Nank’ Uritsho
UTHI ufika nje eDhaka, ikomkhulu laseBangladesh ukhawuleze ubone into engaqhelekanga. Phakathi kwenyambalala yabantu balapho kuthe tshitshilili iinqwelwana ezingooritsho. Ezi nqwelwana zinyakazela kwizitrato zalapho nakwiindledlana zithwele abantu neempahla.
EDhaka ooritsho baseyeyona ndlela iphambili yokuthutha abantu. Nangona bengama-80 000 ooritsho abaziwa ngokusemthethweni, abantu abaninzi bacinga ukuba bangaphezu kunoko abahamba kwiindlela zalapho suku ngalunye. Eneneni, iDhaka kuthiwa sesona sixeko sinooritsho abaninzi ehlabathini!
Ooritsho Bokuqala
Nangona zazisele zikho iinqwelwana ezifana nooritsho ngoxa kwakulawula uLouis XIV waseFransi (owayephila ngowe-1638 ukuya kutsho kowe-1715), maxa wambi kudla ngokuthiwa ooritsho abatsalwa ngabantu baqala ukuveliswa nguJonathan Gable, umvangeli waseMerika owayeseJapan ngeminyaka yee-1870. Kuthiwa wenza inqwelo entsha elungiselela inkosikazi yakhe eyayikhathazwa yimpilo yaye yayiyeyokuqala eyathiywa igama lesiJapan eliyijinrikisha, elithetha inqwelo erhuqwa ngumntu. Igama lesiNgesi lale nqwelwana “yi-rickshaw.” Ekuhambeni kwexesha eAsia kwabakho iintlobo ezahlukahlukeneyo zooritsho yaye babeyindlela engabizi mali yezothutho. Xa uCharles Taze Russell (ongasekunene), owayesongamela uMbutho waBafundi BeBhayibhile (njengoko ayebizwa ngolo hlobo amaNgqina kaYehova), watyelela eJapan ngowe-1912, igqiza awayehamba nalo lalisebenzisa ooritsho ebudeni botyelelo lwalo kwelo lizwe.
Ooritsho abanamavili amathathu baqala ukwenziwa eDhaka, ngasekupheleni kweminyaka yee-1930. Ngokungafaniyo nooritsho abarhuqwa ngabantu ngeepali ezimbini, aba bafana nebhayisikile ezinkulu ezinamavili amathathu. Umqhubi karitsho wayenyova ivili langaphambili. Wayetsho akwazi ukuthutha abantu nemithwalo yabo abase kwiindawo ezithe qelele, yaye wayeyiqhuba lula inqwelwana yakhe kwiindlela eziphithizelayo nezixineneyo.
Ooritsho Abahonjisiweyo
Ooritsho baseDhaka babhonte-bhonte yimihombiso. Ivela phi le nto yokuhonjiswa kooritsho? Ukufika kooritsho eDhaka, kwanyanzeleka ukuba bakhuphisane neenqwelo ezirhuqwa ngamahashe ezibizwa ngokuba ziitomtoms, nazo ezazisetyenziselwa ukuthutha abantu nemithwalo. Mhlawumbi ukuze batsale abantu kule ndlela intsha yothutho, abaqhubi booritsho baqalisa ukubahombisa. Le mizobo nezibhengezo ekugqibeleni yaba yimihombiso ebukekayo.
Bayachukumiseka abantu xa beqala ukubona ubuhle bale mihombiso ikwezi nqwelo. Eneneni, uSyed Manzoorul Islam, ongumgqabazi ngezobugcisa waseBangladesh, wachaza ooritsho baseDhaka “njengeendawo zokubonisa imifanekiso ezihambayo.” Ooritsho babhanya-bhanya yimifanekiso. Bajingisa amagqesha, iinkcenkce namaso amenyezelayo emacaleni naseluphahleni.
