Ubulolo—Ngaba Uzimisele Ukubulwa Uze Uphumelele?
NGABA ulilolo? Ebomini zikho izihlandlo zokuba ngokwemvelo uzive ulilolo, enoba utshatile okanye akutshatanga, enoba uyindoda okanye ulibhinqa, enoba umdala okanye umncinane. Kuqonde nokuba ukuba wedwa akusoloko kungunobangela wobulolo. Umphengululi ohleli yedwa onikele ingqalelo kakhulu kuphando lwakhe akaziva elilolo. Umzobi ohleli yedwa ozobayo akanasizathu sokuziva elilolo. Bayasamkela eso sihlandlo sokuba bodwa, yaye ukuba bodwa kuba ngoyena mhlobo wabo.
Imvakalelo yokuba lilolo yakheka kanye ngaphakathi kuthi kunokuba yakheke ngaphandle. Ubulolo bunokubangelwa sisiganeko esithile esibangela ubuhlungu—ukufa, ukuqhawula umtshato, ukuphelelwa ngumsebenzi nentlekele ethile. Xa sizenza sonwabe, obo bulolo bunokuncipha, mhlawumbi ekuhambeni kwexesha bude buthi shwaka, yaye oko kulahlekelwa bekusibangele sabandezeleka, kunokwamkelwa, kulibaleke.
Iimvakalelo zibakho ngokusuka kwiingcinga zakho. Emva kokuba ukulahlekelwa kwamkelekile yaye neemvakalelo okwazibangelayo ziphoswe kwelokulibala, lixesha lokuba ubukhulu becala ucinge ngezinto ezakhayo ezinokukwenza ukuba uqhubeke nobomi bakho.
Ziphuthume. Lawula iimvakalelo zakho. Kukho izinto ezintle omawuzenze. Nxulumana nabantu. Tsalela uthile umnxeba. Bhala ileta. Funda incwadi. Memela abantu ekhayeni lakho. Yabelana nabanye ngezimvo. Ukuze ube nabahlobo, umele ube ngumntu onobuhlobo. Zenze ungeneke. Yiba nobubele. Yabelana nabanye ngezinto zokomoya ezithuthuzelayo. Uya kuwafumanisa amazwi kaYesu eyinyaniso: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” Uya kuphawula ubunyaniso bomnye umzekeliso: “Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.”—IZenzo 20:35; IMizekeliso 11:25.
Kuxhomekeke Kuwe
Ngaba kunzima ukwenjenjalo? Ngaba uvakalelwa kukuba kulula ukuthetha kunokwenza? Yonke into eyingenelo kulula ukuyithetha kunokuyenza. Yiyo loo nto xa uyenza usaneliseka. Kufuneka wenze umgudu okhethekileyo. Ngokuyinxenye uyapha, yaye ufumana ulwaneliseko novuyo. Kuxhomekeke kuwe ukwenza umgudu wokutshabalalisa ubulolo obufuna ukukulawula. Umbhali wephephancwadi elithi Modern Maturity wathi: “Akukho mntu wumbi kuxhomekeke kuye ukuba lilolo kwakho kodwa wena unokwenza okuthile ngabo. Unokuqalisa ngokuba ngumhlobo womntu omnye. Unokuxolela ubani ovakalelwa kukuba ukonile. Unokubhala ileta. Unokutsala umnxeba. Nguwe kuphela onokubuguqula ubomi bakho. Akukho mntu wumbi unokukwenzela kona.” Wacaphula ileta awayeyifumene “ehlaba kanye emxholweni: ‘Ndiyabaxelela abantu ukuba kuxhomekeke kubo ukuzenza bangabi ngomalolo. Tshona emxholweni!’”
Abahlobo bakho abaluncedo akunyanzelekanga ukuba ibe ngabantu kuphela. Ugqirha wamayeza emfuyo wathi: “Ezona ngxaki zinkulu abantu abakhulileyo abajamelene nazo ayikokugula kusemzimbeni, kodwa bubulolo nokuziva belahliwe. Ngokuzinika ubuhlobo . . . izilwanyana zasekhaya (kuquka nezinja) ziba luncedo kanye ngexesha umntu omdala ngokufuthi ekwindawo engenabantu.” Iphephancwadi elithi Better Homes and Gardens lathi: “Izilwanyana zasekhaya zinceda abo baphazamisekileyo ngokweemvakalelo; zihlaziya abo bagulayo, nabaneziphene; zize zihlaziye abo bangamalolo nabo bakhulileyo.” Inqaku lelinye iphephancwadi lathi ngabantu abasandul’ ukuba nomdla kwizilwanyana zasekhaya: “Amaxhala abaguli ayancipha yaye banokubonakalisa uthando kwizilwanyana zabo ngaphandle kokoyika ukungananzwa. Kamva baqalisa ukunxibelelana nabantu, okokuqala bethetha ngenyameko yezilwanyana zabo. Baqalisa ukuba nembopheleleko. Baziva befunwa, benento eyeyabo ngokupheleleyo.”
