18:6, 21-23; 19:29; Yeremiya 32:35) Phezu kwazo nje ezi zilumkiso zingokobuthixo, amaSirayeli awayenemvukelo, kuquka nabanye babalawuli bawo, bazamkela ezi zenzo zicekisekayo.—INdumiso 106:35-38.
Noko ke, iGrisi neRoma zamandulo zaziwodlula lee amaSirayeli ngobubi kule nkalo. Ukubulawa kweentsana kwakuqhelekile kuwo omabini la mazwe, yaye eGrisi kwakuyinto eyamkeleke ngokubanzi ngamaxhego ukuba neentlobano zesini namakhwenkwe amancinane. Izindlu zoonongogo abangamakhwenkwe zazixhaphakile kuzo zonke izixeko zeGrisi yamandulo. KuBukhosi baseRoma, ubunongogo babantwana babesamele kangangokuba kwade kwamiselwa iirhafu neeholide ezikhethekileyo ngokukodwa ukwenzela elo shishini. Kumabala emidlalo, amantombazana ayedlwengulwa yaye enyanzeliswa ukuba neentlobano zesini nezilwanyana. Izenzo zenkohlakalo ezifanayo zazesamele nakwamanye amazwe amandulo.
Kuthekani ngamaxesha anamhlanje? Ngaba uluntu luphucuke gqitha ukuba kungaze kuxhaphake izenzo ezimanyumnyezi ngolo hlobo zesini namhlanje? Abafundi beBhayibhile abanakuyamkela le ngcamango. Bazi kakuhle ukuba umpostile uPawulos wachaza ixesha lethu ngokuthi ‘ngamaxesha anomngcipheko.’ Wanikela iinkcukacha ngokuxhaphaka kokuzithanda, ukuthanda iziyolo nokudodobala kothando lwemvelo entsatsheni okuthwaxa ibutho labantu lezi mini waza walek’ umsundulo esithi: “Abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini.” (2 Timoti 3:1-5, 13; ISityhilelo 12:7-12) Ngaba ukuhlaselwa kwabantwana ngokwesini, ngokufuthi obekukhuthazwa ‘ngabantu abangendawo noosiyazi,’ kuye kwaba kubi ngakumbi?
Ingxaki Enxubisayo
Ngokufuthi ukuhlaselwa kwabantwana kwenzelwa emfihlekweni, kangangokuba kuye kwabizwa ngokuthi mhlawumbi lolona lwaphulo-mthetho lungachazwayo. Nakuba kunjalo, kucacile ukuba ulwaphulo-mthetho olunjalo luye lwathabath’ unyawo ukwanda kumashumi eminyaka akutshanje. EUnited States, uhlolisiso ngalo mbandela lwenziwa yiLos Angeles Times. Yafumanisa ukuba ama-27 ekhulwini kumabhinqa ne-16 ekhulwini kumadoda aye axhatshazwa ngokwesini esengabantwana. Phezu kwako nje ukukhwankqisa kwala manani, olunye uqikelelo olwenziwe ngenyameko eUnited States luye lwanikela amanani aphakame kanobom.
EMalaysia, iingxelo zokuhlaselwa kwabantwana ngokwesini ziye zaphindaphindeka kane kweli shumi leminyaka lidluleyo. EThailand, kolunye uhlolisiso amadoda anokuba ngama-75 ekhulwini avuma ukuba aba neentlobano zesini noonongogo abangabantwana. EJamani, abasemagunyeni baqikelela ukuba abantwana abafikelela kuma-300 000 baxhatshazwa ngokwesini nyaka ngamnye. Ngokutsho kweCape Times yaseMzantsi Afrika, inani leengxelo zokuhlaselwa okunjalo lintinge nge-175 ekhulwini kwithuba leminyaka emithathu yamvanje. ENetherlands naseKhanada, abaphandi bafumanise ukuba malunga nebhinqa elinye kwamathathu kuwo onke amabhinqa axhatshazwa ngokwesini esengabantwana. EFinland, i-18 ekhulwini lamantombazana akwibanga lesixhenxe (ane-15 okanye i-16 leminyaka ubudala) nesi-7 ekhulwini samakhwenkwe anikela ingxelo yokuba nento yokwenza ngokwesini nothile ubuncinane omdala kunawo ngeminyaka emihlanu.
Kumazwe awahlukahlukeneyo kuye kwavela iingxelo eziphazamisayo ezingemikhwa yonqulo yokuxhaphaza abantwana ngoqheliselo lwesini esenziwa ngenkohlakalo nokubathuthumbisa. Ngokufuthi, abo banikela ingxelo yokuba babengamaxhoba olwaphulo-mthetho olunjalo abaphathwa ngamfesane koko akukholelwa oko bakuthethayo.
Ngoko ukuhlaselwa kwabantwana ngokwesini akunto intsha kungeyiyo nento engaqhelekanga; yingxaki ekudala ikho nengubhubhani namhlanje. Umphumo wako unokubangela umonakalo omkhulu. Abaninzi abasindileyo bathwaxwa ziimvakalelo ezendeleyo zokungabi nto yanto nokuphelelwa kukuzithemba. Iingcali zale nkalo ziye zadwelisa eminye yemiphumo eqhelekileyo yombulo kumantombazana, njengokuzimela eshiya ikhaya, ukusebenzisa kakubi iziyobisi notywala, ukudandatheka, ukulinga ukuzibulala, ubunjubaqa, ukuziphatha vakalala, ukungalali kakuhle nokuba nengxaki ekufundeni. Imiphumo ehlala ithuba elide isenokuquka ukungakwazi ukuba ngumzali, ukungabi namdla kwiintlobano zesini, ukungawathembi amadoda, ukutshata nomntu otyekele ekubeni neentlobano zesini nabantwana, ubufanasini bamabhinqa, ubunongogo nokuhlasela abantwana ngokwesini.
Ixhoba alinandlela yakuyiphepha le miphumo; kungekho nabani na onokuthi ngokufanelekileyo ayibethe ngoyaba ihambo ephosakeleyo ngenxa nje yokuhlaselwa kwexesha elidluleyo. Ukuxhatshazwa akumiseli kusengaphambili ukuba amaxhoba ako aya kuziphatha kakubi okanye abe ziinjubaqa; ibe akuyiphelisi yonke imbopheleleko yobuqu ngokhetho alwenzayo kamva ebomini. Kodwa le miphumo iqhelekileyo kumaxhoba iyingozi yokwenene. Ibangela ukuba unxubise ngakumbi umbuzo othi, Singabakhusela njani abantwana ekuhlaselweni ngokwesini?