Ngaba UThixo Usikhathalele?
NGENTSASA yangoNovemba 1, 1755, isixeko saseLisbon, ePortugal santlithwa yinyikima. Emva koko kwalandela itsunami nomlilo ezatshabalalisa inxalenye enkulu yeso sixeko zaza zabulala amawaka abantu.
Emva kwenyikima yaseHaiti yowama-2010, iphephancwadi laseKhanada iNational Post lathi: “Zonke iintlekele ziyaluvavanya ukholo lwabantu. Kodwa ke ezinye iintlekele, ezifana nenyikima yaseHaiti ziluvavanya nangakumbi ukholo.” Eli nqaku laqukumbela lisithi: “Mhlawumbi uThixo wayeyilahlile iHaiti.”
Ekubeni ‘enguSomandla,’ uYehova uThixo unamandla angenakuthelekiswa nanto yaye uyakwazi ukuphelisa ukubandezeleka. (INdumiso 91:1) Ukongezelela, sinokuqiniseka ukuba usikhathalele. Kutheni sisitsho nje?
Yintoni Esiyaziyo NgoThixo?
UThixo uyavelana nabantu ababandezelekileyo. Xa amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa yaye ephethwe kakubi, uThixo wathi kuMoses: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.” (Eksodus 3:7) Kubonisa ntoni oku? Kubonisa ukuba uThixo akakubethi ngoyaba ukubandezeleka kwabantu. Kunoko, kwiinkulungwane kamva umprofeti uIsaya wabhala wathi ngamaSirayeli: “Ebudeni bokubandezeleka kwabo konke wabandezeleka.”—Isaya 63:9.
“Zonke iindlela zakhe zisesikweni.” (Duteronomi 32:4) UThixo wenza yonk’ into ngokusesikweni yaye akanamkhethe. “Uya kuyigcina indlela yabanyanisekileyo bakhe” kodwa uya ‘kubabuyekeza ngembandezelo abo babandezela’ amalungisa. (IMizekeliso 2:8; 2 Tesalonika 1:6, 7) Akanamkhethe kuba, “akathandi balawuli okanye akhethe izityebi kunamahlwempu kuba wonke umntu udalwe nguye.” (Yobhi 34:19, iToday’s English Version.) Kwakhona uThixo uyayazi eyona ndlela yokuphelisa ukubandezeleka kwabantu. Ukanti zona izicombululo zabantu zinokufaniswa nebhandeji elibophe inxeba. Nangona ibhandeji lisenokulifihla inxeba kodwa alilinyangi.
UThixo ‘unenceba nobabalo . . . yaye unobubele bothando obuninzi.’ (Eksodus 34:6) Igama elithi ‘inceba’ elisetyenziswe eBhayibhileni libhekisela kuvelwano nosizi olubangela umntu ancede omnye. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ubabalo’ lithetha “uvelwano oluqhuba umntu ukuba ancede omnye osweleyo.” Ngokutsho kweTheological Dictionary of the Old Testament, igama elithi ‘ububele bothando’ liquka “ukunceda umntu obandezelekileyo.” Ngoko ke, uYehova uThixo akabi buhlungu nje kuphela xa ebona umntu obandezelekileyo kodwa inceba, ubabalo nobubele bothando bakhe bumenza amncede loo mntu. Ngoko ke sinokuqiniseka ukuba uza kukuphelisa ukubandezeleka.
Inqaku elidluleyo lichaze izinto ezintathu ezifak’ isandla ekubandezelekeni kwabantu namhlanje, zinto ezo zingabangelwa nguThixo. Ngoku makhe sithethe ngonobangela wazo.
Izigqibo Esizenzayo
Ekuqaleni uAdam wayelawulwa nguThixo. Noko ke, xa wanikwa ithuba lokuzikhethela, wakhetha ukulugatya ulawulo lukaThixo ukuze abone imiphumo yokuzimela geqe. Akazange asinanze isilumkiso esikwiGenesis 2:17 esithi: “Uya kufa ngokuqinisekileyo.” Ukungathobeli ulawulo lukaThixo olugqibeleleyo kwabangela isono nokungafezeki. IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Kodwa uThixo aza kuyisusa imiphumo yesono.
Iziganeko Ezenzeka Ngequbuliso
Njengoko kuchazwe ngasentla, umntu wokuqala uAdam walugatya ulwalathiso lukaThixo—olufunekayo ukuze abantu bahlale bekhuselekile kwanakwiintlekele zemvelo. Isigqibo sakhe sinokufaniswa nesigulana esalayo ukunyangwa ngugqirha. Ukuba isigulana asiyazi ingozi ekuyo impilo yaso, sinokufumana imiphumo ebuhlungu ngenxa yokungakhathali. Ngokufanayo, kukuphatha kakubi kwabantu umhlaba—okuquka iindlela zokwakha ezingakhuselekanga nokungawaqondi kakuhle amandla omhlaba—okudla ngokuba ngunobangela weentlekele zemvelo. Noko ke, uThixo akayi kukuvumela oku ukuba kuqhubeke ngonaphakade.
“Umlawuli Weli Hlabathi”
Kwakutheni ukuze uThixo avumele uSathana alawule umhlaba emva kokuba evukele? Ngokutsho komnye umthombo, “oorhulumente abatsha badla ngokutyhola abo badluleyo xa kukho iingxaki.” Ukuba uYehova wayemtshabalalisile kwangoko “umlawuli weli hlabathi,” uSathana wayeza kutyhola uMlawuli wangaphambili uThixo, ngokoyisakala kwakhe ukulawula. (Yohane 12:31) Noko ke, ukuvumela uSathana ukuba alawule ihlabathi kuye kwambhenca ukuba akakwazi ukulawula. Kodwa ke, Sinokuqiniseka njani ukuba ukubandezeleka kuza kuphela?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ngaba ugqirha angasebenzisa nje ibhandeji ukuze anyange inxeba?