Izihlandlo ezininzi umntu olilolo akanakuzinceda ukuze achache, azikhuphe kuloo nzonzobila yokuphelelwa lithemba. Uye onqene, yaye angafuni ukuzibhokoxa ukusa kuloo mlinganiselo, kodwa ukuze aqonde owona nobangela wobulolo bakhe, umele azibhokoxe. UGqr. James Lynch wabhala ngokuxhathisa kwabantu icebiso abalifumana kunzima ukulamkela: “Imeko yabantu ikukuba ngokuqhelekileyo asifuni kuphulaphula, okanye ubuncinane asifuni ukuba kuthethwe ngendlela esiziphethe ngayo, nkcazelo leyo esingayifuniyo.” Umntu usenokufuna ukwahlukana nobulolo, kodwa usenokungafuni ukwenza umgudu ofunekayo wokuba abuphelise.
Yenza Ngendlela Ofuna Ukuvakalelwa Ngayo
Ukuze oyise udandatheko olunzulu, ubani kufuneka azingise ekuphuthumeni ukuchwayita nobubele bokwenene. (Thelekisa IZenzo 20:35.) Oku kufuna ukuba utyhudise kubulolo obendeleyo ngokwenza kanye ngokuchasene nokucubhula kwabo okubulalayo. Dlamka, yenza umngqungqo, vuma ingoma echwayitisayo. Yenza nayiphi na into ebonakalisa ulonwabo. Yibaxe, yenze ngokungaphaya kwesiqhelo. Thabathel’ indawo oko kudakumba ngeengcinga ezivuyisayo. Ezifana neziphi?
Ezifana nezo zikweyabaseFilipi 4:8: “Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.”
Kufuneka wenze ubomi bakho bube nenjongo. Ukuba uvakalelwa kukuba ubomi bakho bunenjongo ethile, uya kuba namandla okunikela ingqalelo kuyo uze ufunde ukuyiphumeza. Akunakwenzeka ukuba ube nemvakalelo yokuba lilolo elikhedamileyo. Oku kuboniswe kwincwadi kaViktor Frankl ethi Man’s Search for Meaning. Oku ukuxubusha ekuthelekisa namabanjwa awayekwiinkampu zoxinaniso zikaHitler. Lawo ayenemvakalelo yokuba ubomi bawo abunanjongo anikezela kubulolo aza aphelelwa ngumnqweno wokuphila. Kodwa “ukuqonda kukabani indlela axabiseke ngayo komelezwa ngakumbi, zizinto zokomoya, yaye akunakushenxiswa kukuphila kwinkampu yoxinaniso.” Waqhubeka wathi: “Ukubandezeleka kuyayeka ukuba kukubandezeleka ngandlel’ ithile yakuba nje injongo iqondakele, njengenjongo yokuzincama. . . . Eyona nto iyintloko ixhalatyelwe ngumntu asikokuzuza ulonwabo okanye ukuphepha intlungu, kodwa kunoko kukufumana injongo ebomini bakhe. Yiyo loo nto umntu ekulungele nokubandezeleka, kwiimeko ezithile, ukuze aqiniseke, ukuba ukubandezeleka kwakhe kunenjongo.”
Olona Lwalamano Lubalulekileyo Ulufunayo
Indlela yokuzuza imbono yokwenene yokomoya kukuzisondeza kuThixo naseLizwini lakhe, iBhayibhile. Ukholo kuThixo nokuthandaza ngokunyanisekileyo kuye kunokwenza ubomi bethu bube nenjongo. Ngoko, kwanokuba ulwalamano lwethu nabanye luyawohloka, asishiywanga kwesinomhlwa, sibe lilifa lobulolo. Njengoko uFrankl watshoyo, ukubandezeleka kukho injongo kuyanyamezeleka, yaye kude kube ngumthombo wovuyo. Enye ingcali ngendalo yabantu yathi: “Umfeli-nkolo osemthini angonwaba kangangokuba ukumkani esetroneni yakhe ammonele.”
Abapostile bakaKristu bafumana uvuyo oluvela kuYehova xa abantu babebatshutshisa; oko kubandezeleka kwaba nentsingiselo enkulu kubo. “Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.” (Mateyu 5:10-12) Intsabelo efanayo ichazwe kwiZenzo 5:40, 41: “Bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke. Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.”