Gcisa ngalinye linendlela yalo yokuhombisa nezinto elizithandayo. Eminye imizobo ifana nebhodi yokubhengeza eba nemifanekiso yemiboniso bhanya-bhanya yaseIndiya neyaseBangladesh, yamandulo neyangoku. Le mifanekiso isikhumbuza ngamaxesha amnandi obomi basemaphandleni neendawo zasezilalini, yaye maxa wambi ibonisa imiba yasekuhlaleni neyeepolitiki. Ezona zinto zidla ngokuzotywa zizilwanyana, iintaka, ukuzingela neendawo ezintle zelizwe.
Ngeminyaka yee-1950, babembalwa kakhulu abantu ababezoba ooritsho. Sithethanje, amalunga nama-200 nama-300 amagcisa awenza le mizobo. Ooritsho aba benziwa kwiindawo ezikhethekileyo, ngokudityaniswa kwezinto ezindala. Ngokomzekelo, ichule liye lithathe inkcenkce esikwe kwitoti yeoli yokupheka okanye enye into elahliweyo, lize liyifake ipeyinti ye-enamel lenze umfanekiso obhanya-bhanya. Ukuzotywa kooritsho kuyeyona nto iphambili eBangladesh. Yeyona nto inomtsalane nelaziwa ngayo elo lizwe.
Umqhubi Karitsho
Unokuyiqonda into yokuba umqhubi karitsho usebenza nzima. Khawuzithelekelele nje uchitha imini yonke unyawuza le nqwelo isindwa ngabantu nemithwalo enzima. Abantu abakhwela apha baquka oomama, abantwana besikolo, oosomashishini okanye abathengi abanemithwalo. Ezinye izinto ezikhweliswa kooritsho ziingxowa zerayisi, iitapile, amatswele, okanye izinongo zabathengisi basemarikeni. Maxa wambi, uya kufika kukho umntu othe ngcu phezu kwemithwalo yakhe. Xa ubukele, usenokubona ngathi yinto engenakwenzeka ukuba umqhubi arhuqe umthwalo ongako ukuba nzima. Sekunjalo kushushu kunetha, umqhubi othobekileyo karitsho usebenza nzima engakhalazi.
Abaqhubi abaninzi baya ezixekweni besuka kumaphandle ahlwempuzekileyo ngenxa yokuba kunzima ukuphila ngokulima. Ngenxa yokuba bengenakukwazi ukufumana imisebenzi ehlawulayo, abaninzi bashiya iintsapho zabo ukuze babe ngabaqhubi booritsho. Nakuba besebenzisa amandla abo, bafumana imali elingana needola (zaseUnited States) ezimbalwa ngosuku.
Uhlobo Lothutho Olufana Lodwa
Ooritsho baninzi eDhaka ngenxa yemihlaba yalapho ethe tyaba, iindledlana kwakunye neendawo ezingakwaziyo ukungena kuzo ezinye iintlobo zothutho. Abaninzi abaneli nje ukugqala le nqwelo njengengawungcolisiyo umoya neneengenelo kuphela kodwa bayakunandipha ukuyikhwela.
Kwizixeko ezininzi zaseAsia, ooritsho abasekho baninzi njengakuqala. Kwezo ndawo ukufunwa kwendlela yothutho elayisha abantu abaninzi nobomi bezi mini kubangele ukuba ooritsho bangabi yomfuneko. Noko ke, ngoxa abantu abaninzi benokubagqala njengabaphelelwe lixesha, kwenziwa umgudu wokulondoloza ooritsho ngokubaphucula.
Xa uhamba eDhaka, unokukhetha iindidi ezahlukahlukeneyo zothutho—ibhasi, iteksi, isithuthuthu, uritsho oyinqwelo okanye uritsho oyibhayisikile emibalabala. Kodwa akunakuze uyilibale indlela oya kukhwela kamnandi ngayo kwibhayisikile enguritsho kwizitrato zaseDhaka ezinyakazelayo!
[Umfanekiso okwiphepha 23]