“Mhlawumbi Uya Kukhe Atshintshe”
UROXANAa ngumama oliqhakra-qhakra nothandekayo onabantwana abane, owendele kugqirha obekekileyo eMzantsi Merika. Uthi: “Umyeni wam uyathandwa ngamabhinqa nangamadoda.” Kodwa kukho icala elingathandekiyo ngeqabane likaRoxana, elingaziwayo ngabahlobo babo abasenyongweni. “Endlwini, ufana nqwa nezim. Unobukhwele obungaphaya kwengqondo.”
Inkxalabo yayibhaliwe ebusweni bukaRoxana njengoko eqhubeka neli bali. “Ingxaki yaqala emva kokuba sineeveki ezimbalwa sitshatile. Umama nabantakwethu babesityelele, yaye ndachitha ixesha ndincokola ndihleka nabo. Kodwa bathe besakumka, umyeni wam wandithatha wandiphosa esofeni ngomsindo. Ndandingathi ndiyaphupha.”
Okulusizi kukuba, yaqala loo mini intlungu kaRoxana, kuba ebengonjwa intw’ engapheliyo ukutyhubela iminyaka. Sele kubonakala ukuba uza kuphathwa kakubi into eqinileyo. Umyeni kaRoxana uyambetha, aze aqhubeke ecela uxolo, ethembisa ngelokuba akasoze aphinde. Uqhuba kakuhle—okwethutyana. Kuthi kusajongwe leyo, yehl’ intlekele aqale apho ebeyeke khona. URoxana uthi: “Ndidla ngokuzithembisa ukuba mhlawumbi uya kukhe atshintshe. Ndiyaqhwesha, ndiphinde ndibuyelane naye.”
URoxana unoloyiko lokuba ugonyamelo lomyeni wakhe luya kuze luphumele kwenye into. Uthi: “Uye wasongela ngokubulala mna, abantwana naye. Ukhe andibeke isikere emqaleni. Ukhe wandoyikisa ngompu, wawubeka endlebeni, waza wadubula! Ngethamsanqa kwakungekho zimbumbulu, kodwa ndaphantsa ndafa luloyiko.”
Bavala Phezulu
NjengoRoxana, izigidi zamabhinqa ehlabathini lonke ziphethwe kakubi ngamadoda anogonyamelo.b Uninzi lwawo luvala phezulu lungathethi ngentlungu yawo. Aqiqa ngelithi ukuyixela imeko akuyo kusenokungancedi nto. Ngapha koko, uninzi lwamadoda axhaphazayo aye akhanyela ema ngomlenz’ omnye esithi, “Umfazi wam usuka agqabhuke nje” okanye, “Uyathanda ukuzibaxa izinto.”
Okulusizi kukuba, amabhinqa amaninzi ahlala enkwantya luloyiko kwiindawo ebefanele ukuba aziva ekhuseleke gqitha kuzo—amakhaya awo. Kodwa kudla ngokuboniswa imfesane kwisikhohlakali kunakwixhoba. Enyanisweni, abanye abantu abayikholelwa nje into yokuba indoda ebonakala ingummi obekekileyo inokubetha iqabane layo. Khawucinge nje ngoko kwehlela ibhinqa eligama linguAnita xa lathetha phandle ngokuxhatshazwa kwalo ngumyeni walo obekekileyo. “Omnye wabahlobo bethu wathi: ‘Ungathini ukuxoka ngendoda enesidima kangaka?’ Omnye wathi kungenzeka ukuba ndim omchukushayo! Kwanasemva kokubhenceka komyeni wam, abanye abahlobo bam baqalisa ukuzikhwebula kum. Babevakalelwa kukuba bendimele ndimnyamezele kuba ‘anjalo kakade amadoda.’”
Njengoko amava ka-Anita ebonisa, abaninzi abayiqondi kakuhle intlungu yokuxhatshazwa liqabane lakho. Yintoni ebangela ukuba indoda ikhohlakalele ibhinqa ethi iyalithanda? Anokuncedwa njani amaxhoba ogonyamelo?
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama atshintshiwe kolu ngcelele lwamanqaku.
b Siyayiqonda into yokuba namadoda amaninzi angamaxhoba ogonyamelo. Kodwa uhlolisiso lubonisa ukuba amabhinqa asengozini enkulu yokwenzakaliswa ngendlela emanyumnyezi. Ngenxa yoko, la manqaku axubusha ukuphathwa kakubi kwamaxhoba angamabhinqa.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 4]
Umkhamo Othe Chatha Wogonyamelo Lwasekhaya
Ngokutsho kweUnited Nations Declaration on the Elimination of Violence Against Women, ibinzana elithi “ugonyamelo nxamnye namabhinqa” linokubhekisela “kulo naluphi na ugonyamelo olunento yokwenza nobuni oluphumela, okanye olusenokuphumela ekwenzakaleni emzimbeni, ngokwesini okanye engqondweni okanye ukubandezeleka kwamabhinqa kuquka izisongelo, ukunyanzela okanye ukuthintela inkululeko, enokuba loo nto yenzeka esidlangalaleni okanye ngasese.” Phakathi kwezinye izinto, olu gonyamelo luquka “ugonyamelo olungokwasemzimbeni, olungokwesini nolungokwasengqondweni olwenzeka entsatsheni nasekuhlaleni jikelele, kuquka ukubetha, ukuxhatshazwa ngokwesini kwabantwana abangamantombazana, nogonyamelo olunxulumene nekhazi, ukudlwengula iqabane lomtshato, ukwenzakaliswa kwamalungu esini amabhinqa nezinye izithethe eziyingozi kumabhinqa.”