Apho Utyale Khona Intyatyambo, Ikhakakhaka Alinakukhula
Zalisa umhlaba wengqondo yakho ngembewu yobuhle nangenjongo elungileyo; musa ukushiya isithuba sembewu engakhiyo yokuphelelwa lithemba nobulolo. (Thelekisa eyabaseKolose 3:2; 4:2.) Ngaba kunzima ukwenjenjalo? Kwezinye iimeko, kubonakala kungenakwenzeka. Umbhali wemibongo waphawula oku: “Apho utyale khona intyatyambo, . . . ikhakakhaka alinakukhula,” nto leyo kwakhona efuna umgudu onyanisekileyo nokuzimisela ukwenza oko. Kodwa kunokwenziwa, yaye bakho abakwenzayo.
Phawula umzekelo kaLaurel Nisbet. Waba nesifo sepoliyo yaye xa wayeneminyaka engama-36 ubudala waphila ngesixhobo sokuphefumlisa, apho walala ngomqolo kangangeminyaka engama-37. Efe umzimba ukususela entanyeni ukuhla, wayenokukwazi ukushukumisa intloko yakhe, kodwa kwakuphelele apho. Ekuqaleni waziva ephelelwe lithemba. Waza, emva kokuzisizela ithuba elingangosuku, wagqiba kweli, ‘Kwanele!’ Wayenabantwana ababini awayemele abakhulise nomyeni awayemele amnyamekele. Waqalisa ukuziphuthuma; wafunda ukunyamekela ikhaya lakhe ngoxa wayekweso sixhobo sokuphefumlisa.
ULaurel wayephuthelwa. Wayehlala enzeni ebusuku? Ngaba wayezinikela kubulolo? Akunjalo. Wayethandaza kuYise osemazulwini, uYehova. Wayethandazela ukuba omelele, wayethandazela abazalwana noodade bakhe abangamaKristu, yaye wayethandazela namathuba okunikela ubungqina kwabanye ngoBukumkani bukaThixo. Wazama iindlela zokushumayela yaye abaninzi bachukunyiswa kukunikela kwakhe ubungqina ngegama likaYehova. Akazange avumele amakhakakhaka obulolo ukuba akhule; wayexakeke kakhulu etyala iintyatyambo.
Kwakunjalo nangomnye umvangeli wasemazweni weWatch Tower, uHarold King. Egwetyelwe iminyaka emihlanu evalelwe yedwa kwintolongo yaseTshayina, kwakulula ukuba abe lixhoba lobulolo. Noko ke, akazange akuvumele oko kwenzeke, yaye ngokuzimisela ngokuthe ngcembe waphethulela ingqondo yakhe kwikhondo elahlukileyo. Kamva wakuchaza oko ngale ndlela:
“Ndalungiselela ucwangciso lomsebenzi ‘wokushumayela.’ Kodwa umntu ushumayela kubani xa evalelwe yedwa? Ndagqiba kwelokuba ndandiza kulungiselela iintshumayelo ezifanelekileyo eziphuma eBhayibhileni ndize ndishumayele kubantu bentelekelelo. Ndandula ke ndaqalisa umsebenzi, ngokungathi kunjalo, ndinkqonkqoza kumnyango wentelekelelo ndize ndinikele ubungqina kumninimzi wentelekelelo, ndityelele kwiminyango eliqela ebudeni bentsasa. Ekuhambeni kwethuba ndadibana noNkosikazi Carter wentelekelelo, nowabonakalisa umdla, kwaye emva kokumbuyela izihlandlo eziliqela salungiselela ukuba nesifundo seBhayibhile esithe rhoqo. Kwesi sifundo sagubungela imixholo eyintloko kwincwadi ethi ‘UThixo Makabe Nenyaniso,’ njengoko ndandisayikhumbula. Xa ndisenza konke oku ndandikhwaza, ukuze imvakalo yala mazwi ibetheleleke ngokunzulu engqondweni yam.”
Amawaka amaNgqina kaYehova awayevalelwe kwiinkampu zoxinaniso zikaHitler ngewayekhululwe ukuba nje ayelukhanyele ukholo lwawo. Ambalwa kakhulu awenjenjalo. Amawaka afa ethembekile—amanye ngokubulawa, amanye ngokugula nokungondleki. Elinye iNgqina elalivalelwe entolongweni—eligama linguJosef—lalinabakhuluwa balo ababini kwezinye iinkampu. Omnye wanyanzelwa ukuba alale ngomqolo ajongise ubuso phezulu ukuze abukele isabile eyayiza kunqumla intloko yakhe. UJosef wachaza: “Xa abanye enkampini beva oku bavuyisana nam. Isimo sabo sengqondo esihle sandichukumisa ngokunzulu. Ukuhlala sinyanisekile kwakuthetha okungakumbi kuthi kunokusinda.”
Omnye umntakwabo, ejongene nokudutyulwa abulawe, wabuzwa enoba kukho into awayenqwenela ukuyithetha kusini na. Wacela imvume yokuthandaza, yaye wayinikwa. Wawuzaliswe ngamazwi abangela usizi kunye novuyo olusuka entliziyweni kangangokuba xa kwakhutshwa umyalelo wokudubula akukho namnye kwelo qela lamapolisa owathobelayo. Umyalelo waphindwa emva koko kwadutyulwa isithonga esinye, sambetha emzimbeni. Linomsindo woku, igosa eliphetheyo lakhupha owalo umpu laza lagqibezela ukumbulala.
Into Enokwenza Ubomi Bube Nenjongo Ngokwenene
Zonke ezi meko zazibandakanya ukuba nokholo olomeleleyo kuThixo. Xa kuye kwazanywa onke amacebo aze asilela, lusoloko lukho ukuze loyise ubulolo luze lwenze ubomi obebukade bungento yanto buzaliswe yinjongo. Ubomi obuninzi obugqalwa njengobunentsingiselo ngendlela yehlabathi eneneni abunanjongo. Kutheni kunjalo nje? Ngokuba obu buphelela ekufeni, bubuyela eluthulini, buphoswe kwelokulibala, kungekho nto ibonakalayo uyenzileyo. Kunjengokuba INtshumayeli 9:5 isitsho: “Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.” Nabuphi na ubomi ekuthiwa bunenjongo obuphilwa ngokuchasene neenjongo zikaYehova bungamampunge.
Khawukhangele amazulu anobukhazikhazi, khangela ubukhulu besi sibhakabhaka simnyama siphezu kwentloko yakho, yaye uziva ungento yanto. Uyayiqonda indlela awayevakalelwa ngayo umdumisi uDavide xa wabhala oku: “Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo; uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?” Unyana kaDavide uSolomon wayisingela phantsi imisebenzi yomntu, esithi, “Into yonke ingamampunge,” yaye waqukumbela ngelithi: “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.”—INdumiso 8:3, 4; INtshumayeli 12:8, 13.
Ngoko, kuhlolisiso lokugqibela, umntu olilolo okanye nabani na ke, wenza njani ukuze ubomi bakhe bube nenjongo? Ngokuphila ubomi bakhe esoyika uThixo, ethobela imithetho kaThixo. Kungoko kuphela apho anokulungelelana neenjongo zikaThixo, uMdali wendalo yonke, aze abe yinxalenye yelungiselelo lobuthixo likanaphakade.
Ukuba UThixo Unawe Akusoze Ube Wedwa
Elinye iNgqina likaYehova elithembekileyo laseAfrika, emva kokunyamezela intshutshiso ekrakra nokuziva lishiyiwe, lathi kwanokuba ulwalamano lwalo nabantu lwalusilela, sekunjalo lalingelodwa. Lacaphula INdumiso 27:10: “Ngokuba uBawo noma bandishiyile, wesuka uYehova wandichola.” UYesu wavakalelwa ngendlela efanayo. “Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam.”—Yohane 16:32.
UYesu wayengoyiki ukuba yedwa. Ngokufuthi wayekufuna ngabom ukuba yedwa. Xa wayesiba yedwa, wayengabi lilolo. Wayezisondeza ukuze afumane umoya kaThixo aze azive esondele Kuye xa wayengqongwe yindalo Yakhe. Maxa wambi wayebaphepha abantu ukuze abe noThixo kuphela. ‘Wasondela kuThixo, uThixo wasondela kuye.’ (Yakobi 4:8) Ngokungathandabuzekiyo wayengoyena mhlobo kaThixo usondeleyo.
Umhlobo ofana nalowo uchazwa ziZibhalo uyinto exabisekileyo. (IMizekeliso 17:17; 18:24) Ngenxa yokholo lwakhe olugqibeleleyo kuYehova uThixo nentobelo yakhe engathandabuzekiyo kuye, uAbraham “wabizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo.” (Yakobi 2:23) UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela kona mna. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithi nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.”—Yohane 15:14, 15.
Benabahlobo abafana noYehova uThixo kunye noKristu Yesu, abo banokholo bangangaphumeleli njani kumlo wabo nxamnye nobulolo?
Ukuba, emva kokufunda eli phephancwadi, unayo nayiphi na imibuzo ngeBhayibhile, zive ukhululekile ukuqhagamshelana namaNgqina kaYehova kwiHolo yoBukumkani ekummandla okuwo, okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi. (Bona iphepha 5.)
[Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
Umthandazo neminye imisebenzi ingakunceda uphephe ubulolo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Amava kaHarold King namawaka amanye amaNgqina kaYehova kwiinkampu zoxinaniso abonisa ukuba ukuba nokholo kuThixo kunokuboyisa ubulolo naphantsi kwezona meko zinzima
[Inkcazelo]
U.S. National Archives photo